Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 125

UYesu Usiwa KuAnas, Emva Koko Asiwe KuKayafa

UYesu Usiwa KuAnas, Emva Koko Asiwe KuKayafa

MATEYU 26:57-68 MARKO 14:53-65 LUKA 22:54, 63-65 YOHANE 18:13, 14, 19-24

  • UYESU USIWA KUANAS OWAYEKADE ENGUMBINGELELI OMKHULU

  • INKUNDLA EPHAKAMILEYO YAMAYUDA IXOXA ITYALA ELINGEKHO MTHETHWENI

Emva kokuba uYesu ebotshwe njengesaphuli-mthetho usiwa kuAnas, owayengumbingeleli omkhulu xa uYesu owayesemncinci ngelo xesha wamangalisa abafundisi etempileni. (Luka 2:42, 47) Abanye boonyana baka-Anas baba ngababingeleli abakhulu kodwa ngoku umbingeleli omkhulu nguKayafa umkhwenyana wakhe.

Njengokuba uYesu esekhayeni lika-Anas, uKayafa ufumana ixesha lokudibanisa iNkundla Ephakamileyo YamaYuda. Le nkundla inamalungu ayi-71, ekukho kuwo nombingeleli omkhulu kunye nabanye ababekade bekule nkundla.

UAnas ubuza uYesu ‘ngabafundi bakhe nangezinto azifundisayo.’ UYesu umphendula athi: “Bendithetha kukho wonke umntu. Bendisoloko ndifundisa kwindlu akhonzela kuyo amaYuda, nasetempileni, apho onke amaYuda adibana khona, ibe ndandiyithetha ekuhleni yonke into. Kutheni ubuza kum nje? Buza abo bandivileyo xa bendifundisa.”​—Yohane 18:19-21.

Elinye igosa elime kufuphi naye limqhwaba ngempama uYesu lize lithi: “Yindlela yokuphendula umbingeleli oyintloko le?” Kodwa uYesu uyazazi ukuba akenzanga nto irongo aze athi: “Ukuba ndithethe into engafanelekanga, cacisa ukuba yintoni le ingafanelekanga ndiyithethileyo; kodwa ukuba ndithethe into efanelekileyo, undibethela ntoni ke?” (Yohane 18:22, 23) Emva koko uAnas umthumela kumkhwenyana wakhe uKayafa.

Ngoku abantu bale nkundla iphakamileyo, umbingeleli omkhulu, abadala babantu nababhali sebedibene. Badibanela kwindlu kaKayafa. Akukho mthethweni ukuxoxa ityala elinje ngePasika, kodwa loo nto ayibanqandi ekwenzeni le nto imbi kangaka.

Bonke aba bantu abamfuni uYesu. Emva kokuba evuse uLazaro iNkundla Ephakamileyo YamaYuda yagqiba ekubeni umele afe. (Yohane 11:47-53) Ibe nakwiintsuku nje ezigqithileyo iinkokheli zenkonzo bezifuna ukumbamba zize zimbulale. (Mateyu 26:3, 4) Ngenxa yaloo nto seyicacile ukuba uza kubulawa ngoku ityala lakhe lingekaxoxwa.

Ababingeleli abaziintloko kunye neNkundla Ephakamileyo YamaYuda abaxoxi nje ityala elingekho mthethweni kodwa bazama nokufumana amangqina aza kuxoka ngoYesu. Bafumana amangqina amaninzi kodwa athetha into engadibaniyo. Ekugqibeleni kuza amanye amabini aze athi: “Simvile esithi, ‘Ndiza kuyidiliza le tempile yenziwe ngezandla, ndize ndakhe enye engenziwanga ngazandla ngeentsuku ezintathu.’” (Marko 14:58) Kodwa nabo bathetha into engadibaniyo.

UKayafa ubuza uYesu athi: “Uza kuthula ungaphenduli? Yintoni le akutyhola ngayo la madoda?” (Marko 14:60) UYesu uyathula angabuphenduli obu buxoki bala mangqina athetha into engadibaniyo. Ngenxa yaloo nto uMbingeleli Omkhulu uKayafa uzama elinye iqhinga.

Uyayazi ukuba amaYuda awafuni nokumbona umntu othi unguNyana KaThixo. UYesu ebekhe wathi uThixo nguTata wakhe aze amaYuda afuna ukumbulala esithi ‘uzilinganisa noThixo.’ (Yohane 5:17, 18; 10:31-39) UKayafa uyayazi le nto aze ngamaqhinga athi kuYesu: “Funga ngoThixo ophilayo ukuba unguye nyhani na uKristu, uNyana kaThixo!” (Mateyu 26:63) UYesu ebetshilo ukuba unguNyana KaThixo. (Yohane 3:18; 5:25; 11:4) Ukuba akaphenduli abantu basenokucinga ukuba le nto ingqina ukuba akangoNyana KaThixo noKristu. Ngoko uthi: “Ndinguye; yaye niza kumbona uNyana womntu ehleli ngasekunene kwaLowo unamandla, esiza ngamafu ezulu.”​—Marko 14:62.

Xa esiva le nto uKayafa obaxa izinto ukrazula izambatho zakhe aze athi: “Udelele uThixo! Sisawafunelani ke amangqina? Jongani! Nani nizivele, udelele uThixo. Nithini nina?” INkundla Ephakamileyo imnika isigwebo esingamfanelanga, ithi: “Ufanele abulawe.”​—Mateyu 26:65, 66.

Bayamgezela baze bambethe ngamanqindi. Abanye bamqhwaba ngempama baze bamtshicele. Emva kokumgquma ubuso bayamqhwaba, baze baphoxise ngaye besithi: “Profeta! Ubethwe ngubani?” (Luka 22:64) UNyana KaThixo uphathwa kakubi kwityala elingekho mthethweni.