Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NGABA YADALWA?

Indlela Abamile Ngayo Oonokrwece

Indlela Abamile Ngayo Oonokrwece

OONOKRWECE bakhusela izinto eziphila ngaphakathi kubo kwiimeko ezinzima zaphantsi kwamanzi. Indlela abazikhusela ngayo ezi zinto ibangele ukuba oononjineli bafunde indlela abamile ngayo ukuze kwenziwe iimoto nezakhiwo eziza kukwazi ukukhusela abantu.

Khawucinge ngoku: Oononjineli baye bafunda kwiintlobo ezimbini zoonokrwece​—ekuthiwa yibivalve (emile okweqokobhe leoyster) nekuthiwa sispiral (emile okweskrufu).

Unokrwece ibivalve unemigca engaphandle ethwala zonke izinto ezinokuba yingozi kwinto ephila ngaphakathi izise apho adibana khona nalapho avuleka khona. Sona ispiral sizisa kweyona ndawo ibanzi kufutshane nendawo evulekileyo. Bobabini aba nokrwece bakhusela izinto ezingaphakathi ngeendawo abomelele kuzo, ngoko nokuba bangophuka, zona izinto eziphila ngaphakathi zikhuselekile.

Abaphandi baye bathelekisa indlela oonokrwece abenziwe ngabantu abakwazi ngayo ukukhusela izinto ezingaphakathi kubo kunye naba bendalo. Bafumanise ukuba abona bomeleleyo nabakwaziyo ukuwenza kakuhle lo msebenzi ngaba bendalo.

Ithetha ngezinto abazifumene kolu phando, iScientific American ithi: “Ukuba kungaze kwenziwe imoto efana naba nokrwece, ingayimoto entle nekwaziyo ukukhusela abantu abangaphakathi.”

Ucinga ntoni?: Ngaba indlela amile ngayo unokrwece yazivelela? Okanye yadalwa?