Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Nangona amaziko eencwadi naweemuvi ebonisa okanye ethetha ngemimoya engcolileyo ngendlela eyenza umdla, simele silumkele ingozi esisenokuzifaka kuyo

INQAKU ELINGUMXHOLO | AVELA PHI AMANDLA ANGAQHELEKANGA?

Ifundisa Ntoni IBhayibhile Ngemimoya Engcolileyo?

Ifundisa Ntoni IBhayibhile Ngemimoya Engcolileyo?

ABANTU abaninzi abaqinisekanga ngezinto ezinento yokwenza namandla angaqhelekanga kunye nemimoya engcolileyo. Bathi kuqhathwa nje abantu okanye zizinto nje ezikwiimuvi. Kodwa yona iBhayibhile ithetha enye into. Ilumkisa ngokucacileyo ngemimoya engcolileyo. Ngokomzekelo, kwiDuteronomi 18:10-13 ithi: ‘Maze kungafunyanwa namnye kuwe ovumisayo, noqhelisela umlingo, nohlaba izihlabo nokhafulayo, nobopha ngoomabophe, nobuza koneshologu, noyinkunkqele ekuxeleni iziganeko kwangaphambili, nobuzisa kwabafileyo.’ Ngoba? Esi sibhalo siqhubeka sithi: “UYehova uyamcekisa wonke ubani ozenzayo ezi zinto . . . Uze ungqineke ungenasiphoso kuYehova uThixo wakho.”

Kutheni iBhayibhile ingayifuni nje le mimoya ingcolileyo?

IMVELAPHI YAYO

IBhayibhile ithi ngaphambi kokuba kubekho umhlaba, uThixo wadala izidalwa zomoya ezininzi okanye iingelosi. (Yobhi 38:4, 7; ISityhilelo 5:11) Nganye kwezi ngelosi yayinelungelo lokuzikhethela okulungileyo nokubi. Ezinye zazo zakhetha ukungamthobeli uThixo, zagxothwa ezulwini, zaza kubangela iingxaki emhlabeni. Ngenxa yaloo nto, umhlaba ‘wazaliswa lugonyamelo.’Genesis 6:2-5, 11; Yude 6.

IBhayibhile ithi ezi ngelosi zingalunganga zilahlekisa izigidi zabantu. (ISityhilelo 12:9) Zide zibangele bafune ukwazi izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.1 Samuweli 28:5, 7; 1 Timoti 4:1.

Ewe kona, amandla angaqhelekanga abonakala ekwazi ukunceda abantu. (2 Korinte 11:14) Kodwa ke eyona nyani yile, iingelosi ezingalunganga zizama ukuphazamisa iingqondo zabantu ukuze bangayazi inyaniso ngoThixo.2 Korinte 4:4.

IBhayibhile ibonisa ukuba ukuzidibanisa nemimoya engcolileyo akungomdlalo nje. Yiloo nto abantu ababefuna ukuba ngabafundi bakaYesu bathi bakuva inyaniso ngezi zinto, ‘abo babeqhelisela ubugcisa bomlingo bazizisa ndawonye iincwadi zabo baza bazitshisa,’ nangona zazibiza imali eninzi.IZenzo 19:19.

“Kusenokwenzeka ukuba ukwanda kwenani lamantombazana akholelwa kubugqwirha kubangelwe yimifanekiso yamagqwirha amahle navuselela inkanuko yesondo ekwiTV, kwiimuvi nasezincwadini.”—IGallup Youth Survey, ka-2014

Namhlanje, abantu abaninzi baye bazimisela ukungazidibanisi nakancinci nezinto ezinento yokwenza nemimoya engcolileyo. Ngokomzekelo, xa uMaria * wayeneminyaka eyi-12, wayekwazi ukuchaza ezinye izinto eziza kwenzeka okanye iingozi ezizayo. Wayefundela abantwana afunda nabo amakhadi emilingo ibe ngenxa yokuba izinto awayezichaza zazisenzeka, wayithanda kakhulu imilingo.

UMaria wayecinga ukuba nguThixo omenza akwazi ukunceda abantu. Uthi: “Kodwa ikho into eyayindihlupha. Xa ndifunda amakhadi emilingo, ndandiwafundela abanye. Nangona ndandifuna ukwazi ngam, ndandingakwazi ukuchaza into eza kwenzeka kum.”

Ezibuza imibuzo emininzi engaphendulekiyo, uMaria wathandaza kuThixo. Emva koko wadibana namaNgqina kaYehova, amfundela iBhayibhile. Wafunda eBhayibhileni ukuba ayingoThixo omenza akwazi ukuchaza izinto zexesha elizayo. Waphinda wafunda ukuba ukuze abe ngumhlobo kaThixo ufanele azilahle izinto zemimoya engcolileyo. (1 Korinte 10:21) Wenza ntoni emva koko? Wazilahla zonke iincwadi nezinto zemilingo. Ngoku uchazela abanye ngenyaniso ayifunde eBhayibhileni.

Ekukhuleni kwakhe, uMichael wayekuthanda ukufunda iincwadi zamabali athetha ngabantu abanamandla angaqhelekanga. Uthi: “Ndandikuthanda ukufunda ngeentanga zam ezingamaqhawe athanda ukuya kwiindawo ezingaqhelekanga.” Waya ekuqhela ukufunda iincwadi zemilingo nezinto zobusathana. Uthi: “Umdla endandinawo kwezi zinto wandenza andafunda iincwadi zodwa kodwa ndabukela neemuvi zazo.”

Ukufunda kukaMichael iBhayibhile kwamenza wafuna ukuzihlolisisa izinto azifundayo. Uthi: “Ndaqokelela zonke izinto ezinento yokwenza nemimoya engcolileyo ndaza ndazilahla. Ndafunda into ebalulekileyo. Kweyoku-1 kwabaseKorinte 10:31, iBhayibhile ithi: ‘Zonke izinto zenzeleni uzuko lukaThixo.’ Ngoku ndiyazibuza ukuba, ‘Ngaba le nto ndiyifundayo iyamzukisa uThixo?’ Ukuba ayimzukisi, ndiyayiyeka.”

IBhayibhile ichazwa kakuhle xa kusithiwa sisibane. Yiyo kuphela esikhanyisela ngeyona nto iyiyo imimoya engcolileyo. (INdumiso 119:105) Kodwa ayipheleli nje ekusikhanyiseleni. Isichazela ngethemba elivuyisayo lomhlaba ongenayo imimoya engcolileyo. Le nto iza kubanceda kakhulu abantu. Ngokomzekelo, iNdumiso 37:10, 11 ithi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo; uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho. Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”

^ isiqe. 10 Amagama akweli nqaku atshintshiwe.