Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UMTSHATO

Iphonografi Inokuwuphelisa Umtshato Wakho

Iphonografi Inokuwuphelisa Umtshato Wakho

 Umfazi wakhe wambhaqa. Umyeni wakhe waxolisa kakhulu. Wathembisa ukuba uza kuyeka, ibe wayeka ke nyhani, okwexeshana. Waphinda waqala apho ebeyeke khona.

 Ngaba nawe ukwingxaki efanayo? Ukuba uyavuma, umele uyazi indlela omenza azive ngayo umntu otshate naye, ibe ujonge ukuba unokuyeka njani. a

Kweli nqaku

 Into omele uyazi

 Iphonografi ingawuphelisa umtshato. Ukuba unengxaki yokuyibukela, inokwenza umntu otshate naye akuzonde ibe angakuthembi. b

 Umfazi onomyeni obukela iphonografi anganezi ngxaki:

  •   Usenokuziva ngathi wenziwe into embi. Umfazi ekuthiwa nguSarah uthi, “Kwaba ngathi umyeni wam uziphethe kakubi ngesondo kaninzi.”

  •   Usenokuziva ngathi kukho into erongo ngaye. Omnye umfazi onomyeni obukela iphonografi uthi waziva “engemhlanga ibe ehlazekile.”

  •   Usekungakuthembi. Omnye umfazi ekuthiwa nguHelen uthi, “Andiyithembi yonke into eyenziwa ngumyeni wam.”

  •   Usenokuba nexhala. Omnye umfazi ekuthiwa nguCatherine uthi, “Ndandisoloko ndinexhala kuba ndandisoloko ndicinga ngale nto yenziwa ngumyeni wam.”

 Into onokucinga ngayo: IBhayibhile ithi umyeni makamthande umfazi wakhe. (Efese 5:25) Ngaba uyayenza ke nyhani loo nto ukuba umenza azive ngezi ndlela besithethe ngazo ngaphezulu?

 Into onokuyenza

 Akululanga ukuyeka ukubukela iphonografi. Umfazi ekuthiwa nguStacey uthi, “Umyeni wam wayeka ukutshaya icuba, imarijuana, nokusela utywala, kodwa kusenzima ukuba ayeke iphonografi.”

 Ukuba unalo ngxaki, la macebiso alandelayo anokukunceda uyeke, ungaphinde ubuyele.

  •   Yazi ukuba kutheni kurongo ukubukela iphonografi. Iphonografi yenza umntu azicingele yedwa, afune ukwenza izinto eziza kuvuyisa yena qha. Loo nto ayibonisi luthando, kunyaniseka, nokuthembana. Ezo zizinto ezidingekayo ukuze kube mnandi emtshatweni. Kwakhona, loo nto ibonisa ukuba akamhloniphi umenzi womtshato, uYehova uThixo.

     Umgaqo weBhayibhile: “Wonke umntu makawuhloniphe umtshato.”—Hebhere 13:4.

  •   Ungaziphiki izinto ozenzileyo. Ungathi, ‘Bendingazodinga ukubukela iphonografi ukuba umfazi wam ebendibonisa uthando.’ Akulunganga ukutyhola umfazi wakho, kuba loo nto ingenza kube lula ukuphinda uyibukele xa umfazi wakho engazenzi kakuhle izinto.

     Umgaqo weBhayibhile: “Umntu ulingwa kukutsalwa nakukubanjiswa ngumnqweno wakhe.”Yakobi 1:14.

  •   Thetha inyani nomntu otshate naye, ungafihli nto. Omnye umyeni ekuthiwa nguKevin uthi: “Yonk’ imihla ndiye ndithethe nomfazi wam ngezinto ezenzekileyo. Ndiye ndithethe naye ngokuba akhange ndiqhubeke ndijonge into endenza ndibawele isondo. Ukusoloko sithetha ngolu hlobo kusenza singafihlelani nto.”

     Umgaqo weBhayibhile: “Sifuna ukuziphatha ngokunyaniseka kuzo zonke izinto.”—Hebhere 13:18.

  •   Hlala ulumkile. Nasemva kweminyaka uyekile ukubukela iphonografi, usenokuzibona sele uyibukela kwakhona. UKevin ebesithethe ngaye ekuqaleni uthi: “Kwaphela iminyaka eyi-10 ndingasayibukeli iphonografi, ibe ndandiqinisekile ukuba andisenayo loo ngxaki. Kodwa oku kubukela kwam kwakukhona, qha kulindile njee njengengonyama elinde ixesha elifanelekileyo lokuhlasela.”

     Umgaqo weBhayibhile: “Umntu ocinga ukuba umile makalumke angawi.”—1 Korinte 10:12.

  •   Xa kukho into ekwenza ufune ukubukela, khawukhe ulinde. Nangona usenokungakwazi ukuyeka ukunqwenela izinto ezirongo, ungakwazi ukukhetha ukuba uza kuzenza na okanye awuzukuzenza. Loo nto uyibawelayo isenokuphela ngokukhawuleza ukuba uziqhelisa ukutshintsha indlela ocinga ngayo ngokwenza ezinye izinto.

     Umgaqo weBhayibhile: “Ngamnye wenu umele akwazi ukulawula umzimba wakhe ukuze awugcine ungcwele yaye unesidima, anganyolukeli isondo ngendlela engalawulekiyo.”—1 Tesalonika 4:4, 5.

  •   Ziphephe izinto ezinokukwenza ufune ukubukela iphonografi. Incwadi ethi Willpower’s Not Enough ithi, “Xa kukho izinto ezikwenza ubawele ukwenza izinto ezingalunganga, kuba ngathi ulayite imatshisi. Eyona nto uyidingayo yiparafin encinci . . . ukuze uwuvuse loo mlilo.”

     Umgaqo weBhayibhile: “Kwanga kungangabikho nto imbi ngaphezu kwamandla am.”—INdumiso 119:133.

  •   Ungancami. Kusenokudlula ixesha elide okanye iminyaka ngaphambi kokuba umntu otshate naye aphinde akuthembe. Kodwa abanye baye bakwazi ukuphinda bathembane.

     Umgaqo weBhayibhile: “Uthando lunomonde.”—1 Korinte 13:4.

a Nangona eli nqaku lithetha nabayeni, le migaqo yeBhayibhile iyasebenza nakubafazi ababukela iphonografi.

b Abanye abantu abatshatileyo bathi ukubukela iphonografi kunye kunokubenza basondelelane kakhulu. Kodwa ukwenza loo nto akuhambisa nezinto ezifundiswa yiBhayibhile.—IMizekeliso 5:15-20; 1 Korinte 13:4, 5; Galati 5:22, 23.