Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 55

Amazwi KaYesu Othusa Abantu Abaninzi

Amazwi KaYesu Othusa Abantu Abaninzi

YOHANE 6:48-71

  • UKUTYA INYAMA YAKHE NOKUSELA IGAZI LAKHE

  • ABANTU ABANINZI BAYAKHUBEKA BAZE BAYEKE UKUMLANDELA

Kwindlu akhonzela kuyo amaYuda eKapernahum, uYesu ufundisa abantu ukuba usisonka sokwenene esivela ezulwini. Into ayithethayo yongeza kwinto ebeyithethe kubantu abasuka kwimpuma yoLwandle LwaseGalili, ebebatyise izonka neentlanzi.

UYesu uqhubeka athi: “Ookhokho benu batya imana entlango, kodwa bafa.” Ngokwahlukileyo uthi: “Ndim isonka esiphilayo esehla sivela ezulwini. Nabani na otya esi sonka uza kuphila ngonaphakade; ibe isonka endiza kumnika sona yinyama yam, ukuze abantu bafumane ubomi.”​—Yohane 6:48-51.

Ngentwasahlobo ka-30 C.E., waxelela uNikodemo ukuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi, ngenxa yaloo nto wanikela ngoNyana wakhe ukuba abe nguMsindisi. Ngoku uYesu ubonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuba abantu batye inyama yakhe ngokubonisa ukholo kwinto aza kubenzela yona. Xa besenza loo nto, baza kufumana ubomi obungunaphakade.

Kodwa abantu abayiqondi kakuhle le nto ayithethayo. Bathi: “Angathini lo mntu ukusityisa inyama yakhe?” (Yohane 6:52) UYesu ufuna baqonde ukuba akathi mabayitye ngokoqobo inyama yakhe. Into aphinda ayithethe ibonisa loo nto.

Uthi: “Ukuba aniyityi inyama yoNyana womntu, nisele negazi lakhe, anizukubufumana ubomi. Nabani na otya inyama yam, asele negazi lam, uza kufumana ubomi obungunaphakade, . . . kuba inyama yam ikukutya kokwenene, negazi lam lisisiselo sokwenene. Lowo utya inyama yam, asele negazi lam, uhlala emanyene nam.”​—Yohane 6:53-56.

Unokuyicinga indlela anokukhubeka ngayo amaYuda amameleyo. Asenokucinga ukuba uYesu uthi mawatye inyama yomntu okanye ophule umthetho kaThixo othi malingatyiwa igazi. (Genesis 9:4; Levitikus 17:10, 11) Kodwa uYesu akathethi ngokutya inyama yomntu okanye ukusela igazi ngokoqobo. Ubonisa ukuba bonke abantu abafuna ubomi obungunaphakade bamele babonise ukholo kwinto aza kuyenza xa enikela ngomzimba wakhe ofezekileyo kuze kuphalale igazi lakhe. Nangona kunjalo, abafundi bakhe abaninzi abayiqondi le nto ayifundisayo. Abanye bathi: “Iyothusa le nto ayithethayo; asinakumamela le nto thina.”​—Yohane 6:60.

Uyabona ukuba abanye abafundi bakhe bayakrokra. Ngoko uthi: “Iyanikhathaza na le nto? Kobeka phi ke xa nibona uNyana womntu enyukela apho wayevela khona? . . . Izinto endizithethe kuni zisuka kumoya oyingcwele, ibe zinika ubomi. Kodwa abanye benu abazikholelwa izinto endizithethayo.” Ngenxa yaloo nto abafundi bakhe abaninzi bayahamba baze bayeke ukumlandela.​—Yohane 6:61-64.

Emva koko uYesu uthi kubapostile bakhe abayi-12: “Nani nifuna ukundishiya?” UPetros uthi: “Nkosi, singaya kubani, inguwe nje onamazwi anika ubomi obungunaphakade? Siyayikholelwa ibe siyayazi into yokuba wena unguLowo Ungcwele kaThixo.” (Yohane 6:67-69) Abapostile babonisa ukuba bathembekile nangona bengayiqondi eyona nto ayifundisayo.

UYesu uyayithanda le nto ithethwa nguPetros kodwa ke uthi: “Nikhethwe ndim noyi-12, andithi? Kanti omnye wenu ungumtyholi.” (Yohane 6:70) Uthetha ngoYudas Skariyoti. Kusenokwenzeka ngeli xesha uYesu ubona ukuba uYudas uqalisa ukwenza izinto ezimbi.

Nangona kunjalo siqinisekile ukuba uYesu uyavuya ukubona uPetros nabanye abapostile ukuba abayeki ukumlandela nokumncedisa kumsebenzi osindisa ubomi.