Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 103

“Mabufike Ubukumkani Bakho”

“Mabufike Ubukumkani Bakho”

UYehova wathembisa esithi: ‘Akuzi kubakho bantu bakhalayo, basezintlungwini, abagulayo nabafayo. Ndiza kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo. Baza kuzilibala zonke izinto ezimbi ezenzeke kwixesha elidlulileyo.’

UYehova wabeka uAdam noEva kwigadi yase-Eden, efuna bahlale ngoxolo, bonwabe. Babeza kukhonza uTata wabo wasezulwini, baze bazale abantwana de umhlaba uzale. UAdam noEva abazange bamthobele uYehova, kodwa loo nto zange iyitshintshe injongo kaThixo. Kule ncwadi siye sabona ukuba yonke into ethenjiswe nguThixo iyenzeka. UBukumkani bakhe buza kuzisa iintsikelelo emhlabeni, kanye njengokuba wathembisa uAbraham.

Kungekudala, uSathana, iidemon zakhe nabo bonke abantu babi soze baphinde babekho. Wonke umntu ophilayo uza kukhonza uYehova. Asizi kugula futhi soze sife. Kunoko, yonke imihla siza kuvuka sinamandla kwaye sikuvuyela ukuphila. Umhlaba uza kuba yiparadesi. Wonke umntu uza kutya ukutya okusempilweni aze ahlale kwikhaya elikhuselekileyo. Abantu baza kuba nobubele, bangakhohlakali futhi bangabonzakalisi abanye abantu. Izilwanyana zasendle soze zisoyike, nathi soze siphinde sizoyike.

Siza kukuvuyela kakhulu ukubona abantu abavuswa nguYehova. Siza kwamkela abantu abafana noAbheli, uNowa, uAbraham, uSara, uMoses, uRute, uEstere noDavide. Sikunye nabo, siza kwenza umhlaba wonke ube yiparadesi. Siza kusoloko sisenza umsebenzi ovuyisayo.

UYehova ufuna ube lapho nawe. Uya kumazi ngeendlela ongazange uzicinge. Yonke imihla masiye sisondela ngakumbi kuye, ngoku nangonaphakade!

“Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.”—ISityhilelo 4:11