Yiya kwinkcazelo

Kuthetha Ukuthini Ukuba “NgumSamariya Olungileyo”?

Kuthetha Ukuthini Ukuba “NgumSamariya Olungileyo”?

Impendulo Esuka EBhayibhileni

Amazwi athi “umSamariya Olungileyo” adla ngokusetyenziswa xa kuchazwa umntu onceda abanye xa besengxakini. La mazwi asuka kwibali okanye umzekelo kaYesu ocacisa ukuba umSamariya olungileyo uyabanceda abanye nokuba bangaboluphi na uhlanga.

Kweli nqaku

 Uthini umzekelo “womSamariya Olungileyo”?

Nali ibali elifutshane lalo mzekelo kaYesu: Indoda engumYuda yayisuka eYerusalem isiya eYeriko. Endleleni eya apho, yarojwa, yabethwa, yashiywa iza kufa.

Kule ndoda ingumYuda kwaqala kwagqitha umfundisi ongumYuda kwaza kwaphinda kwagqitha inkokeli yonqulo engumYuda. Nangona bonke babengamaYuda, akho nomnye owayincedayo le ndoda.

Ekugqibeleni kweza indoda yolunye uhlanga. YayingumSamariya. (Luka 10:33; 17:16-18) Wamsizela, wawabopha amanxeba wakhe. Wamsa kwindawo yabahambi. Wachitha ubusuku bonke emhoyile. Ngosuku olulandelayo, wabhatala umntu osebenza kwindawo yabahambi, ukuba amhoye waza wamthembisa nokuba uza kuzibhatala iindleko eziye zakhona.—Luka 10:30-35.

 Kwakutheni ukuze uYesu enze lo mzekelo?

UYesu wabalisa eli bali kwindoda eyayicinga ukuba ngabantu bohlanga okanye unqulo lwayo kuphela abangabamelwane. UYesu wayefuna ukufundisa le ndoda into ebalulekileyo yokuba, “ummelwane” wayo ayingomYuda nje qha. (Luka 10:36, 37) Lo mzekelo wabhalwa eBhayibhileni ukuze uncede bonke abantu abafuna ukuthobela uThixo.—2 Timoti 3:16, 17.

 Sifunda ntoni kulo mzekelo?

Eli bali lifundisa ukuba ummelwane olungileyo ubonisa uvelwano ngezenzo. Wenza nantoni na ukuze ancede umntu osengxakini noba usuka phi okanye ngowoluphi na uhlanga. Ummelwane olungileyo uphatha abanye ngendlela afuna ukuphathwa ngayo.—Mateyu 7:12.

 Yayingoobani amaSamariya?

AmaSamariya ayehlala kwilizwe elingasentla kwelakwaYuda. Phakathi kwabo kwakukho abantu abangamaYuda nabangengomaYuda ababetshate nabo.

Ngexesha labapostile, amaSamariya ayesele ezenzele unqulo lwawo. Babezamkela iincwadi ezintlanu zokuqala zesiHebhere, kodwa ezinye bengazamkeli.

AmaYuda amaninzi ngexesha likaYesu, ayewonyanya amaSamariya, engafuni kwanto eza kuwadibanisa nawo. (Yohane 4:9) Amanye amaYuda ayesebenzisa igama elithi “umSamariya” njengesithuko.—Yohane 8:48.

 Ngaba lenzeka nyhani eli bali “lomSamariya Olungileyo”?

Akho nto itshoyo ezibhalweni ukuba umzekelo womSamariya wenzeka nyhani. Kodwa ke uYesu, wayesebenzisa izinto neendawo ezaziwayo ukuze abantu athetha nabo bayiqonde kakuhle le nto ayithethayo.

Iinkcukacha ezininzi ezikweli bali, zazichanile. Ngokomzekelo:

  • Indlela esuka eYerusalem eya eYeriko, yayiziikhilomitha eziyi-20 nangaphezulu ubude. Ingxelo ibonisa ukuba indlela esuka eYerusalem eya eYeriko yayisihla.—Luka 10:30.

  • Abefundisi neenkokeli zonqulo zamaYuda ezazihlala eYeriko zazisebenzisa le ndlela xa zisiya eYerusalem.

  • Ootsotsi babezimela kwiindawo ezisitheleyo zale ndlela, ukuze bahlasele abantu, ingakumbi abahamba bodwa.