Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Francesco Carta fotografo/Moment via Getty Images

Baya Besiba Baninzi Abantu Abaziva Bebodwa—Into Ethethwa YiBhayibhile

Baya Besiba Baninzi Abantu Abaziva Bebodwa—Into Ethethwa YiBhayibhile

 Ngokutsho kophando oluye lwenziwa emhlabeni wonke, a umntu omnye kwabane uziva eyedwa.

  •   “Nokuba umntu uneminyaka emingaphi, okanye uhlala phi, unokuba nayo ingxaki yokungabi nabahlobo okanye abantu abasondeleyo kuye anokuthetha nabo.”—UChido Mpemba, okwiWorld Health Organization’s Commission on Social Connection.

  Abanye bacinga ukuba ngabantu abadala kuphela okanye abantu abangahlali namntu abanokuziva bebodwa. Kodwa ingenzeka le nto nakubantu abasebatsha, abasempilweni, nabatshatileyo. Xa ungasondelelananga namntu ibe uziva uwedwa, loo nto isenokukwenza ugule ibe ungonwabi.

  •   UGqr. Vivek Murthy waseMerika uthi, “Akukho buhlungu nje qha ukuziva uwedwa. Umntu ongenabahlobo okanye ongenabantu asondelelene nabo usengozini efanayo neyomntu onokusweleka ngenxa yokuba etshaya icuba kayi-15 ngosuku.”

Into ethethwa yiBhayibhile

 UMdali wethu akafuni singabinabo abantu esisondelelene nabo. Kwasekuqaleni, uThixo abantu wayebadalele ukuba baphile kamnandi kunye.

  •   Umgaqo weBhayibhile: “UThixo wathi: ‘Ayilunganga into yokuba umntu ahlale eyedwa.’”—Genesis 2:18.

 UThixo ufuna sibe ngabahlobo bakhe. Uthembisa ukuba uza kusondela kuthi ukuba nathi siyasondela kuye.—Yakobi 4:8.

  •   Umgaqo weBhayibhile: “Bonwabile abo baqondayo ukuba bayamdinga uThixo, kuba uBukumkani bamazulu bobabo.”—Mateyu 5:3.

 UThixo ufuna simkhonze kunye nabanye abantu. Xa sisenza loo nto, siye sonwabe.

  •   Umgaqo weBhayibhile: “Masicingelane ukuze sikhuthazane ukuba sithandane size senze izinto ezilungileyo, singaziphosanisi nokudibana kunye, . . . kodwa masikhuthazane.”—Hebhere 10:24, 25.

 Ukuze ufunde nezinye izinto ngokuba kutheni kubalulekile ukuba uzame ukungaziva uwedwa, funda inqaku elithi “Ubulolo Kwihlabathi Elihambele Phambili Kwezonxibelelwano.”

a The Global State of Social Connections, yeMeta and Gallup, ngo-2023.