Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ukubamba Ixesha

Ukubamba Ixesha

Abantu abahlala befika emva kwexesha bayavuma ukuba kulungile ukulibamba ixesha. IBhayibhile isinika amacebiso aluncedo ngokubamba ixesha.

Kubaluleke kangakanani ukubamb’ ixesha?

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA

Abanye abantu bafumanise ukuba ukufika phambi kwexesha obuthembise umntu ukuba uza kufika ngalo kukwenza ungabi nestres. Ukulibamba ixesha kunceda umntu abe negama elihle. Njani?

Ukubamb’ ixesha kwenza uthenjwe. Xa ulibamba ixesha, ubonisa ukuba uyakwazi ukubulawula ubomi bakho, endaweni yokuba uvumele iingxaki zibangele ungakwazi ukwenza izinto ocebe ukuzenza.

Ukubamb’ ixesha kwenza ube ngonyanisekileyo ebantwini. Eluntwini olungakwazi ukugcina izithembiso, abo bazigcinayo bayaxatyiswa. Abantu abanyanisekileyo bayahlonitshwa ngabahlobo nayintsapho. Abaqeshi bayabaxabisa abasebenzi abalibambayo ixesha nabawugqiba ngexesha umsebenzi. Abasebenzi abanyanisekileyo banokunyuselwa nemivuzo baze bathenjwe nangakumbi ngumqeshi.

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Kukho iZibhalo ezithetha ngokubamb’ ixesha. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “Zonke izinto mazenzeke ngokundilisekileyo nangolungelelwano.” (1 Korinte 14:40) Xa abantu ababini beceba ukudibana endaweni ethile ngexesha elithile, kubalulekile ukuba balibambe ixesha. IBhayibhile iphinda ithi: “Yonke into inexesha layo elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwamazulu.” (INtshumayeli 3:1) Umongo wale vesi kukuba “kukho ixesha lokutyala nexesha lokuncothula.” (INtshumayeli 3:2) Abalimi batyala izityalo ngexesha elifanelekileyo ukuze bavune esona sivuno sihle. Ngamany’ amazwi, xa umlimi etyale ngexesha, isivuno siba sihle.

IBhayibhile ibonisa esona sizathu sibalulekileyo sokubamb’ ixesha: Kukuhlonipha abanye nexesha labo. (Filipi 2:3, 4) Ngokwahlukileyo koko, abantu abasoloko bebalindisa abanye, batya ixesha labo.

“Ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”Filipi 2:4.

Ungenza ntoni ukuze ukwazi ukubamb’ ixesha?

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ikhuthaza ukuba sicebe kwangaphambili. (IMizekeliso 21:5) Xa ufumanisa ukuba usoloko ungalibamb’ ixesha xa uza kudibana nomntu, mhlawumbi uxakeka zizinto ezininzi. Kutheni ungaziyeki izinto ezingabalulekanga ezikutyel’ ixesha? Sukulicupha ixesha. Loo nto iza kukunceda naxa udibana neemeko obungazilindelanga, njengokuxinana kweemoto endleleni okanye imozulu embi.

IBhayibhile isikhuthaza ukuba sithozame. (IMizekeliso 11:2) Loo nto ithetha ukuba ufanele uzazi izinto ongenakukwazi ukuzenza. Ngaphambi kokuba uvume ukwenza into, qiniseka ukuba uza kukwazi ukuyenza. Ukuba uvuma ukwenza izinto ezingaphezu kwamandla akho, wenzela wena nabanye istres!

IBhayibhile isixelela ukuba silisebenzise kakuhle ixesha. (Efese 5:15, 16) Zazi ezona zinto zibalulekileyo. (Filipi 1:10) Ngokomzekelo, xa uhamba ngesithuthi sikawonke-wonke okanye ulinde abanye, usenokufunda ngelo xesha okanye ucinge izinto oza kuzenza ngaloo mini.

“Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo.”IMizekeliso 21:5.