Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Iindlela Zokwenza Intsapho Yakho Yonwabe

Ukuyisebenzisa Kakuhle Imali

Ukuyisebenzisa Kakuhle Imali

Umyeni uthi: “Ndicinga ukuba umfazi wam uLaura, * uyathsafaza ngemali. Yaye ndibona ngathi akakwazi ukuyigcina! Le nto iba yingxaki kakhulu xa kuthi gqi ingxaki efuna imali. Imali iyamthukuthezela umfazi wam.”

Inkosikazi yona ithi: “Mhlawumbi andikwazi ukugcina imali, kodwa ke umyeni wam akayazi indlela ezibiza ngayo izinto ezinjengokutya nempahla yendlu, yaye ndim ozaziyo kuba ndihlala ekhaya ixesha elininzi. Ndiyazazi izinto esizifunayo yaye ndiyazithenga nokuba loo nto iza kusixabanisa.”

IMALI yenye yezinto ekunzima ukuba abantu abatshatileyo bathethe ngazo ngaphandle kokuxabana. Yiloo nto ebangela ukuba isoloko iyeyona nto kuxatyanwa ngayo emtshatweni.

Izibini ezingakwaziyo ukuyisebenzisa kakuhle imali zisenokuxinezeleka, zixabane yaye loo nto inokuzidandathekisa de lube buthathaka nokholo lwazo. (1 Timoti 6:9, 10) Abazali abangakwaziyo ukuzilungisa iingxaki zabo zemali badla ngokunyanzeleka ukuba basebenze ixesha elingakumbi nto leyo ebenza bangakwazi ukuba kunye neentsapho zabo luze ke lube buthathaka nokholo lwabo. Loo nto iye iphumele ekubeni nabantwana babo bangakwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali.

IBhayibhile iyavuma ukuba ‘imali iyakhusela.’ (INtshumayeli 7:12) Kodwa imali iya kuwukhusela umtshato nentsapho yakho kuphela xa ukwazi ukuyigcina nokuthetha ngayo neqabane lakho. * Kunokuba ukuthetha ngemali kunixabanise kunganinceda niqinise umtshato wenu.

Kutheni imali ibangel’ iingxaki ezininzi kangaka emtshatweni? Yintoni eninokuyenza ukuze ningaxabani xa nithetha ngemali?

Ziziphi Izinto Ezibangela Iingxaki?

Ukungavisisani xa kuthethwa ngemali akudli ngokubangelwa yimali namatyala kunoko kukungathembani okanye ixhala. Ngokomzekelo, umyeni ofuna umfazi wakhe amchazele yonke imali aye wayisebenzisa ubonisa ukuba akamthembi ukuba uyakwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali. Kanti yena umfazi okhala ngokuthi indoda yakhe ayikwazi konga imali usenokuba unexhala lokuvelelwa ziingxaki babe bengenayo imali.

Enye into ebangela ingxaki kwizibini yindlela ezikhuliswe ngayo. UMatthew oneminyaka esibhozo etshatile uthi: “Umfazi wam wakhulela kwintsapho eyayikwazi ukuphatha imali. Akakuxhalabelanga njengam ukonga imali. Utata wayeyindlamanzi yaye eyingedle ibe wayekhe angasebenzi ixesha elide. Sasikhe siphile ngaphandle kwezinto esizifunayo yaye loo nto yandenza ndakoyika ukuba namatyala. Maxa  wambi le nto indenza ndibe ngqongqo kakhulu emfazini.” Enoba injani na imeko yenu, yintoni eninokuyenza ukuze ukuthetha ngemali kunincede kunokuba kunixabanise?

Yintoni eyona nto ibalulekileyo kuwe—ngumtshato wakho okanye yimali?

Izinto Ezine Ezinokuninceda

IBhayibhile ayenzelwanga ukusixelela ukuba siyisebenzise kanjani imali. Kodwa ke inamacebiso amahle anokunceda izibini zingaxatyaniswa yiyo. Sicela nikhe nizame ukusebenzisa la macebiso ayo adweliswe ngezantsi.

1. Fundani ukungaxabani xa nithetha ngemali.

IBhayibhile ithi: “Kwabo babhunga kunye kukho ubulumko.” (IMizekeliso 13:10) Mhlawumbi ngenxa yendlela okhule ngayo, kuba nzima kuwe ukuthetha ngemali nabanye abantu, ngakumbi neqabane lakho. Nakuba kunjalo, bubulumko ukufunda ukuthetha ngalo mbandela. Ngokomzekelo, kutheni ungaxeleli iqabane lakho ukuba indlela oyijonga ngayo imali inento yokwenza nendlela okhuliswe ngayo? Kwakhona zama ukuqonda indlela elikhuliswe ngayo iqabane lakho.

Musani ukulinda de kuvele ingxaki ngaphambi kokuba nithethe ngemali. Omnye umbhali weBhayibhile wabuza lo mbuzo: “Baya kuhamba ndawonye na ababini ngaphandle kokuba benze idinga lokuhlangana?” (Amos 3:3) Usebenza njani lo mgaqo? Ukubeka ixesha elithile lokuba nithethe ngemali kuyazinciphisa iingxaki ezibangelwa kukungaboni ngasonye.

KHANIZAME ELI CEBISO: Bekelani bucala ixesha elikhethekileyo lokuthetha ngemali. Ninokukhetha usuku lokuqala lwenyanga okanye kwiveki nganye. Incoko yenu mayingabi nde kodwa mayithathe imizuzu eli-15 nangaphantsi. Khethani ixesha enicinga ukuba niza kube nipholile ngalo. Kufuneka nivumelane ukuba ningathethi ngemali ngamaxesha athile, njengaxa nisitya okanye phambi kwabantwana.

2. Vumelanani ngendlela eniza kuyisebenzisa ngayo imali yenu.

IBhayibhile ithi: “Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Ukuba nguwe wedwa osebenzayo, unokulihlonela iqabane lakho ngokungathi umvuzo wakho yimali yakho kuba nje uze nawe, kodwa uwujonge njengemali yentsapho.—1 Timoti 5:8.

Ukuba nobabini niyasebenza ningahlonelana ngokuxelelana ukuba namkela malini kwakunye nezinto enizenzayo ngemali yenu. Ukulifihlela iqabane lakho ezi zinto kunokwenza ningathembani yaye konakalise ubuhlobo benu. Akuyomfuneko ukuba uqale ucele kwiqabane lakho naxa uza kusebenzisa imali encinane. Kodwa ke ukucela uluvo lweqabane lakho ngaphambi kokuba uthenge izinto ezibiza imali eninzi kubonisa ukuba uyalihlonela.

KHANIZAME ELI CEBISO: Vumelanani ngemali ngamnye anokuyisebenzisa engacelanga imvume, mhlawumbi i-R100, i-R1 000 okanye enye imali. Thetha neqabane lakho qho uza kusebenzisa imali engaphezu kwaleyo nivumelene ngayo.

3. Zibhaleni phantsi izinto enifuna ukuzenza.

“Amacebo omntu okhutheleyo amnika indyebo.” (IMizekeliso 21:5, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Enye indlela yokulungiselela ikamva uze ungayisebenzisi kakubi imali kukuyihlahla kakuhle imali yentsapho. UNina oneminyaka emihlanu etshatile uthi: “Ukuyibhala phantsi imali eniyamkelayo kunye neendleko zenu kunokuninceda niyibone into eniyenzayo ngemali yenu.”

Indlela eniyihlahla ngayo imali yenu ayifanelanga ibe nobucukubhede obuninzi. UDarren oneminyaka engama-26 etshatile nonoonyana ababini uthi: “Ekuqaleni, sasiyahlulahlula ngokweemvulophu imali nganye esiza kuyisebenzisa evekini. Ngokomzekelo imali yokuthenga ukutya yayisiba nemvulophu yayo kuze kubekho eyokuzonwabisa neyezinto ezincinane ezinjengokucheba iinwele. Xa imali ekwenye imvulophu inganeli sasiyithatha kwenye size siyibuyisele ngokukhawuleza sakuyifumana.” Ukuba amatyala akho uwahlawula ngamakhadi ebhanki okanye ngecredit  card, kubaluleke kakhulu ukuba uzigcine iziliphu ukuze uzazi iindleko zakho.

KHANIZAME ELI CEBISO: Zibhaleni phantsi zonke iindleko ezingatshintshiyo zenyanga nganye. Gqibani ngemali enifuna ukuyonga. Yandulani ke nibhale phantsi iindleko ezinamaxabiso atshintshatshintshayo njengokutya, umbane nefowuni. Emva koko gcinani ingxelo yeenyanga eziliqela ukuze nibone indlela eniyisebenzisa ngayo imali. Ukuba kuyimfuneko, hlengahlengisa indlela ophila ngayo ukuze ungatshon’ ematyaleni.

4. Vumelanani ukuba ngubani oza kwenza ntoni.

“Kungcono abasebenzi babebabini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo.” (INtshumayeli 4:9, 10, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Kwezinye iintsapho imali iphathwa yindoda, kanti ke kwezinye iba ngumfazi. (IMizekeliso 31:10-28) Noko ke, izibini ezininzi ziyancedisana. UMario oneminyaka engama-21 etshatile uthi: “Umfazi wam uhlawula amatyala nezinye izinto ezincinane. Mna ndihlawula irhafu, abasebenzi kunye nerenti. Siyasebenzisana yaye sixelelana yonke into.” Enoba nina nenza njani na eyona nto ibalulekileyo kukuba nisebenzisane.

KHANIZAME ELI CEBISO: Emva kokucingisisa ngezinto ngamnye wenu akwaziyo ukuzenza kakuhle nangakwaziyo, gqibani ngokuba ngubani ofanele enze ntoni. Phindani nithethe ngale ndlela yokwenza izinto emva kweenyanga ezithile. Kulungeleni ukwenza uhlengahlengiso xa kuyimfuneko. Ngamanye amaxesha ninokutshintshisana ngemisebenzi eniyenzayo, omnye enze lo ubukade usenziwa liqabane lakhe. Loo nto iya kunceda ngamnye awuxabise umsebenzi owenziwa liqabane lakhe.

Eyona Nto Efanele Ibalasele Xa Nithetha Ngemali

Akuyomfuneko ukuba nixabane xa nithetha ngemali. ULeah oneminyaka emihlanu etshatile naye uyavuma. Uthi: “Mna nomyeni wam siye safunda ukuthetha phandle ngemali. Isincede kakhulu loo nto kuba ngoku siyasebenzisana yaye sithandana ngakumbi.”

Xa izibini zibonisana ngendlela ezifuna ukuyisebenzisa ngayo imali, oko kuzenza zitsale ngaxhatha linye zize zibonise ukuzinikela emtshatweni wazo. Xa zigqugula ngaphambi kokuba zithenge izinto ezinkulu zibonisa ukuba ziyahlonelana. Xa zivumelana ukuba omnye asebenzise imali ethile ngaphandle kokucela imvume zibonisa ukuba ziyathembana. Ezi ke zizitena zokwakha ubuhlobo obuqinileyo. Ubuhlobo obunjalo bubaluleke ngaphezu kwemali ngoko ke akuyomfuneko ukuba nibe nisilwa ngayo.

^ isiqe. 3 Asingomagama abo la.

^ isiqe. 7 IBhayibhile ithi “indoda iyintloko yomfazi,” ngoko ke yiyo efanele yongamele indlela esetyenziswa ngayo imali yentsapho ngoxa imphatha kakuhle yaye imthanda umfazi wayo, ingacingeli isiqu sayo nje kuphela.—Efese 5:23, 25.

ZIBUZE . . .

  • Sagqibela nini ukuthetha ngemali ngaphandle kokuxabana?

  • Yintoni endinokuyenza okanye endinokuyithetha ukubonisa iqabane lam ukuba ndiyayixabisa indlela elixhasa ngayo intsapho yethu ngemali?