Yiya kwinkcazelo

Ivesi YeBhayibhile Yosuku

Ivesi YeBhayibhile Yosuku

Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla yincwadana eneevesi zeBhayibhile zosuku oluthile kunye namagqabaza ngezo vesi. Le ncwadana inokunceda uqalise usuku lwakho ngokufunda izinto ezikhuthazayo eziseBhayibhileni.

Nangona ivesi yeBhayibhile kunye namagqabaza anokufundwa nokuba kunini na, abantu abaninzi bathanda ukuyifunda kusasa. Ngaloo ndlela banokucingisisa ngezinto abazifundileyo njengoko imini ihamba. Ukuba unentsapho, inokuninceda into yokuncokola ngesibhalo kunye.

Itekisi yosuku ungayifunda kwi-Watchtower ONLINE LIBRARY, okanye ungadawunlowuda eneevesi zonyaka wonke nge-PDF.