Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Ukunceda Abazalwana Abahlelwe Yintlekele

Ukunceda Abazalwana Abahlelwe Yintlekele

FEBRUWARI 1, 2021

 Ngonyaka ka-2020 ziye zaninzi iintlekele zemvelo kwaza kwaqala neKhorona kwihlabathi lonke. AmaNgqina KaYehova aye abanceda njani abazalwana?

 Kunyaka wenkonzo ka-2020, a iKomiti Yabanxibelelanisi yeQumrhu Elilawulayo iye yavuma ukuba kusetyenziswe imali engange-R422 935 800 ukuze kuncedwe abantu abahlelwe ziintlekele. Le mali iye yanceda kwiintlekele ezingaphezu kweziyi-200 ezinjengeKhorona, iinkanyamba, izikhukhula eAfrika, ukunqaba kokutya eVenuezela nembalela eZimbabwe. Izinto ezifana nokutya, amanzi, indawo yokuhlala, iimpahla, amayeza, izinto zokuklina, ezokulungisa nezokwakha izindlu ezidilikileyo ziye zabhatalwa ngale mali. Masithethe ngemizekelo yendlela abancedwe ngayo abazalwana.

 IKhorona. IKhorona iye yabangela ukuba abazalwana abasemhlabeni wonke babe nengxaki yempilo, yestres nemali. Ukuze bancedwe, kuye kwasekwa iiKomiti Zokunceda Kwintlekele ezingaphezu kwe-800 emhlabeni wonke. Ezi komiti bezifumana inkcazelo ngezinto ezidingwa ngabazalwana zize zibhale ingxelo eya kwiKomiti Yabanxibelelanisi ukuze yona igqibe ngendlela yokunceda kwintlekele.

 Ebudeni bonyaka, ezi Komiti zanceda abantu abaninzi bafumana ukutya, amanzi, izinto zokucoca kunye namayeza. Zasebenzisana kunye nabadala abasekuhlaleni ukuze kuncedwe abazalwana bafumane uncedo lukarhulumente.

 Abantu abangengomaNgqina bawubonile umsebenzi wethu wokunceda kwintlekele. Ngokomzekelo, uField Simwinga ongumphathi wabasebenzi bakarhulumente kwingingqi yaseNakonde, eZambia uthi: “Sibulela kakhulu ngokunceda ezi ntsapho ngokukhawuleza.”

 Ukunqaba Kokutya eAngola. Ngenxa yeKhorona, ukutya kwanqaba ibe amaxabiso onyuka kakhulu eAngola. Abazalwana noodade abaninzi babengakwazi ukuthenga ukutya.

Iipasile zokutya zithunyelwa eAngola zisuka eBrazil

 Isebe laseBrazil lacelwa ukuba lincede abazalwana bethu baseAngola ngokuthumela ukutya. Ukuze kusetyenziswe kakuhle iminikelo, abazalwana bacinga ngeendlela zokuthenga nokuthumela ukutya, baye bakuthenga kwakuninzi ngexesha elinye. Ngenxa yoko, ukuthenga nokuthumela ipasile yokutya enye ngokomlinganiselo kwakubiza i-R332. Loo pasile yayinokutya okuziikhilogram eziyi-20, okunjengerayisi, iimbotyi kunye namafutha okupheka. Ngoku kuye kwathunyelwa iipasile eziyi-33 544. Loo nto ithetha iikhilogram eziyi-654 000. Xa kudityaniswa nezinto ezithengwe lisebe laseAngola, ezi zinto zincede abantu abangaphezu kwe-50 000.

 Baziva njani abazalwana ngoncedo abalufumeneyo? UAlexandre ohlala emaphandleni aseAngola, uthi: “Le nto indenza ndiqiniseke ukuba uYehova uyandithanda ibe andikho ndedwa. Ndibalulekile kwintlangano yakhe!” UMariza ongumama okhulisa abantwana yedwa, uthi: “UYehova wawuphendula umthandazo wam. Ndiyambulela yena nentlangano yakhe!”

Abazalwana baseAngola bayaluvuyela uncedo abalufumeneyo

 Ukunceda Kwimbalela yaseZimbabwe. Kunyaka wenkonzo ka-2020, eZimbabwe bekukho imbalela eye yashiya iimiliyoni zabantu zisifa yindlala. Phakathi kwabo bekukho namawaka amaNgqina.

 Kuye kwamiselwa iiKomiti ezintlanu ukuze zincede abazalwana bethu ngokutya. Abavakalisi abaninzi bancedisa ngokupakisha ukutya, ngokulayisha ezinye izinto eziluncedo okanye ngokubolekisa ngeemoto zabo. b Kunyaka wenkonzo ka-2020 kuye kwasetyenziswa i-R10 445 925 ukuze abantu abangephezu kwe-22 700 bathengelwe ukutya.

Abazalwana noodade baseZimbabwe bafumana ukutya (ngaphambi kokuqala kweKhorona)

 Kwezinye iindawo kwathi kufika uncedo babe abazalwana bephelelwe kukutya. Abazalwana bambulela uYehova xa bafumana ukutya. Abanye bade bacula neengoma zoBukumkani.

 Kwenye indawo oodade ababini abangabahlolokazi, baya kwintlanganiso eyayibizwe ngumbutho ongekho phantsi kukarhulumente ukuze kuthethwe ngendlela yokunceda abantu abadinga ukutya. Kwabonakala ukuba kufuneka bathathe icala kwezopolitiko. Ngoko zange bavume ukwenza izinto ekwakusithiwa mabazenze ukuze bafumane uncedo. Njengoko bemka phakathi kule ntlanganiso bagezelwa kusithiwa, “Ningabuyi nizokucela ukutya kuthi!” Kuthe kungekapheli neeveki ezimbini, bafika abazalwana bephathele oodade ukutya, kungekafiki okuya bekuthenjiswe ngumbutho ongenzimali.

UPrisca uthi, “uYehova zange wabaphoxa abakhonzi bakhe.”

 Uncedo oluye lwanikelwa eZimbabwe luye lwenza abanye abantu bafuna ukufunda iBhayibhile. Khawucinge ngoPrisca ohlala kwenye ilali. Nangona bekukho imbalela, ebesiya entsimini qho ngoLwesithathu nangoLwesihlanu kwanangexesha lokulima. Abantu baselalini yakhe babemgezela besithi: “Intsapho yakho iza kulamba ulibele kukushumayela nje.” Wayedla ngokuphendula athi: “UYehova zange wabaphoxa abakhonzi bakhe.” Zange kudlule ixesha elide wafumana ukutya okusuka kwintlangano. Bayithanda le nto abamelwane bakhe baza bathi kuye: “UThixo zange wakuphoxa, nathi sifuna ukufunda ngaye.” Ngoku abamelwane bakhe abayi-7 bamamela iintlanganiso ezidlalwa kwirediyo.

 Njengoko isiphelo sisondela, kuza kuqhubeka kusibakho iintlekele. (Mateyu 24:3, 7) Enkosi ngeminikelo yakho ethunyelwe ngeendlela ezahlukahlukeneyo eziku-donate.isa4310.com. Iza kusetyenziselwa ukunceda abantu abahlelwe ziintlekele nanini na zivela.

a Unyaka wenkonzo ka-2020, uqale ngoSeptemba 2019 waphela ngoAgasti 2020.

b Ngexesha leKhorona abazalwana kuye kufuneka kuqala bacele iimpephamvume zokuhambisa ukutya. Baye benza izinto eziza kwenza bakhuseleke kwiKhorona.