Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ilbusca/E+ via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Kutheni Abantu Bengakwazi Ukuxolelana?—Ithini IBhayibhile?

Kutheni Abantu Bengakwazi Ukuxolelana?—Ithini IBhayibhile?

 Iinkokheli zehlabathi nemibutho yamazwe azikwazanga ukwenza kubekho uxolo ebantwini. Kule mihla, kukho imilo emininzi kakhulu engazange ibekho ukususela kwixesha leMfazwe Yehlabathi Yesibini. Abantu abamalunga ne-2 bhiliyoni bahlala kwiindawo ezinaloo milo.

 Kutheni abantu bengakwazi ukwenza kubekho uxolo? Ithini iBhayibhile?

Izizathu ezintathu ezibangela abantu bangakwazi ukwenza uxolo

  1.  1. Indlela abantu abacinga ngayo ibenza bangakwazi nokuzama ukwenza uxolo. IBhayibhile yachaza kwakudala ukuba kweli xesha lethu, “abantu baza kuthanda iziqu zabo, bathande imali, baqhayise, baziphakamise, . . . bangathembeki, . . . babe nenkani, . . . bangakwazi kuzibamba, babe ziindlobongela, . . . bangafuni kumamela mntu, bakhukhumale likratshi.”—2 Timoti 3:2-4.

  2.  2. Noba abantu baninzi okanye mnye, abanakukwazi ukulungisa iingxaki zabo ngaphandle kokuncedwa nguMdali wabo uYehova a uThixo. IBhayibhile ibonisa ukuba, “umntu ohambayo akanalo kwaigunya lokwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23

  3.  3. Ihlabathi lilawulwa ngumlawuli onamandla nowenza izinto ezimbi uSathana uMtyholi, lowo “ulahlekisa umhlaba wonke.” (ISityhilelo 12:9) Njengokuba “lonke ihlabathi lilawulwa nguSathana,” kuseza kuqhubeka kukho iimfazwe nemilo.—1 Yohane 5:19.

Ngubani onokwenza kubekho uxolo?

 IBhayibhile ibonisa ukuba nguThixo oza kwenza kubekho uxolo, hayi abantu.

  •   “‘Kuba mna ndizazi kakuhle izinto endizicingayo ngani,’ utsho uYehova, ‘ndicinga ngoxolo, kungekhona intlekele, ukuze ndininike ithemba nekamva.’”—Yeremiya 29:11.

 UYehova uza kuyenza njani loo nto? “UThixo onika uxolo uza kumtyumza uSathana.” (Roma 16:20) Uza kusebenzisa urhulumente wasezulwini obizwa ngokuba “buBukumkani bukaThixo,” ukuze enze kubekho uxolo emhlabeni wonke. (Luka 4:43) Xa uKumkani wobo Bukumkani, uYesu Kristu elawula emhlabeni, uza kufundisa abantu indlela abanokwenza ngayo ukuze babe seluxolweni.—Isaya 9:6, 7.

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.