Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Izifo—Indlela Yokunciphisa Amathuba Okuba Nazo

Izifo—Indlela Yokunciphisa Amathuba Okuba Nazo

Umhla nezolo umzimba wakho ulwa neentshaba ezingene zichwechwa kuwo kodwa ezibulalayo. Ezo ntshaba ziintsholongwane nezinambuzane ezifunxa igazi, yaye zinokuyibeka engozini impilo yakho. * Kusenokwenzeka ungawazi lo mlo kuba inkqubo yomzimba iyazigxotha okanye izibulale kungekabikho nto ibonisa ukuba zingaphakathi. Kodwa ke, ngamany’ amaxesha iintsholongwane eziyingozi ziyawoyisa umzimba. Xa kunjalo, kusenokufuneka uwuncedise ngamayeza nangezinye iindlela zonyango.

Kangangeminyaka abantu bebengazi nowathwethwa ngeengozi ezibangelwa zizinambuzane ezincinane nezityalo ezingabonakaliyo. Kwiminyaka yoo-2000, xa oososayensi batsho phandle ukuba iintsholongwane nezifo zihamba kunye. Loo nto yabangela ukuba sibe neendlela zokuzikhusela. Ukususela ngelo xesha abantu abaphanda ngezonyango baye baziphelisa okanye bazinciphisa iingozi ezibangelwa zizifo ezosulelayo ezifana nengqakaqha (smallpox) nepoliyo. Nakuba kunjalo, ezinye ezinjengeyellow fever nedengue, ziye zabuya. Zibuyiswa yintoni? Nazi izizathu:

  • Nyaka ngamnye, izihlwele zabantu ezihambela amazwe ngamazwe, zisoloko zihamba neentsholongwane eziyingozi. Inqaku elikwiphephandaba iClinical Infectious Diseases lithi: “Kubonakala ngathi izifo ezosulelayo eziyingozi” zinokusasazwa ngabantu abahambela kwamanye amazwe.

  • Amayeza abulala iintsholongwane aye oyisakala zezinye zazo. I-World Health Organization ithi amayeza amaninzi abulala iintsholongwane akasakwazi ukwenza umsebenzi wawo.

  • Izidubedube nendlala zisoloko zibangela ukuba urhulumente angakwazi ukuthintela ukusasazeka kwezifo.

  • Abantu abaninzi abayazi indlela yokuthintela izifo.

Nakuba kukho ezi ngxaki, ininzi into onokuyenza ukuze ukhusele wena nentsapho yakho. Inqaku elilandelayo liza kukubonisa ukuba kwanakumazwe asakhasayo, zikho iindlela ezilula nezisebenzayo onokuzisebenzisa.

^ isiqe. 3 Iintsholongwane ezininzi azibangeli zifo. La manqaku athetha ngeentsholongwane nezinye izifo ezosulelayo eziyibeka engozini impilo yakho.