Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Amaqhuqhuva Atshintsha Ubomi

Amaqhuqhuva Atshintsha Ubomi

OKTOBHA 1 2021

 IMboniselo yangoJuni 1 1912 yathi, “mhlawumbi abaninzi kubantu abafunda iincwadi zethu baqhelene nabantu abangaboniyo.” “Banokufumana iincwadi zokufunda bengakhuphanga nesenti. Ezi zinto zokufunda ziprintwa zinamaqhuqhuva amakhulu ukuze abantu abangaboniyo bakwazi ukuzifunda.” Le Mboniselo yaphinda yathi, “abaninzi kubantu abangaboniyo bayavuya xa besiva ukuba kwihlabathi elitsha siza kufumana iintsikelelo.”

 Xa kwakubhalwa la mazwi, amazwe athetha isiNgesi ayesebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo zokwenza ibraille. Kodwa amaNgqina kaYehova ayesele efundisa inyaniso esebenzisa amaqhuqhuva ebraille futhi asenza loo nto nangoku. Ngoku sineencwadi nezinto ezirekhodiweyo zebraille ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-50. Zenziwa njani?

Amachaphaza ayi-6 amela iicharacters.

Ukukhuphela Nokwenza Amaqhuqhuva Ebraille

 Into yokuqala xa kusenziwa ibraille kukutshintsha amagama abe ngamaqhuqhuva. UMichael Millen osebenza kwiText Processing ePatterson, eNew York uthi, “Kwixesha elidlulileyo besisebenzisa isoftware eyenziwe ngabantu ukuze sikhuphele ibraille. Kodwa ibingasebenzi kuzo zonke iilwimi zethu. Ngoku sisebenzisa iWatchtower Translation System ekwaziyo ukwenza ibraille ngeelwimi ezininzi emhlabeni wonke. Futhi ayikho efana nayo.”

 Iincwadi zebraille azinamaqhuqhuva nje qha, zikwacacisa nemifanekiso. Ngokomzekelo, umfanekiso ongaphandle kwincwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade, ucaciswe ngale ndlela: “Indoda yehla kwindlela enamajikojiko, ejikelezwe zizityalo iintaba, neenduli.” UJamshed osisicaka solungiselelo novulindlela ongaboniyo uthi, “Le ngcaciso yemifanekiso ixabiseke kakhulu kum.”

 Emva kokuba kukhutshelwe amagama kwibraille, iifile zithunyelwa kwiiofisi zamasebe eziprinta iincwadi zebraille. Xa zifika apho ziyatshintshwa kwenziwe amaqhuqhuva ngephepha eliqinileyo elingazukumoshakala ngokukhawuleza. Emva koko la maphepha ayaqokelelwa, adityaniswe, abe yincwadi yabantu abangaboniyo ize ithunyelwe neencwadi eziya emabandleni. Okanye ukuba iiposi zinalo ilungiselelo labantu abangaboniyo, kuye kusetyenziswe lona. Xa kuyimfuneko amasebe anokulungiselela ukuthumela ezi ncwadi ngendlela ekhawulezileyo ukuze abazalwana abangaboniyo okanye abangaboni kakuhle, bazifumane ukuze bazisebenzise kwiintlanganiso.

 Lo msebenzi uye ufune ixesha elininzi nemali. Phofu, eWallkill, eNew York ixesha abalithathayo ukuze benze iiBhayibhile zebraille ezimbini, liyalingana nexesha abalithathayo xa beprinta iiBhayibhile eziyi-50 000 eziqhelekileyo. Kukho imiqulu eyi-25 kwiBhayibhile nganye yesiNgesi yebraille. Izinto zokwenza le miqulu, zibiza ngaphezu kwezinto ezifunekayo ukuze kwenziwe iBhayibhile eqhelekileyo.

INguqululelo Yehlabathi Elitsha yesiNgesi inemiqulu eyi-25!

 Baziva njani abo bancedisayo ekwenzeni ibraille? UNadia osebenza kwisebe laseMzantsi Afrika uthi, “Abazalwana noodade abangaboniyo okanye abangaboni kakuhle abaphili ubomi obulula, ngoko kum yintsikelelo ukubanceda. Kucacile ukuba uYehova ubathanda nyhani.”

Funda Ukufunda Ibraille

 Kufanele kwenziwe ntoni xa umntu ongaboniyo engakwazi ukufunda ibraille? Kwiminyaka embalwa eyadlulayo, sakhupha incwadi ethi Learn to Read Braille, enecala elibhaliweyo nelebraille. Yenzelwe ukusetyenziswa ngabantu ababonayo nabangaboniyo. Le ncwadana inazo nezixhobo ezinokusetyenziswa ngabantu abangaboniyo ukuze babhale. Umntu ofunda ibraille usebenzisa ezi zixhobo ukuze azibhalele amaqhuqhuva ebraille. Le nto ebeyibhalile imnceda akhumbule iqhuqhuva ngalinye ngokulibamba.

“Andikwazi Nokuzibamba Luvuyo”

 Ziye zabanceda njani abazalwana abangaboniyo nababona nzima ezi ncwadi zebraille? UErnst waseHaiti, wayedla ngokuya kwiintlanganiso zebandla kodwa engenazo iincwadi zebraille. Ngenxa yaloo nto, kwakufuneka ayazi ngentloko into aza kuyithetha xa enikela iintetho naxa ephendula kwiingxubusho. Uthi, “Kodwa ngoku ndiyakwazi ukuphendula nani na ndifuna. Ngoku ndiziva ndimanyene nabazalwana noodade. Sonke sifundiswa ngendlela efanayo nguYehova.”

 UJan waseAustria ongumdala ongaboni kakuhle, Nongumqhubi Wesifundo SeMboniselo neseBhayibhile Sebandla uthi, “iincwadi zethu zebraille zicacile kunezinye zebraille endikhe ndazifunda. Ngokomzekelo, sinamanani amaphepha, imibhalo esemazantsi ekulula ukuyifumana, nengcaciso yemifanekiso echanileyo.”

 USeon-ok onguvulindlela waseMzantsi Korea akaboni ibe akeva. Ekuqaleni, wayecaciselwa ngokubanjwa ezandleni kwiintlanganiso, kodwa ngoku uyakwazi ukufunda iBhayibhile esebenzisa izixhobo zebraille. Uthi, “Ezinye iincwadi eziqhelekileyo zebraille kunzima ukuzifunda kuba amaqhuqhuva awekho onke, imigca igoso nephepha licekeceke, kodwa amaNgqina kaYehova asebenzisa iphepha eliqinileyo ibe ayaqiniseka ukuba onke amaqhuqhuva aphelele. Loo nto ibangela ukuba kube lula kum ukufunda.” Uphinda athi, “bendikade ndincedwa ngabanye abantu ukuze ndifunde iincwadi zeBhayibhile, kodwa ngoku ndiyazifundela. Kuyandivuyisa ukukwazi ukulungiselela iintlanganiso ndize ndincedise kuzo. Ndizifunda zonke iincwadi zethu zebraille. Ungaske uthi andikwazi kuyeka ukuzifunda.”

 Njengeencwadi zethu eziprintiweyo, iincwadi zethu zebraille zinala mazwi athi, “Le ncwadi ayithengiswa, yenzelwe ukufundisa abantu iBhayibhile ehlabathini lonke ibe ixhaswa ngeminikelo.” Enkosi ngokwenza iminikelo ngezi ndlela ziboniswe kudonate.isa4310.com. Iminikelo yenu inceda ekwenzeni iincwadi zeBhayibhile zifunyanwe ngabantu abangaboniyo nabangaboni kakuhle.