Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungaze Ulahle Ithemba!

Ungaze Ulahle Ithemba!

Ngaba sele uneminyaka uliNgqina likaYehova yaye unqwenela ukuba neqabane lakho lomtshato libe lilo?

Okanye ngaba uye wadimazeka xa ubona umntu obufunda naye iBhayibhile, obengathi uza kakuhle, engade ayimele inyaniso?

 Amava abantu abambalwa baseBritani aya kukunceda ubone isizathu sokuba umele ungaze ulahle ithemba. Uza kubona nento onokuyenza ukuze ufane nomntu ‘ophosa isonka sakho phezu kwamanzi,’ ukuze uncede abo bangekayamkeli inyaniso.—INtshu. 11:1.

UNDOQO KUKUBA UZINGISE

Into ebalulekileyo onokuyenza kukuzingisa. Kufuneka ungagungqi kwinyaniso ubambelele kuYehova. (Dut. 10:20) Yiloo nto kanye awayenzayo uGeorgina. Xa waqala ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova ngowe1970, umyeni wakhe uKyriacos, wavutha ngumsindo. Wazama ukumyekisa ukufunda, akafuna nokuwabona amaNgqina kwakhe, elahla naziphi na iincwadi zawo azifumanayo.

Wathi uGeorgina akuqalisa ukuya kwiintlanganiso zebandla, uKyriacos walugcwabevu ngakumbi. Ngenye imini waya kwiHolo yoBukumkani esiya kuvusa uqhushululu. Omnye udade wathi akuqonda ukuba uKyriacos usiqonda bhetele isiGrike kunesiNgesi, wafowunela omnye umzalwana ongumGrike kwelinye ibandla ukuba eze kunceda. UKyriacos wehla kulo mzalwana wayethetha naye ngobubele, kangangokuba bade bafunda kunye iBhayibhile iinyanga eziliqela. Kodwa uKyriacos waphinda wayeka.

Kwaqengqeleka iminyaka emithathu uGeorgina enyamezele inkcaso. UKyriacos wathi uza kumshiya xa enokubhaptizwa. Ngomhla wokubhaptizwa, uGeorgina wazingisa emthandazweni ecela kuYehova ukuba umyeni wakhe angamshiyi. Xa kwafika amaNgqina eze kumthatha aye naye endibanweni, uKyriacos wathi: “Ningabe nihamba. Siza kunilandela ngeyethu imoto.” Waphulaphula olo cwangciso lwakusasa waza wabukela inkosikazi yakhe ibhaptizwa!

Phantse emva kweminyaka engama-40 edibene namaNgqina, uGeorgina wabukela indoda yakhe ibhaptizwa

Emva koko, wayekelela kwintshutshiso wenza neenguqulelo eziphawulekayo. Phantse emva kweminyaka engama-40 edibene namaNgqina, uGeorgina wabukela indoda yakhe ibhaptizwa! Yintoni eyanceda uKyriacos? Uthi: “Ndivuyiswa gqitha yinto yokuba uGeorgina wazingisayo, akayeka ukunqula uYehova.” UGeorgina uthi: “Nakuba umyeni wam wayenditshutshisa, yayingathi thiki eyokushiya uThixo. Lonke elo xesha, ndaqhubeka ndithandaza kuYehova, yaye andizange ndililahle ithemba.”

UKUBALULEKA KOKWAMBATHA UBUNTU OBUTSHA

Enye into ebalulekileyo ukuze uncede iqabane lakho, kukuzabalazela ukuba nobuntu bomKristu. Umpostile uPetros wabongoza abafazi abangamaKristu wathi: “Wathobeleni amadoda enu, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalithobeliyo ilizwi, azuzeke ngaphandle kwelizwi ngenxa yehambo yabafazi bawo.” (1 Pet. 3:1) UChristine walithobela eli cebiso, nakuba kwaqengqeleka iminyaka ngaphambi kokuba ayizuze indoda yakhe. Xa wayesiba liNgqina kwiminyaka engaphezu kwama-20 eyadlulayo, indoda yakhe uJohn yayingakholelwa kuThixo. Yayingafuni nto iyidibanisa nonqulo, kodwa ibona ukuba lubalulekile kuChristine. Ithi: “Ndandibona ukuba lumenza onwabe. Lwalumomeleza, ibe oko kwakundinceda kwimeko ezinzima.”

UChristine akazange amnyanzele umyeni wakhe ukuba abe liNgqina. UJohn uthi: “Kwasekuqaleni, uChristine wabona ukuba kubhetele angandixeleli ngonqulo lwakhe, waza ke ngomonde wandiyeka ndazibonela.” UChristine wayesithi xa ebona amanqaku athetha ngenzululwazi nendalo kwiMboniselo noVukani!, aqondayo ukuba uJohn uza kuba nomdla kuwo athi kuye, “Ndicinga ukuba uza kukuthanda ukufunda eli nqaku.”

Ethubeni, uJohn wathath’ umhlala phantsi waza wanyamekela igadi. Ekubeni ngoku wayenexesha lokucingisisa nzulu ngobomi, waqalisa ukuzibuza, ‘Ngaba sabakho ngamabona-ndenzile, okanye sadalwa ngenjongo?’ Ngeny’ imini, umzalwana owayencokola noJohn wambuza, “Ucinga ntoni ngesifundo?” UJohn uthi: “Ekubeni ngoku ndandiqalisa ukukholelwa kuThixo, ndavuma ukufundelwa.”

Yaba luncedo gqitha into yokungalahl’ ithemba kukaChristine! Emva kokuthandaza iminyaka engama-20 ukuba uJohn amkele inyaniso, wabhaptizwa. Ngoku bakhonza kunye uYehova ngenzondelelo. UJohn uthi: “Zimbini izinto ezandenza ndayamkela inyaniso—bububele nobuhlobo bamaNgqina. Xa utshate neNgqina likaYehova, oko kuthetha ukuba uneqabane elinyanisekileyo, elithembekileyo nelingazicingeliyo.” Ewe, uChristine walisebenzisa icebiso elikweyoku-1 kaPetros 3:1, ibe lamnceda!

 IMBEWU ITHWALA ISIQHAMO EMVA KWEMINYAKA

Kuthekani ngezifundo zeBhayibhile eziphelelwa ngumdla ngenxa yezizathu ezithile? UKumkani uSolomon wathi: “Kusasa hlwayela imbewu yakho yaye ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa, kuba akuyazi indawo oya kuphumelela kuyo, enoba kulapha okanye phaya, okanye enoba ziya kulunga zombini ngokufanayo.” (INtshu. 11:6) Maxa wambi, kudlula iminyaka ngaphambi kokuba imbewu yenyaniso intshule entliziyweni. Sekunjalo, umntu unokugqibela ngokuyibona imfuneko yokusondela kuThixo. (Yak. 4:8) Ewe, ngenye imini unokufumana imiphumo encumisayo.

Cinga ngoAlice, owafuduka eIndiya waya eNgilani. Ngowe-1974 wafundelwa iBhayibhile. Wayethetha isiHindi kodwa efuna ukuphucula isiNgesi. Kwaqengqeleka iminyaka efundelwa, emana esiya nakwezinye iintlanganiso zebandla lesiNgesi. Wayesazi ukuba yinyaniso leyo wayeyifunda kodwa engaqondi ikuba ibaluleke gqitha. Enye into wayeyithanda gqitha imali neziyolo. Waphetha eyeka ukufunda iBhayibhile.

Phantse kwiminyaka engama-30 kamva, uStella owayefundela uAlice, iBhayibhile wafumana ileta evela kuye. Yayisithi: “Ndiqinisekile uza kuvuyiswa kukuva ukuba umntu owawumfundela ngowe-1974 uye wabhaptizwa kwindibano yesithili kutshanje. Udlale indima ebalulekileyo kubomi bam. Watyala imbewu yenyaniso kum, ibe nakuba ndandingekakulungeli ukuzahlulela kuThixo ngoko, loo mbewu zange iphume engqondweni nasentliziyweni yam.”

Ileta eyabhalelwa uStella nguAlice ithi: “Ndiqinisekile uza kuvuyiswa kukuva ukuba umntu owawumfundela ngowe-1974 uye wabhaptizwa kwindibano yesithili kutshanje”

Kwenzeka ntoni? UAlice uthi wadandatheka gqitha emva kokufelwa ngumyeni ngowe-1997. Wathandaza kuThixo. Kwimizuzu nje elishumi, kwafika amaNgqina amabini athetha isiPunjabi emzini wakhe aza amshiyela iphecana elithi Liyintoni Ithemba Ngabafileyo Obathandayo? Waziva uphendulwe umthandazo wakhe waza wagqiba ekubeni anxulumane namaNgqina kaYehova. Kodwa wayeza kuwafumana phi? Wafumana idayari yakhe endala eneadresi yebandla lesiPunjabi awayeyinikwe nguStella. Waya kwiHolo yoBukumkani waza wamkelwa ngobubele ngabazalwana noodade. Uthi: “Uthando endamkelwa ngalo ndaqhubeka ndiluva nasemva kokuba ndiphumile apho, ibe oko kwandinika isiqabu kuxinezeleko endandinalo.”

Waqalisa ukuya rhoqo kwiintlanganiso, waphinda wafundelwa iBhayibhile, ngoxa efunda ukuthetha nokusibhala kakuhle isiPunjabi. Ngowama-2003 wabhaptizwa. Waqukumbela ileta yakhe wathi: “Enkosi kakhulu ngembewu owayityala kwiminyaka engama-29 eyadlulayo nangomzekelo omhle owandimisela wona.”

“Enkosi kakhulu ngembewu owayityala kwiminyaka engama-29 eyadlulayo nangomzekelo omhle owandimisela wona.”—uAlice

Yintoni onokuyifunda kula mava? Kunokuthabatha ixesha elide kunokuba ucinga, kodwa ukuba umntu uyafuna ukumazi uThixo, unyanisekile, yaye uthobekile, uYehova uya kuvumela inyaniso ikhule entliziyweni yakhe. Khumbula la mazwi akumzekeliso kaYesu: ‘Iyahluma imbewu ize ikhule ibe nde, [umlimi] engayazi indlela okwenzeka ngayo oko. Kuba umhlaba uvelisa isiqhamo ngokwawo, kuqala iba likhaba, kwandule ke kube yimpontshane, ekugqibeleni kuzale ukudla okuziinkozo.’ (Marko 4:27, 28) Oko kukhula kukuthatha ixesha yaye kuzenzekela ‘ngokwako.’ Enyanisweni, mvakalisi ngamnye woBukumkani akayazi indlela okwenzeka ngayo oku. Ngoko ke, qhubeka uhlwayela ngokuyintabalala. Usenokuvuna ngokuyintabalala.

Ungaze ukulibale ukubaluleka kokuthandaza. UGeorgina noChristine baqhubeka bethandaza kuYehova. Ukuba ‘uyazingisa emthandazweni’ uze usoloko ungalilahli ithemba, “isonka sakho” oye wasiphosa phezu kwamanzi usenokuphinda “usifumane emva kwemihla emininzi.”—Roma 12:12; INtshu. 11:1.