Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukhokelo Olungaphezu Kwethuku

Ukhokelo Olungaphezu Kwethuku

Ukhokelo Olungaphezu Kwethuku

“Ukuba indlela abantu abaziphatha ngayo ixhomekeke kukhetho lwabo nolungalawulwa yimigaqo, ngoko ke, imithetho karhulumente iya kuzama ukunyanzela abantu ukuba baziphathe kakuhle.”—UGQR. DANIEL CALLAHAN.

INKXALABO kaCallahan iyinyaniso engenakuphikwa. Ukudodobala kwendlela abantu abaziphethe ngayo iye yanyanzela oorhulumente ukuba baqulunqe imithetho yokulwa nolwaphulo-mthetho. Kwingqungquthela yokuqala ebizwa ngokuba yiNigeria Mothers’ Summit, umongameli waseNigeria uchaze indlela elimfiliba ngayo ikamva lelo lizwe. Engqondweni yakhe, kwakuyinto engaphaya kwezopolitika okanye intlupheko, kodwa “into enzulu kakhulu kunezo”—“ukuvuthuluka kwemilinganiselo yeentsapho, emisebenzini, kwibutho labantu nakwilizwe ngokubanzi.”

EBritani, kwenziwe uhlolisiso loo mama abali-1 736 yaye kuye kwafunyaniswa ukuba “isiko lakudala leentsapho liphelelwa lixesha ngenxa yokudodobala kwendlela yokuziphatha yabazali abangenamaqabane.” ETshayina, ukuziphatha kakubi kutsib’ ilitye likaPhungela. Iphephancwadi iTime lithi, abantu kweli lizwe baba neentlobano zesini besebancinane kakhulu yaye bakwenza oku namaqabane amaninzi kunangaphambili. Ibhinqa eliselula laseTshayina lizingomb’ isifuba ngokuba neentlobano zesini nabantu abali-100 lithi: “Bubomi bam, ndingenza nantoni na endifuna ukuyenza.”

Oku kudodobala kwezimilo kuye kwachaphazela nabasemagunyeni. UJaved Akbar waseKhanada, wephephandaba iToronto Star uthi: “Abantu abasenayo imizekelo emihle kwiziphatha-mandla.” Uqukumbela ngelithi, abezopolitiko, abezoshishino neenkokeli zonqulo “babonakala ngathi baphelelwe yindlela yokuziphatha engumzekelo.”

Kutheni Ukuziphatha Kudodobala?

Zininzi izinto ezingunozala wokudodobala kokuziphatha kwabantu. Enye yazo kukuvukela imilinganiselo eqhelekileyo yokuziphatha. Ngokomzekelo, uhlolisiso olwenziwa kuMzantsi weUnited States, luye lwabonisa ukuba uninzi lolutsha olufunda ekholejini luphendula ngelithi “into ephosakeleyo nelungileyo ixhomekeke kumntu ngamnye.”

Umbhali ngezopolitiko uZbigniew Brzezinski, usithela thsuphe ngenye inkalo. Ubhala athi, abantu namhlanje “banikel’ ingqalelo ekwaneliseni iminqweno yabo ngoku, kwibutho apho umntu ngamnye neqela ecinga ukuba ukonwaba yeyona nto iphambili emhlabeni.” Ukuzimela geqe, ukubawa nokuzingca kuyinto enqwenelekayo, kodwa, ngaba kuyindlela esa kulonwabo nephucula ulwalamano lwethu nabanye?

UYesu wathi: “Ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.” (Mateyu 11:19) Ngaba abantu bonwatyiswa kukudodobala kwemilinganiselo yokuziphatha? Xa sikhangela imiphumo yoku: ukwanda kokungathembani, ukuwohloka kolwalamano, imigqakhwe, ubhubhane wezifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, ukukhulelwa kolutsha, ukukhotyokiswa ziziyobisi nobundlobongela. Ezi zinto azibonisi lwaneliseko nokuphumelela kodwa zibonisa intlungu nokusilela ngokulusizi.—Galati 6:7, 8.

UYeremiya owabona iingxaki ezifanayo ngexesha lakhe, waphefumlelwa ukuba abhale la mazwi: “Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Kucace nakuthathatha ukuba uThixo akazange asidale ukuba sihambe ngesiyibonayo. Indlela ebonakala ngathi isilungele inokuba yingozi. IMizekeliso 14:12 ithi: “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, kodwa emva koko ziindlela zokufa.”

Sizibetha Ngenyhek’ Etyeni!

Sisiphi esinye isizathu esibonisa ukuba kufuneka sibe nokhokelo kwimilinganiselo yokuziphatha? Kungenxa yokuba iintliziyo zethu zinokusikhohlisa. IBhayibhile ithi kuYeremiya 17:9: “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa. Ngubani na onokuyazi?” Masithi ubusazi mntu uthile unenkohliso notyhudisayo, ngaba ubunokumthemba? Ibiya kuba bubuyatha ke obo! Kodwa umntu ngamnye unentliziyo enezo mpawu. Noko ke, uThixo usinika isilumkiso esingqalileyo nesothando, esithi: “Okholosa ngentliziyo yakhe usisiyatha, kodwa ohamba ngobulumko uya kusinda.”—IMizekeliso 28:26.

Nantso ke ingongoma: Kunokuthemba amandla ethu okucinga angafezekanga, kufuneka sihambe ngobulumko bobuthixo, ngaloo ndlela siya kuzikhusela kwimiphumo eyintlekele. Ngaphezu koko, ubulumko obuxabisekileyo bufumaneka kuye wonk’ ubani obufuna ngokunyanisekileyo. IBhayibhile ithi: “Ngoko, ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko, makaqhubeke ebucele kuThixo, kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi; yaye uya kubunikwa.”—Yakobi 1:5.

Thembela KuThixo “Ngentliziyo Yakho Yonke”

Xa ithetha ngoMdali wethu iBhayibhile ithi: “NguLiwa, ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni. NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; lilungisa yaye uthe tye yena.” (Duteronomi 32:4) Ewe, uYehova unjengeliwa. Unokuthenjwa ngemilinganiselo efanelekileyo nokhokelo lweZibhalo, kungakhathaliseki ukuba sijamelene nayiphi na ingxaki. IMizekeliso 3:5, 6 ithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.”

Ngokwenene, ngubani omnye onokusinika ukhokelo olubhetele ngaphezu koMdali wethu, kaloku ‘ubala kwaneenwele ezi zeentloko [zethu]’? (Mateyu 10:30) Ukongezelela, uye waba ngumhlobo wokwenene, ndlela le asithanda ngayo, unyanisekile ngalo lonke ixesha—naxa inyaniso sel’ ikrakra.—INdumiso 141:5; IMizekeliso 27:6.

Phawula kwakhona ukuba uYehova akasinyanzeli ukuba siphulaphule ukhokelo lwakhe. Kunoko, uyasibongoza ngothando esithi: “Mna, Yehova, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo. Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho njengamaza olwandle.” (Isaya 48:17, 18) Ngaba akuziva utsalelekile kuThixo onjalo? Ngaphezu koko, uye wenza ukuba iLizwi lakhe, iBhayibhile Engcwele, eyona ncwadi isasazwe kakhulu ehlabathini, ifumaneke kuthi sonke!—2 Timoti 3:16.

Vumela ILizwi LikaThixo Likukhanyisele

Xa wayethetha ngeZibhalo Ezingcwele, umdumisi wabhala wathi: “Ilizwi lakho lisisibane elunyaweni lwam, nokukhanya endleleni yam.” (INdumiso 119:105) Isibane elunyaweni sityhila ingozi esenokwenzeka ngokuqhwanyaza kweliso njengokuba isibane endleleni yethu sisenza sibone apho sihamba khona. Ngeliphandle, iLizwi likaThixo linokusikhokela ukuze senze izigqibo zobulumko ebomini bethu, izigqibo ezichanileyo kwiinkalo zonke zobomi—ezanamhlanje nezexesha elizayo.

Ngokomzekelo, khawucinge ngeNtshumayelo yaseNtabeni. Kuloo ntetho imfutshane, ifumaneka kuMateyu isahluko 5 ukusa kwesesi-7, uYesu Kristu uthetha ngolonwabo, uthando, intiyo, inceba, ukuziphatha, umthandazo, ukusukela ubutyebi nangezinye iinkalo ezazibalulekile ngelo xesha nezibalulekileyo nanamhlanje. Loo ntetho yenza kwatsho kwasa kubantu balapho kangangokuba “zathi khamnqa izihlwele yindlela yakhe yokufundisa.” (Mateyu 7:28) Khawuziphe ixesha ukhe uzifundele le ntshumayelo. Kusenokwenzeka ukuba nawe uya kuthi khamnqa yiyo.

“Qhubeka Ufuna” Uncedo LukaThixo

Alinakuphikiswa elokuba, ukwenza ukuthanda kukaThixo akusoloko kulula. Enyanisweni, umlo esinawo nxamnye nesono, eBhayibhile ufaniswa nemfazwe. (Roma 7:21-24) Ngoncedo lukaThixo, kule mfazwe unokoyisa. UYesu wathi: “Qhubekani nicela, niya kunikwa; qhubekani nifuna, niya kufumana; . . . Kuba wonk’ ubani ocelayo uyamkela, nalowo ufunayo uyafumana.” (Luka 11:9, 10) Ewe, uYehova akayi kumshiya kwesinomhlwa nabani na ozama ngamandla onke ukuhamba kwindlela emxinwa ekhokelela kubomi obungunaphakade.—Mateyu 7:13, 14.

Khawucinge ngomzekelo kaFrank, owayelikhoboka lecuba ukuqala kwakhe ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Emva kokufunda eyesi-2 kwabaseKorinte 7:1 waza echanile wagqiba kwelokuba umkhwa wakhe ‘wawudyobha inyama’ ngokwembono kaThixo, uFrank wenza isigqibo sokuba akuyeke ukutshaya. Ukuphumeza esi sigqibo kwakungelula. Ngesinye isihlandlo wakhasa ngamadolo ekhangela izijungqu zomdiza ukuze nje ampakuze!

Le hambo ingenazintloni yamvus’ emaqandeni uFrank, waza wazibona indlela awayelikhoboka ngayo lokutshaya. (Roma 6:16) Ngoko, wathandaza ngokunyanisekileyo ecela uncedo, esebenzisa ulwalamano oluhle lwamaKristu ebandla lamaNgqina kaYehova waza wawoyisa lo mkhwa umbi.—Hebhere 10:24, 25.

Yanelisa Intswelo Yakho Yokomoya

Umzekelo kaFrank ngomnye kwemininzi ebonisa ukuba iBhayibhile inokhokelo lokuziphatha nolokomoya olungaphezu kwalo naluphi na olunye yaye iyasikhuthaza ukuba silandele olo khokelo. Akumangalisi ukwazi ukuba uYesu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.”—Mateyu 4:4.

Xa sinikel’ ingqalelo kumazwi kaThixo, singenelwa ngeendlela ezahlukeneyo—ngokwasengqondweni, ngokweemvakalelo, ngokomoya nangokwenyama. INdumiso 19:7, 8 ithi: “Umthetho kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo. . . . Imiyalelo evela kuYehova ithe tye, iyibangela ibe nemihlali intliziyo; umyalelo kaYehova uhlambulukile, uwenza akhanye emehlo.”—INdumiso 19:7, 8.

NgeLizwi lakhe, uYehova akasincedi nje ukuba siphile ngokwemilinganiselo echanileyo, kodwa usenza siphile ubomi obubhetele ngoku. Kwakhona, usikhanyisela ngekamva. (Isaya 42:9) Njengokuba inqaku elandelayo libonisa, liqaqambile ikamva labo bonke abalwamkelayo ukhokelo lukaThixo.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 4, 5]

Ukhokelo Lobuqu Lokuziphatha

Abantu banesipho esixabisekileyo—isazela. Ngenxa yoko, abantu bazo zonke iintlanga nezizwe okanye nakwiliphi na ixesha lembali, kukho into abafana ngayo. (Roma 2:14, 15) Noko ke, isazela asisoloko sichanile; sinokuphenjelelwa ziimfundiso zobuxoki, iintanda-bulumko zabantu, ikhethe neminqweno emibi. (Yeremiya 17:9; Kolose 2:8) Ngenxa yoko, njengokuba umqhubi wenqwelo-moya emele aqiniseke ngezixhobo zakhe zokuqhuba inqwelo-moya, nathi simele siqiniseke, yaye apho kuyimfuneko sitshintshe indlela esiziphethe ngayo neenkolelo zethu ukuze zibe zezobulungisa ‘nezoMmisi-mthetho wethu’ uYehova uThixo. (Isaya 33:22) Ngokwahlukileyo kwimilinganiselo yabantu, etshintsha umhla nezolo, imilinganiselo kaThixo ihlala ngonaphakade. Kaloku uthi: “Kuba ndinguYehova, anditshintshanga.”—Malaki 3:6.

[Ibhokisi ekwiphepha 7]

Ukufumana Isikhokelo Sempumelelo Nolonwabo

UKUFUMANA ULONWABO

“Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—MATEYU 5:3.

“Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZENZO 20:35.

“Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!”—LUKA 11:28.

UKUTHENJWA

“Ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe.”—EFESE 4:25.

“Lowo ubayo makangabi seba.”—EFESE 4:28.

“Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke, nesilili somtshato masingadyojwa.”—HEBHERE 13:4.

UKUXOLELA KWAKHA ULWALAMANO OLUHLE

“Zonke izinto . . . enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.”—MATEYU 7:12.

“Ngoko ke, [umyeni] makamthande umfazi wakhe njengoko ezithanda; ke yena umfazi, makabe nentlonelo enzulu ngendoda yakhe.”—EFESE 5:33.

“Qhubekani . . . nixolela ngesisa.”—KOLOSE 3:13.

UKUPHEPHA NOKULUNGISA IINGXABANO

“Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na.”—ROMA 12:17.

“Uthando luzeka kade umsindo yaye lunobubele. . . . Alunanzondo.”—1 KORINTE 13:4, 5.

“Malingatshoni ilanga nicaphukile.”—EFESE 4:26.