Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

I-JW LIBRARY

Dawunlowuda Uze Usebenzise Uncwadi​—Kwi-iOS

Dawunlowuda Uze Usebenzise Uncwadi​—Kwi-iOS

Zininzi iincwadi, iincwadana, amaphecana onokuwafunda neevidiyo onokuzidawunlowuda uzibukele kwiJW Library.

Landela le miyalelo ukuze udawunlowude uze usebenzise uncwadi:

 Dawunlowuda Uncwadi

Ungadawunlowuda uncwadi ofuna ukulufunda kangangoko ufuna.

  • Cofa kwindawo ethi Publications ukuze ubone uludwe loncwadi olukhoyo.

  • Cofa kwindawo ebonisa uludwe lweelwimi uncwadi olufumaneka ngazo. Khetha ulwimi olufunayo. Iilwimi ozisebenzisa kakhulu zidla ngokuvela kuqala kuludwe. Unokukhangela ulwimi olufunayo ngokulubhala.

Kukho iindlela ezahlukahlukeneyo zokukhangela uncwadi kwiJW Library.

Indawo ethi By Type ibonisa uncwadi oludwelisiweyo ngolwimi olukhethileyo, iincwadi, amaphecana, okanye iividiyo. Xa ucofa phantsi kwale ndawo, ufumana uncwadi onokukhetha kulo, ngokomzekelo iiWatchtower zidweliswe ngokweminyaka ukanti phantsi kwendawo ethi Videos kukho ezahlukahlukeneyo. Xa ufuna ukubuyela ekuqaleni koludwe, cofa indawo ethi All Types.

Indawo ethi What’s New ibonisa uncwadi olutsha lolwimi olukhethileyo.

Uncwadi olungekadawunlowudwa luba nophawu lwelifu. Cofa uncwadi ukuze uludawunlowude. Emva kokuba uncwadi lungenile kwisixhobo sakho, uphawu lwelifu luyemka. Ukuba uza kufunda, ungaphinda ucofe.

Indawo ethi Downloaded ibonisa lonke uncwadi oye waludawunlowuda nangaluphi na ulwimi. Ungalungelelanisa uncwadi lwakho ngolu hlobo: Frequently Used, Rarely Used, okanye Largest Size.

Cima Uncwadi

 Ungalucima uncwadi ongasaludingiyo okanye xa ufuna kubekho indawo yokufaka olunye.

Cofa indawo ethi Publications, uze ucofe uhlobo loncwadi (ngokomzekelo, Books) ukuze kuvele uludwe loncwadi. Cofa kwindawo enamachaphaza amathathu yokucima uze ucofe uncwadi ofuna ukulucima. Enye indlela yokucima uncwadi kukulucinezela. Cofa kwindawo ethi Delete, ukuze ucime uncwadi.

Ukuba ufuna ukuvula indawo, unokucima uncwadi ongafane ulusebenzise okanye olugqiba indawo. Cofa kwindawo ethi Publications, uze uye kwindawo ethi Downloaded, kamva uzilungelelanise ngokuqala ngoRarely Used okanye uLargest Size. Cima uncwadi ongasaludingiyo.

Fumana Uncwadi Oluhlaziyiweyo

 Maxa wambi uncwadi osele uludawunlowudile kuza kufuneka uluhlaziyile.

Uncwadi oluhlaziyiweyo luza kubonakala ngolu phawu. Xa ucofa nayiphi na incwadi, kubakho umyalezo ongoncwadi oludinga ukuhlaziywa. Cofa kuDownload ukuze ihlaziyeke, okanye kuLater uze uqhubeke ufunda le sele unayo kakade.

Ukuze ubone enoba uncwadi oludawunlowudileyo luhlaziyekile kusini na, vula uludwe loncwadi uze ucofe kuDownloaded. Ukuba zikhona ekufuneka zihlaziyiwe, kuvela uPending Updates. Cofa kuyo ukuze ubone ezifuna ukuhlaziywa. Cofa olufuna ukuhlaziywa, okanye ucofe ku-Update All ukuze uhlaziye zonke ezifuna ukuhlaziywa.

Ezi zinto zakhululwa ngoFebruwari 2015 neJW Library 1.4, ehambelanayo neiOS 6.0 okanye ezilandelayo emva kwayo. Ukuba awuziboni ezi zinto, nceda ulandele imiyalelo ekwinqaku elithi Sebenzisa IJW LibraryKwi-iOS, ngaphantsi kwendawo ethi Fumana Izinto Ezintsha.