Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Iqunube Elinombala Oluhlaza Okhazimlayo

Iqunube Elinombala Oluhlaza Okhazimlayo

ELI liqunube elincinci lesityalo iPollia condensata. Lifumaneka eAfrika ibe akuzange kubonwe nasiphi na isityalo esinombala oluhlaza njengalo. Lo mbala walo uluhlaza kangaka awufakwanga dayi. Kodwa yintoni ebangela ukuba ube luhlaza ngolu hlobo?

Khawucinge ngoku: Uqoqo lweeseli ezikwixolo leli qunube lunemisonto emincinci exineneyo. Le misonto yenza imicu, ibe mcu ngamnye uhleli phezu komnye ngohlobo lokuba ube yinto ejijekileyo. Le misonto ayikho luhlaza. Umbala oluhlaza ubonakala ngenxa yendlela epakishene ngayo. Ngoko yindlela elakhiwe ngayo eli qunube ebangela ukuba libe nalo mbala umenyezelayo, kungekhona idayi. Iiseli zalo ezininzi zibonakala ngathi ziluhlaza. Kodwa xa ukwelinye icala, zisenokubonakala zipinki okanye zimthubi ngenxa yotshintsho oluncinci olwenzeka kwimicu yazo. Ngaphezu koko, xa uyijonga ukufutshane le mibala, ayicaci kakuhle.

Ngenxa yokuba ingeyodayi ebangela ukuba la maqunube abe nalo mbala, uhlala ukho nokuba sele ewile kumthi wawo. Phofu nalawo aqokelelwa kwiminyaka emininzi eyadlulayo, umbala asawugcine ngokungathi asand’ ukhiwa emthini! Abaphandi bathi, nangona engenazo iipete, abangela ukuba iintaka zivuz’ izinkcwe xa ziwabona.

Oososayensi bathi umbala wala maqunube unokukhuthaza ukuba kuzanywe ukwenziwa izinto ezinombala ongaphumiyo okanye amaphepha angakopekiyo.

Ucinga ntoni? Ngaba iqunube elinombala oluhlaza okhazimlayo lazivelela? Okanye ladalwa?