Yiya kwinkcazelo

Ngaba UMtyholi Ukho Ngokwenene?

Ngaba UMtyholi Ukho Ngokwenene?

Impendulo yeBhayibhile

 Ewe ukho. ‘Ungumlawuli wehlabathi,’ isidalwa esingabonakaliyo esenza izinto ezingathandwayo nguThixo. (Yohane 14:30; Efese 6:11, 12) Xa ithetha ngoMtyholi, iBhayibhile isebenzisa la magama:

USathana akayongcinga nje embi

 Abanye bathi uSathana uMtyholi yingcinga nje embi engaphakathi emntwini. Noko ke, iBhayibhile ithetha ngencoko eyayiphakathi kukaThixo noSathana. UThixo ufezekile, ngoko ke wayengenakuthetha nengcinga embi engaphakathi kuye. (Duteronomi 32:4; Yobhi 2:1-6) Ngokufanayo uSathana wahenda uYesu ongenasono. (Mateyu 4:8-10; 1 Yohane 3:5) Ngoko, iBhayibhile ithi uMtyholi ukho ngokwenene, akabobubi nje.

 Ngaba ifanele isimangalise into yokuba abantu abaninzi bengakholelwa ukuba uMtyholi ungumntu wokwenene? Nakanye, kuba iBhayibhile ithi uSathana uyalahlekisa ukuze afeze iinjongo zakhe. (2 Tesalonika 2:9, 10) Elinye lawona maqhinga akhe aphambili kukumfamekisa abantu abaninzi ukuze bangamqondi ukuba usisidalwa esikhoyo.—2 Korinte 4:4.

Ezinye izinto ezicingelwayo ngoMtyholi

  Ubuxoki: Elinye igama lakaMtyholi nguLusifa.

 Inyani: Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “Lusifa,” kwezinye iiBhayibhile zesiXhosa lithi “wena ukhanyayo.” (Isaya 14:12) Umongo wale vesi ubonisa ukuba eli gama libhekisela kubukhosi baseBhabhiloni, uThixo awayeza kubuhlazisa ngenxa yekratshi. (Isaya 14:4, 13-20) Xa kwakusithiwa “wena ukhanyayo” kwakuhlekiswa ngobukhosi baseBhabhiloni obabubhukuqiwe.

  Ubuxoki: USathana “ngumtshutshisi” osebenzela uThixo.

 Inyani: UMtyholi lutshaba lukaThixo, akamsebenzeli. USathana uMtyholi uyabachasa aze abamangalele ngobuxoki abantu abakhonza uThixo.​—1 Petros 5:8; ISityhilelo 12:10.