Yiya kwinkcazelo

Isifundo SeBhayibhile Esinye Senza Kwakho Ezininzi

Isifundo SeBhayibhile Esinye Senza Kwakho Ezininzi

 INgqina LikaYehova eliseGuatemala, lifunda isiKekchi ukuze lichazele abanye abathetha olu lwimi ngomyalezo oseBhayibhileni. Igama leli Ngqina nguMarta. Ngenye imini wabona enye indoda iphuma esibhedlele. Wacinga ukuba mhlawumbi yayisuka kwindawo apho kuthethwa khona isiKekchi, futhi kula ndawo amaNgqina KaYehova ayengafane ashumayele. Waya kuyo waza wathetha nayo amagama ambalwa awaziyo ngesiKekchi.

 UMarta wacela ukufunda nayo iBhayibhile. Yavuma yaza yamchazela ukuba akanamali yokusibhatalela eso sifundo. UMarta wayichazela ukuba amaNgqina awabizi mali xa efunda nabantu iBhayibhile. Wayichazela nokuba bangafunda besebenzisa ifowuni ibe nentsapho yayo yonke ingakhona xa kufundwa. Yavuma loo ndoda. UMarta wayinika iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yeSpanish kuba yayikwazi ukuthetha nokufunda iSpanish. Wayinika nencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile yesiKekchi. Kwiveki elandelayo, le ndoda, umkayo nabantwana bayo ababini baqalisa ukufunda iBhayibhile noMarta ngefowuni. Babefunda kabini ngeveki. UMarta uthi, “Kuba ndandingasazi ncam isiKekchi, sasifunda ngeSpanish aze umyeni atolikele inkosikazi yakhe into endiyithethayo. Abantwana babesazi iSpanish.”

 Le ndoda yayinecawa yayo, ingumfundisi. Yaqala ukufundisa abantu abakwibandla layo izinto eyayizifunda kwisifundo sayo seBhayibhile. Ibandla lazithanda izinto elalizifundiswa laza labuza umfundisi walo ukuba uzazela phi ezi zinto zintsha wayezifundisa. Wabachazela ukuba uzifumana kwisifundo sakhe seBhayibhile, baza abantu bebandla baqalisa ukubakho xa efundelwa. Kungekudala, kwakudibana abantu abayi-15 qho ngeveki ukuze bafundelwe nguMarta ngefowuni. Ekuhambeni kwexesha, babeye basondeze imicrophone efowunini ukuze wonke umntu eve.

UMarta wachazela abadala abasebandleni lakhe ngesi sifundo asiqhubayo. Omnye wabo badala waya kwindawo abahlala kuyo aba bantu babefundelwa nguMarta. Wabamemela kwintetho eyayiza kwenziwa ngumveleli wesiphaluka a kwilali eyayikude kule yabo. Babeza kuhamba ngemoto kangangeyure baze baphinde bahambe ngeenyawo iiyure ezimbini ukuze bayokufika. Ezi zifundo zeBhayibhile zavuma ukuya. Kwaya eziyi-17.

 Emva kweeveki ezimbalwa, umveleli wesiphaluka namanye amaNgqina ahlala iintsuku ezine nezi zifundo. Ekuseni babeye babukele iividiyo ezithetha ngeBhayibhile zesiKekchi ezifumaneka ku-jw.org baze bafunde incwadi ethi, Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje? Emva kwemini, babeye babukele ezinye iividiyo eziku-JW Broadcasting. Umveleli wesiphaluka wenza ilungiselelo lokuba mntu ngamnye kwezi zifundo, afumane umntu oza kumfundela.

 Kwezo ntsuku zine, amaNgqina ashumayela kwiilali ezikufutshane aza amemela abantu kwintlanganiso ekhethekileyo. Emva kwaloo ntlanganiso, abazalwana babuza abantu abayi-47 ababelapho ukuba bayafuna ukuqhutyelwa izifundo zeBhayibhile. Iintsapho eziyi-11 zavuma.

 Emva kweenyanga ezimbalwa, abadala benza ilungiselelo lokuba kubekho iintlanganiso eziqhutywa qho ngempelaveki kuloo lali. Namhlanje, bayi-40 abantu abaya qho kwiintlanganiso. Xa bekusenziwa iSikhumbuzo sokufa kukaYesu, abazalwana bebevuyiswa kukuba kubekho abantu abayi-91.

 Xa uMarta ecinga ngendlela eyaqala ngayo yonke le nto, uthi: “Ndiyambulela uYehova. Ngamanye amaxesha ndiye ndicinge ukuba akukho nto ingako endinokuyenza. Kodwa uThixo angasisebenzisa ukuze sincede abanye. Wayeyazi intliziyo yaba bantu waza wabasondeza kubantu bakhe. UYehova uyabathanda.”

a Umveleli wesiphaluka liNgqina LikaYehova elityelela amabandla amalunga nayi-20, xa edibene aye enze isiphaluka.