Yiya kwinkcazelo

Intshayelelo Yeencwadi ZeBhayibhile

Ezi vidiyo zimfutshane zinenkcazelo ebalulekileyo etshayelela iincwadi zeBhayibhile kunye nezinto ezifundiswa yiloo ncwadi kuthethwa ngayo. Sebenzisa ezi vidiyo ukuze ufake umfutho kufundo nofundisiso lwakho lweBhayibhile.

Intshayelelo ka-1 Kumkani

Mamela ibali lakwaSirayeli njengoko liqhuba kakuhle phantsi kolawulo lukaKumkani uSolomon lize ekuhambeni kwexesha lehlelwe zizinto ezibuhlungu xa lohlukanisiwe lazizizwe ezimbini zakwaSirayeli nakwaYuda.

Intshayelelo KaEzra

UYehova ugcina isithembiso sakhe sokukhulula abantu ekuthinjweni ngamaBhabhiloni nokubuyisela unqulo lokwenyaniso eYerusalem.

Intshayelelo KaNehemiya

Incwadi yeBhayibhile kaNehemiya inamacebiso aluncedo kubo bonke abanquli bokwenyaniso namhlanje.

Intshayelelo KaEstere

Iziganeko zemihla kaEstere ziya kulomeleza ukholo lwakho kwindlela uYehova uThixo akwazi ngayo ukukhulula abantu bakhe ebunzimeni namhlanje.

Intshayelelo KaYobhi

Bonke abo bathanda uYehova baza kuvavanywa. Ingxelo kaYobhi iyasiqinisekisa ukuba sinokuhlala sigcine ingqibelelo size silumele ulongamo lukaYehova.

Intshayelelo YeeNdumiso

IiNdumiso zixhasa ulongamo lukaYehova, inceda ize ithuthuzele abo bamthandayo ize ibonise indlela ihlabathi eliza kutshintsha ngayo esebenzisa uBukumkani.

Intshayelelo YeMizekeliso

Fumana ukhokelo olusuka kuThixo kuyo yonke into ebomini bakho, ukususela kwimiba yoshishino ukuya kutsho kweyentsapho.

Intshayelelo YeNtshumayeli

UKumkani uSolomon uthetha ngezona zinto zibalulekileyo ebomini nangezinto ezingqubanayo nobulumko bukaThixo.

Intshayelelo YeNgoma Yazo Iingoma

Uthando umShulamikazi analo ngomalusi lufaniswa ‘nedangatye likaYa.’ Ngoba?

Intshayelelo kaIsaya

Incwadi kaIsaya yincwadi ethetha inyaniso, enokwenza umthembe ngakumbi uYehova kuba uyazizalisekisa izithembiso zakhe ibe unguThixo wosindiso.

Intshayelelo KaYeremiya

UYeremiya wawenza ngokuthembeka umsebenzi wokuprofeta awayewuthunyiwe nangona kwakunzima. Khawucinge ngendlela umzekelo wakhe onokuwanceda ngayo amaKristu namhlanje.

Intshayelelo YeZililo

Le ncwadi yeZililo ebhalwe ngumprofeti uYeremiya, ichaza intlungu engokutshatyalaliswa kweYerusalem, ize ibonise ukuba uThixo usenzela inceba xa siguquka.

Intshayelelo KaHezekile

UHezekile wazenza ngokuthobeka nangesibindi zonke izinto awayezithunywe nguThixo, kungakhathaliseki ukuba zazinzima kangakanani. Ubaluleke kakhulu umzekelo wakhe kuthi namhlanje.

Intshayelelo KaDaniyeli

UDaniyeli nabahlobo bakhe bahlala bethembekile kuYehova phantsi kwazo zonke iimeko. Umzekelo wabo nokuzaliseka kwesiprofeto kuyasinceda ngoku, kweli xesha lesiphelo.

Intshayelelo KaYoweli

UYoweli waprofeta ‘ngemini kaYehova’ ezayo waza wachaza eyona ndlela yokusinda. Isiprofeto sakhe sibaluleke nangakumbi namhlanje.

Intshayelelo KaObhadiya

Yeyona ncwadi imfutshane kwiZibhalo ZesiHebhere. Esi siprofeto sinika ithemba, yaye sithembisa ukuba ilungelo lokulawula likaYehova uThixo liza kuthethelelwa.

Intshayelelo KaYona

Lo mprofeti wavuma ukulungiswa, wawenza umsebenzi wakhe, waza wafunda isifundo esibalulekileyo ngothando lukaThixo olungagungqiyo nangenceba yakhe. Ziza kukuchukumisa izinto ezenzeka kuye.

Intshayelelo KaMika

Esi siprofeto sisiqinisekisa ukuba izinto uYehova athi masizenze ziyavakala ibe ziyasinceda.

Intshayelelo KaNahum

Esi siprofeto sisenza simthembe uYehova ukuba uhlala eyenza into ayithethayo ibe siyabathuthuzela bonke abafuna uxolo nokusindiswa buBukumkani bakhe.

Intshayelelo KaHabhakuki

Siqinisekile ukuba uYehova uyalazi ixesha nendlela efanelekileyo yokusindisa abantu bakhe.

Intshayelelo KaZefaniya

Kutheni simele singacingi ukuba imini yomgwebo kaYehova ayizukufika?

Intshayelelo KaHagayi

Esi siprofeto sibonisa indlela ekubaluleke ngayo ukubeka ukunqula uThixo kuqala kunezinto ezifunwa sithi.

Intshayelelo KaMalaki

Sisiprofeto esithetha ngemigaqo kaThixo engatshintshiyo, inceba nothando analo. Esi siprofeto sisifundisa nendlela esinokujongana ngayo neemeko zale mihla yethu.

Intshayelelo KaMateyu

Uza kukuvuyela ukufunda izinto ekuthethwa ngazo kwincwadi yeBhayibhile kaMateyu, incwadi yokuqala kwezine zeVangeli.

Intshayelelo KaMarko

Incwadi kaMarko, eyeyona imfutshane kwiincwadi zeVangeli, isikrobisa kwixesha elizayo lokulawula kukaYesu njengoKumkani woBukumkani bukaThixo.

Intshayelelo YeZenzo Zabapostile

AmaKristu okuqala asebenza nzima ukwenza abantu bazo zonke iintlanga babe ngabafundi. Incwadi yeZenzo ingakwenza ukuthande ngakumbi ukushumayela.

Intshayelelo Yesi-2 KwabaseKorinte

UYehova, “uThixo wentuthuzelo,” ubanika amandla aze abancede abakhonzi bakhe.

Intshayelelo yamaGalati

Ileta eyabhalwa nguPawulos isiya kumaGalati iseluncedo nanamhlanje. Ingawanceda onke amaKristu ahlale ethembekile.

Intshayelelo YamaEfese

Le ncwadi iphefumlelweyo ithetha ngendlela uThixo aza kuzisa ngayo uxolo nomanyano esebenzisa uYesu Kristu.

Intshayelelo YamaFilipi

Ukungagungqi xa kukho iingxaki kukhuthaza abanye ukuba nabo bangagungqi.

Intshayelelo Yencwadi Yoku-1 KwabaseTesalonika

Kufuneka sibe nokholo olomeleleyo, ‘siqiniseke ngezinto zonke,’ sithandaze ngokungapheziyo size sikhuthazane.

Intshayelelo YamaHebhere

Indlela akhonza ngayo amaKristu isekelwe kwizinto ezinkulu kakhulu kuneetempile ezakhiwe ngabantu nemibingelelo yezilwanyana.

Mhlawumbi Ungayithanda Nale

IINCWADI NEENCWADANA EZINEMIFANEKISO

IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?

Sithini esona sigidimi sibalulekileyo seBhayibhile?