Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 39

Ukumkani Wokuqala WakwaSirayeli

Ukumkani Wokuqala WakwaSirayeli

UYehova wayefuna amaSirayeli akhokelwe ngabagwebi, kodwa afuna ukukhokelwa ngukumkani. Athi kuSamuweli: ‘Zonke iintlanga ezilapha zinookumkani. Nathi sifuna owethu.’ USamuweli wayesazi ukuba le nto ayifunayo ayifanelekanga, ngoko wathandaza kuYehova. UYehova wathi kuye: ‘Asinguwe abangamfuniyo aba bantu, kodwa ndim. Baxelele ukuba bangamfumana ukumkani, kodwa uza kufuna izinto ezininzi kubo.’ Sebesiva loo nto, bathi: ‘Asikhathali. Sifuna ukumkani!’

UYehova waxelela uSamuweli ukuba ukumkani wabo wokuqala uza kuba nguSawule. Xa uSawule waya kubona uSamuweli eRama, uSamuweli wamthambisa ngokumgalela ioli entloko.

Emva koko, uSamuweli wabiza amaSirayeli ukuze aze kubona ukumkani wawo omtsha. Kodwa ayengamboni. Uyazi kwakutheni? Wayezimele phakathi kwemithwalo. Ambhaqa, aza ammisa phakathi kwabantu. Wayemde kunaye wonke umntu owayelapho, futhi wayeyinzwana. USamuweli wathi: ‘Nanku ke umntu enimkhethelwe nguYehova.’ Abantu batsho ngengxolo besithi: ‘Phila ngonaphakade kumkani!’

Ekuqaleni, uKumkani uSawule wayemmamela uSamuweli futhi emthobela uYehova. Ekuhambeni kwexesha watshintsha. Ngokomzekelo, uSawule wayengavumelekanga ukuba abingelele. USamuweli, umprofeti kaYehova wayemxelele ukuba amlinde uyeza, kodwa akafika kwangoko. Ngoko wawenza ngokwakhe umbingelelo. Wathini uSamuweli? Wathi: ‘Ubumele ukuba umthobele uYehova.’ Ngaba uSawule wafunda kwimpazamo awayenzayo?

Emva koko, xa uSawule waya kulwa nama-Amaleki, uSamuweli wamxelela ukuba aqiniseke ukuba akukho nomnye osindayo. Kodwa uSawule akazange ambulale uKumkani uAgagi, wamsindisa. UYehova wathi kuSamuweli: ‘USawule undilahlile, kwaye akandimameli.’ Waba buhlungu kakhulu uSamuweli, waza wathi kuSawule: ‘Ngenxa yokuba ungasamthobeli uYehova, uza kukhetha omnye ukumkani.’ Wathi xa ejika ehamba, uSawule wambamba ngempahla awayeyinxibile yaza yakrazuka umthungo. USamuweli wathi kuye: ‘UYehova ubuthathile ubukumkani kuwe.’ UYehova wayeza kubunika umntu omthandayo nomthobelayo.

“Ukuthobela kulunge ngakumbi kunombingelelo.”—1 Samuweli 15:22