Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Roma 15:13—“Kwanga UThixo Onika Ithemba Anganinika Uvuyo Noxolo Oluninzi”

Roma 15:13—“Kwanga UThixo Onika Ithemba Anganinika Uvuyo Noxolo Oluninzi”

 “Kwanga uThixo onika ithemba anganinika uvuyo noxolo oluninzi, kuba nithembela kuye, ukuze ithemba eninalo liqiniswe kakhulu ngamandla omoya oyingcwele.”—Roma 15:13, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Wanga ke uThixo umthombo wethemba angathi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu aniphe uxolo ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda, ngamandla omoya oyingcwele.”—Roma 15:13, IBhayibhile YesiXhosa Yango1996.

Into Ethethwa NgamaRoma 15:13

 Ngala mazwi, umpostile uPawulos wayebonisa ukuba ubawela uThixo anike abanye abakhonzi bakhe “uvuyo noxolo.” Ezi mpawu zintle, zidibana kakuhle nethemba elivela kuThixo namandla omoya oyingcwele.

 Eli themba silinikwa nguThixo, sifunda ngalo kwiLizwi lakhe iBhayibhile. AmaRoma 15:4 athi, “zonke izinto ezabhalwa kwixesha eladlulayo zabhalwa ukuze kufundiswe thina, ukuze ukunyamezela kwethu nokuthuthuzelwa ziZibhalo kusincede sibe nethemba.” IBhayibhile ithi uThixo uthembisa ukuzilungisa iingxaki ezenza abantu baphelelwe lithemba namhlanje ezinjengendlala, ukuphathwa kakubi, ukugula, nokufa. (ISityhilelo 21:4) UThixo uza kusebenzisa uYesu Kristu ukuze enze into ayithembisileyo, yiloo nto sifanele sibe nethemba lokuba izinto ziza kulunga.—Roma 15:12.

 “Sinokuqiniswa” okanye ithemba esinalo “liye lisanda ngokwanda” xa simthembile uThixo. Xa sifunda ngaye, sinokutsho siqiniseke ukuba uthembekile. (Isaya 46:10; Tito 1:2) Ngenxa yethemba esilinikwa nguThixo, sinokukwazi ukuvuya nokuba noxolo nokuba sesisebunzimeni.—Roma 12:12.

 Uxolo, uvuyo nethemba, nazo zidibana kakuhle nomoya oyingcwele, ongamandla kaThixo. a UThixo usebenzisa umoya oyingcwele ukuze enze izinto azithembisileyo, loo nto inika ithemba. Lo moya uyabanceda abantu babe neempawu ezintle, ezinjengovuyo noxolo.—Galati 5:22.

Into Ekuthethwa Ngayo KumaRoma 15:13

 Incwadi yamaRoma yayibhalelwe amaKristu awayehlala kwidolophu yaseRoma. Amanye kuloo maKristu ayengaweentsapho zamaYuda kodwa amanye engengawo. UPawulos wabakhuthaza bonke ukuba basebenze nzima ukuze bacinge baze benze into enye nangona babengengawo bonke amaYuda.—Roma 15:6.

 UPawulos wakhumbuza amaKristu aseRoma kwakudala ukuba uThixo wathi abantu beentlanga zonke baza kumkhonza bemanyene. Ukuze axhase le nto, uPawulos wacaphula kwakane ngeZibhalo zesiHebhere. b (Roma 15:9-12) Eyona nto wayeyithetha yile: Abantu bazo zonke iintlanga bangancedwa yimfundiso kaKristu njengamaYuda. Abantu abangamaYuda nabo bangengawo banethemba elivela kuThixo. Ngoko enoba ngaboluphi uhlanga, bonke abasebandleni eRoma kwakufuneka ‘bamkelane’ oko kuthetha ukuba babonise ububele kwabanye.—Roma 15:7.

a Ukuze wazi nezinye izinto, funda inqaku elithi “Uyintoni Umoya Oyingcwele?

b IZibhalo zesiHebhere zikhe zibizwe ngokuba yiTestamente Endala.