Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Ndandisisikhohlakali, Ndikuthanda Nokulwa

Ndandisisikhohlakali, Ndikuthanda Nokulwa
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1974

  • ILIZWE: EMEXICO

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: NDANDINGUPHUMA-SILWE

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO:

Ndazalwa eCiudad Mante, ummandla omhle welizwe laseTamaulipas, eMexico. Uninzi lwabantu balapho lunobubele. Kodwa ngenxa yolwaphulo-mthetho oluninzi, le ndawo yaba yingozi.

Ndandingowesibini kumakhwenkwe amane. Ndabhaptizwa kwiCawa yamaKatolika, ibe kamva ndaba kwikwayara yaloo cawa. Ndandifuna ukukholisa uThixo kuba ndandisoyika ukugwetywa ndize nditshe esihogweni.

Xa ndandineminyaka emihlanu, utata wemka ekhaya. Intliziyo yam yaba lihlwili, ndaziva ndingento yanto. Ndandizibuza ukuba utata uyenzeleni le nto ekubeni besimthanda kangaka. Kwanyanzeleka ukuba amaxesha amaninzi umama abe semsebenzini ukuze sifumane izinto esizidingayo.

Ndasebenzisa elo thuba, ndilova esikolweni ukuze ndibuthe nabanye abantwana abadala kum. Bandifundisa ukuthuka, ukutshaya nokulwa. Ekubeni ndandithanda ukuba kuviwe ngam, ndafunda amanqindi, ukujijisana, ikarati nendlela yokusebenzisa izixhobo. Ndaba yindlavini enguphuma-silwe. Ndandisoloko ndisiba kumlo wemipu, ibe amaxesha amaninzi ndandisiba bubutyadidi ligazi, ndishiywe kucingwa ukuba ndifile. Umama wayendifumana ndiyiloo nto aze andibalekisele esibhedlele. Khawucinge indlela amele ukuba wayekhathazeka ngayo!

Xa ndandineminyaka eyi-16 umhlobo wam uJorge, esasikhula kunye weza kusibona ekhaya. Wasichazela ukuba uliNgqina likaYehova ibe unomyalezo obalulekileyo asiphathele wona. Esebenzisa iBhayibhile, wasicacisela izinto akholelwa kuzo. Zange ndayifunda iBhayibhile oko ndazalwa, ibe ndakuvuyela ukufunda ngegama likaThixo neenjongo zakhe. UJorge wacela ukufunda iBhayibhile kunye nathi, savuma.

NDATSHINTSHWA YIBHAYIBHILE:

Kwandivuyisa ukuva inyaniso yokuba isihogo asiyomfundiso yeBhayibhile. (INtshumayeli 9:5) Ndathi ndakuyazi loo nyaniso, ndayeka ukungcangcazeliswa kukoyika uThixo. Kunoko, ndambona enguBawo obathandayo abantwana bakhe nofuna ukubenzela izinto ezintle.

Njengoko ndandisiya ndiyazi iBhayibhile, ndaqonda ukuba ndimele nditshintshe ubuntu bam. Kwafuneka ndifunde ukuthobeka, ndiyeke ukuba nguphuma-silwe. Ndancedwa ngumyalelo okweyoku-1 kwabaseKorinte 15:33. Uthi: “Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” Ndabona ukuba ukuze nditshintshe, kufuneka ndiyeke ukuhamba nabantu abangalunganga. Ngoko ndabayeka abahlobo abangalunganga ndaza ndanabahlobo abangamaKristu—abantu abangalungisi iingxaki zabo ngezigalo, kodwa ngokwenza oko kuthethwa yiBhayibhile.

Esinye iSibhalo esandincedayo ngamaRoma 12:17-19. Sithi: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. . . . Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, . . . kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.’” Ndatsho ndayamkela into yokuba uYehova uza kukulungisa ngendlela nangexesha lakhe ukungabikho kobulungisa. Kancinci kancinci, ndayeka ukuba nguphuma-silwe.

Andisoze ndiyilibale into eyenzeka ngobunye ubusuku endleleni egodukayo. Ndahlaselwa liqela lolutsha esasisilwa nalo, waza umfo oliphetheyo wandingomb’ emqolo esithi, “Kutheni ungazilweli nje kaloku?” Ndatsho umthandazo omfutshane ndicela uYehova andincede ndingaphindisi nangona ndandifuna. Nyhani ndakwazi ukwahlukana nelo qela ndingakhange ndilwe. Ngosuku olulandelayo ndaphinda ndadibana nomphathi walo ehamba yedwa. Ndavele ndanomsindo ndifuna silwe, kodwa ndaphinda ndathandaza ndamcela uYehova andincede ndizibambe. Ndothuka xa wavele weza ngqo kum waza wathi: “Ndicel’ uxolo ngento eyenzeke izolo. Xa nditheth’ inyani, ndibawela ukuba njengawe. Ndifuna ukufunda iBhayibhile.” Wathi akutsho, yandivuyisa kakhulu into yokuba ndiye ndakwazi ukuzibamba! Ngoko saqalisa ukufunda kunye iBhayibhile.

Okubuhlungu kukuba, intsapho yasekhaya yayeka ukufunda iBhayibhile. Sekunjalo, ndazixelela ukuba mna soze ndiyeke, yaye akukho mntu okanye into enokuze indiyekise. Ndandisazi ukuba xa ndisoloko ndikunye nabantu bakaThixo iya kuphela intlungu endinayo ngaphakathi. Baya kuba yile ntsapho ndiyidingayo. Ndaqhubeka ndimazi ngakumbi uYehova ibe ngo-1991 ndabhaptizwa ndaba liNgqina likaYehova.

INDLELA ENDINCEDAKELE NGAYO:

Ndandikhohlakele, ndingumntu ofuna kuviwe ngaye yaye ndinguphuma-silwe. Kodwa iLizwi likaThixo liye labutshintsha ngokupheleleyo ubomi bam. Ngoku ndixelela wonke umntu ofunayo umyalezo weBhayibhile. Ndiye ndanguvulindlela wexesha elizeleyo iminyaka eyi-23.

Kangangethuba elithile ndandisebenza kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova eMexico. Ngoxa ndilapho, ndadibana noClaudia, ibhinqa eliselitsha elingumKristu nelalikhuthele kakhulu, saza satshata ngo-1999. Ndimbulela kakhulu uYehova ngokundisikelela ngeqabane elinyanisekileyo!

Sasikwibandla laseMexico leNtetho Yezandla, sinceda abantu abangevayo ukuba bamazi uYehova. Emva koko, sacelwa ukuba siye kufundisa iBhayibhile kwilizwe laseBelize. Nangona singaphili ubomi obutofo-tofo apha, sinayo yonke into esiyidingayo. Saneliseke ngokwenene.

Ekuhambeni kwexesha umama waphinda waqal’ aph’ ebeyeke khona ukufunda iBhayibhile waza wabhaptizwa. Sithetha nje nomkhuluwa wam, umfazi wakhe nabantwana babo ngamaNgqina kaYehova. Abanye ababekade bengabahlobo bam endabaxelela ngoBukumkani bukaThixo nabo bakhonza uYehova.

Okubuhlungu kukuba abanye abantu basekhaya abasekho ngenxa yokuba abazange bayiyeke inkohlakalo. Mhlawumbi nam ukuba ndandingazange ndiyeke ukuba njengabo, ngesendasweleka. Ndimbulela kakhulu uYehova ngokunditsalela kuye nakubantu abamnqulayo, abandifundisa ngomonde nangobubele indlela endinokuyisebenzisa ngayo imigaqo yeBhayibhile ebomini bam.