Yiya kwinkcazelo

Ngaba UThixo Uza Kundixolela?

Ngaba UThixo Uza Kundixolela?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ewe, uThixo uya kukuxolela ukuba uthabatha amanyathelo afanelekileyo. IBhayibhile ithi uThixo “ukulungele ukuxolela” nokuba ‘uxolela ngokukhulu.’ (Nehemiya 9:17; INdumiso 86:5; Isaya 55:7) Xa esixolela, usixolela ngokupheleleyo. Izono zethu ‘ziyacinywa.’ (IZenzo 3:19) Kwakhona uThixo uxolela ngonaphakade, kuba uthi: “Nesono sabo andiyi kuba sasikhumbula.” (Yeremiya 31:34) Emva kokuba uThixo esixolele, akayi kuphinda asityhole okanye asohlwaye ngenxa yeso sono.

Noko ke, ukuxolela kukaThixo akuthethi kuthi ubuthathaka okanye uqhutywa ziimvakalelo. Akayitshintshi imilinganiselo yakhe yobulungisa. Ngenxa yesi sizathu, akazixoleli ezinye izono.—Yoshuwa 24:19, 20.

Amanyathelo onokuwathabatha ukuze uxolelwe nguThixo

  1. Yazi ukuba ngesono sakho waphula imilinganiselo kaThixo. Ngoxa abanye besenokukhathazeka ngenxa yoko ukwenzileyo, ufanele uqale wazi ukuba wone uThixo.—INdumiso 51:1, 4; IZenzo 24:16.

  2. Sivume isono sakho kuThixo ngomthandazo.—INdumiso 32:5; 1 Yohane 1:9.

  3. Yiba buhlungu kakhulu ngenxa yesono sakho. Ukuba “buhlungu ngendlela yobuthixo” kusingisa enguqukweni, okanye ekutshintsheni kwentliziyo. (2 Korinte 7:10) Kuquka ukuzisola ngenxa yamanyathelo akhokelele esonweni.—Mateyu 5:27, 28.

  4. Tshintsha indlela ozenza ngayo izinto, okutheth’ ukuthi, ‘jika.’ (IZenzo 3:19) Oku kusenokuthetha ukuphepha ukuphinda wenze into obuyenzile, okanye kusenokuthetha ukuba kusenokufuneka utshintshe indlela ocinga nozenza ngayo izinto.—Efese 4:23, 24.

  5. Bonisa ukuba wenza izinto ngendlela efanelekileyo okanye ulungise umonakalo owenzileyo. (Mateyu 5:23, 24; 2 Korinte 7:11) Cel’ uxolo nakubani na ochatshazelwe koko ukwenzileyo uze wenze konke onokukwenza ukulungisa imeko.—Luka 19:7-10.

  6. Cela ukuxolelwa nguThixo ngomthandazo ngesizinzi sedini lentlawulelo likaYesu. (Efese 1:7) Ukuze umthandazo wakho uphendulwe, ufanele uxolele abo bakonileyo.—Mateyu 6:14, 15.

  7. Ukuba isono sakho sinzulu, thetha nomntu okufanelekeleyo ukukunceda noza kukuthandazela.—Yakobi 5:14-16.

Ubuxoki ngokuxolelwa nguThixo

“Sikhulu kakhulu isono sam ukuba ndingaxolelwa.”

UThixo wamxolela uDavide ngenxa yokuba wayekrexezile ibe ebulele

Ukuba silandela iindlela zikaThixo eziseBhayibhileni, siya kuxolelwa, ekubeni ukuxolela kwakhe kukukhulu kunezono zethu. Unokuzixolela izono ezinzulu kuquka nezo zenziwa ngokuphindaphindiweyo.—IMizekeliso 24:16; Isaya 1:18.

Ngokomzekelo, uKumkani uDavide wakwaSirayeli waxolelwa ngoxa wayekrexezile ibe ebulele. (2 Samuweli 12:7-13) Umpostile uPawulos, owayevakalelwa kukuba ngoyena moni, waxolelwa. (1 Timoti 1:15, 16) KwanamaYuda enkulungwane yokuqala awayebulele uYesu, uMesiya ayeza kuxolelwa ukuba ayetshintshe iindlela zawo.—IZenzo 3:15, 19.

“Ukuba ndizivuma kumfundisi izono zam ziza kuxolelwa.”

Akukho mntu unegunya ngoku lokuxolela izono zomnye umntu. Nangona ukuzivuma komnye umntu kunokunceda umoni achache, nguThixo kuphela onokuxolela izono.—Efese 4:32; 1 Yohane 1:7, 9.

Ukuba kunjalo, wayetheth’ ukuthini uYesu xa wathi kubapostile bakhe: “Ukuba niyabaxolela abantu izono zabo, bozixolelwa; ukuba anibaxoleli, abayi kuzixolelwa?” (Yohane 20:23) Wayethetha ngegunya elikhethekileyo awayeza kulinika abapostile xa befumana umoya oyingcwele.—Yohane 20:22.

Njengokuba kwakuthenjisiwe, abapostile bafumana esi siphiwo xa umoya oyingcwele wathululwa ngo-33 C.E. (IZenzo 2:1-4) Umpostile uPetros wasebenzisa eli gunya xa wayegweba umfundi uAnaniyas noSafira. Ngokungummangaliso uPetros wayesazi ngeqhinga labo ibe isigwebo sakhe sabonisa ukuba isono sabo asizi kuxolelwa.—IZenzo 5:1-11.

Esi siphiwo singummangaliso somoya oyingcwele, njengezinye iziphiwo njengokuphilisa nokuthetha ngeelwimi, saphela emva kokufa kwabapostile.—1 Korinte 13:8-10. Ngenxa yoko, akukho mntu namhlanje unokuxolela izono zabanye abantu.