Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IJW LIBRARY

Ukuphawula Indawo Obukuyo—KwiAndroid

Ukuphawula Indawo Obukuyo—KwiAndroid

KuJW Library olu phawu lunceda uyazi indawo ubukuyo xa ufunda, njengokuba ubuza kufaka into kwincwadi eprintiweyo. Nto nganye efundwayo kuJW Library inezi mpawu zilishumi.

Landela le miyalelo ukuze uphawule indawo obukuyo:

 Phawula Into Oyifundayo

Unokucofa olu phawu kwinqaku, kwisahluko, kwisiqendu nakwivesi yeBhayibhile.

Ukuze wazi apho ubuphele khona kwinqaku nakwisahluko, cofa olu phawu. Emva koko kuvela uludwe olunezi mpawu zoncwadi olufundayo. Cofa olungenanto ukuze wazi apho uphele khona kwinqaku nakwisahluko.

Ukuze wazi apho ubuphele khona kwisiqendu okanye kwivesi ethile, qala ucofe indawo leyo; uze ucofe olu phawu kwisiqendu eso.

 Indlela Yokuya Kuphawu

Xa ufuna indawo obukuyo, cofa incwadi obuyifunda uze ucofe olu phawu. Cofa indawo ofuna ukubuyela kuyo.

 Lungelelanisa Iimpawu

Xa indawo obukuyo ikhona unokuyisusa okanye ufake enye endaweni yayo.

Xa ufuna ukuyisusa, cofa olu phawu, emva koko ucofe olu ecaleni kwendawo obuphele kuyo ofuna ukuyisusa. Cofa u-Delete.

Ukuze ufake enye endaweni yayo, cofa olu phawu; emva koko cofa olu phawu ecaleni kwendawo ofuna ukufaka enye kuyo. Cofa u-Replace. Kungena enye indawo obuphele kuyo. Le ndlela iyanceda ukuze wazi apho ubuphele khona kuncwadi olufundayo. Ngokomzekelo, indawo okuyo kufundo lwakho lweBhayibhile.

Ezi zinto zakhululwa ngoMeyi 2014 neJW Library 1.2, ehambelanayo neAndroid 2.3 okanye ezilandelayo emva kwayo. Ukuba awuziboni ezi zinto, nceda ulandele imiyalelo ekwinqaku elithi, “Sebenzisa IJW LibraryKwiAndroid,” ngaphantsi kwendawo ethi Fumana Izinto Ezintsha.