Yiya kwinkcazelo

IBhayibhile Ithi Bamele Bahoywe Ngubani Abantu Abadala?

IBhayibhile Ithi Bamele Bahoywe Ngubani Abantu Abadala?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Abazali xa bebadala, ngumsebenzi wabantwana babo ukubahoya. IBhayibhile ithi abantwana bamele ‘bazenze izinto abazifundayo baze bahoye abazali babo kuba loo nto iyamvuyisa uThixo.’ (1 Timoti 5:4; INew International Version) Xa abantu bebahoya abazali babo abasele bekhulile baza kube bathobela into ethethwa yiBhayibhile ethi abantwana mabathobele abazali babo.​—Efese 6:2, 3.

IBhayibhile ayisichazeli ukuba abazali bamele bahoywe njani xa sele bekhulile. Kodwa inayo imizekelo yabantu ababekhe babahoya abazali babo abasele bekhulile. Inawo namacebiso anokunceda abantu abahoya abazali babo.

 Abantu abaseBhayibhileni benza njani ukuze bahoye abantu babo?

Babengabahoyi ngeendlela ezifanayo kuba iimeko zabo zazingafani.

  • UYosefu wayehlala kude kunotata wakhe uYakobi owayemdala. Xa iimeko zakhe zazimvumela waye walungiselela ukuba utata wakhe ahlale kufuphi naye. Watsho wakwazi ukumhoya kakuhle utata wakhe.​—Genesis 45:9-11; 47:11, 12.

  • URute yena waya kwilizwe likamamazala wakhe waza wasebenza nzima ukuze amhoye.​—Rute 1:16; 2:2, 17, 18, 23.

  • UYesu, ngaphambi kokuba afe, wafuna umntu oza kuhoya umama wakhe uMariya owayengumhlokazi ngelo xesha.​—Yohane 19:26, 27. a

 Ngawaphi amacebiso aseBhayibhileni anokusetyenziswa ngabantu abahoye abazali babo?

Ngamanye amaxesha abantu abahoye abantu abadala basenokuphelelwa ngamandla baze bangazazi nokuba mabathini, kodwa iBhayibhile inamacebiso anokubanceda.

  • Hlonipha abazali bakho.

    Oko kufundiswa yiBhayibhile: “Beka uyihlo nonyoko.”​—Eksodus 20:12.

    Singalisebenzisa njani eli cebiso leBhayibhile?: Babonise abazali bakho ukuba uyabahlonipha ngokuthi ubayeke bazenzele izigqibo, ungalawuli yonke into. Bayeke bazikhethele ukuba bafuna ukuhoywa njani. Kodwa kwangaxesha nye ubabonise imbeko ngokubancedisa kuloo nto bayikhethileyo.

  • Zifake ezihlangwini zabo uze ubaxolele.

    Oko kufundiswa yiBhayibhile: “Ingqiqo yomntu ngokuqinisekileyo imenza azeke kade umsindo, yaye kuyinto entle kuye ukukubetha ngoyaba ukunxaxha.”​—IMizekeliso 19:11.

    Singalisebenzisa njani eli cebiso leBhayibhile?: Ukuba umzali wakho omhoyileyo uthetha izinto ezikukhathazayo okanye kubonakala ngathi akanaxesha lale nto umenzela yona, khawuzibuze, ‘Bendiza kuthini ukuba bendifana naye, kukho nezinto endingasakwaziyo ukuzenzela zona ibe ndinestresi?’ Xa uzama ukuzifaka ezihlangwini zaloo mntu uze umxolele, akuzubakho ngxaki zininzi.

  • Cela uncedo.

    Oko kufundiswa yiBhayibhile: “Amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula, kodwa ngobuninzi babacebisi kukho okufezwayo.”​—IMizekeliso 15:22.

    Singalisebenzisa njani eli cebiso leBhayibhile?: Phanda ukuze uyazi kakuhle le nto umzali wakho agula yiyo. Khangela nezinto ezinokumnceda ezikhoyo ekuhlaleni. Thetha nabanye abantu ababekhe bahoya abazali babo abasele bekhulile. Ukuba bakhona abanye abantwana bakokwenu, kungakuhle ukuba ubabize nithethe ngezinto ezifunwa ngabazali benu, nendlela eniza kubahoya ngayo kunye nendlela eniza kuncedisana ngayo.

    Khanicinge ngokuhlala phantsi njengentsapho nithethe ngokuba nizokubahoya njani abazali benu.

  • Thobeka.

    Oko kufundiswa yiBhayibhile: “Bunabathozamileyo ubulumko.”​—IMizekeliso 11:2.

    Singalisebenzisa njani eli cebiso leBhayibhile?: Zazi izinto ongenakukwazi ukuzenza. Ngokomzekelo, akakho umntu ongadinwayo futhi nexesha lincinci. Ngenxa yoko awuzukukwazi ukuzenza ezinye izinto obawela ukuzenzela abazali bakho. Ukuba awukwazi ukuzenza ezinye izinto ezidingwa ngabazali bakho, cela uncedo kwabanye abantu bakokwenu okanye koogqirha.

  • Zihoye nawe.

    Oko kufundiswa yiBhayibhile: “Akukho mntu wakha wayithiya eyakhe inyama; kodwa uyayondla aze ayiphathe ngononophelo.”​—Efese 5:29.

    Singalisebenzisa njani eli cebiso leBhayibhile?: Nangona unomsebenzi wokuhoya abazali bakho, zihoye nawe, ukuba utshatile uhoye nentsapho yakho. Kufuneka utye kakuhle, uphumle uze ulale ngokwaneleyo. (INtshumayeli 4:6) Zikhuphe ukhe ubethwe ngumoya. Xa usenza ezi zinto uza kubahoya kakuhle abazali bakho.

 IBhayibhile ithi bamele bahoyelwe phi abantu abadala?

IBhayibhile ayisichazeli ukuba abantwana bamele babahoyele phi abazali babo. Abanye baye bakhethe ukuba abazali babazise kubo okanye ibe ngabo abayokuhlala kubo ukuze babahoye kakuhle. Abanye baye bakhethe ukuyokubahlalisa kwiindawo ezihoya abantu abadala. Intsapho isenokudibana ukuze ikhethe eyona ndawo iza kuthandwa ngumntu wonke.​—Galati 6:4, 5.

a Enye incwadi ecacisa iBhayibhile yathi yona ngale nto: “Kusenokwenzeka ukuba uYosefu, umyeni kaMariya, wayesweleke kudala, ngoko uMariya wayehoywa ngunyana wakhe uYesu. Wayeza kuhoywa ngubani ke ngoku uMariya emva kokuba uYesu efile? UKristu wafundisa abantwana ukuba babahoye abazali babo abakhulileyo.​—IThe NIV Matthew Henry Commentary in One Volume, pages 428-429.