Yiya kwinkcazelo

NGABA YADALWA?

Ubuchule Bokubhabha Bempukane

Ubuchule Bokubhabha Bempukane

 Wonke umntu owakha wazama ukubulala impukane, uyayazi indlela ekunzima ngayo. Ziyakwazi ukuphepha ngokukhawuleza xa uzibetha.

 Oososayensi babone ukuba impukane iyakwazi ukujika njengeenqwelo moya zokulwa imfazwe, ngomzuzwana nje. UProfesa Michael Dickinson uthi, “ziba nobuchule bokubhabha” zizalwa nje. Uthi: “Kufana nokunika usana inqwelo moya yokulwa imfazwe ukuba luyiqhube luze luyazi into olumele luyenze.”

 Abaphandi bafota indlela ezibhabha ngayo iimpukane baza babona ukuba ngomzuzwana omnye ziphaphazelisa amaphiko azo kayi-200. Sekunjalo, ziyakwazi ukujika zijonge kwelinye icala ngokuphaphazelisa nje iphiko elinye.

 Yenza njani xa isengozini? Abaphandi bafumanise ukuba iimpukane ziyakwazi ukuphepha ingozi ngokukhawuleza ngakumbi kunokuqhwanyaza kweliso. UDickinson uthi: “Impukane iyakwazi ukucinga ngokukhawuleza ukuba mayibalekele kweliphi icala xa isengozini.”

 Abaphandi abayazi indlela esebenza ngayo ingqondo yempukane, ibe bafuna ukuyiphanda.

Impukane iphepha ingozi ngokubalekela kwelinye icala ngomzuzwana nje

 Ucinga ntoni? Ngaba ubuchule bokubhabha bempukane bazivelela? Okanye badalwa?