Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Indlela Idivosi Ebaphatha Ngayo Abantwana

Indlela Idivosi Ebaphatha Ngayo Abantwana

 Abantu abatshatileyo abangavani kakuhle baye bazixelele ukuba kuza kuba ngcono kubantwana babo xa beye badivosa kunokuba bahlale nabazali ababini abasoloko bexabana. Lubonisa ntoni uphando?

 Indlela idivosi ebaphatha ngayo abantwana

 Uphando lubonisa ukuba idivosi iba nemiphumo ebuhlungu ebantwaneni. Abantwana abanabazali abadivosileyo basenokuba nezi ngxaki:

  •   babe nomsindo, ixhala ne-depression

  •   benze izinto ezinokubenzakalisa bona, nabanye

  •   kube nzima ukufunda okanye bayeke phakathi esikolweni

  •   basoloko begula

 Kwakhona, xa abazali bedivosile abantwana baye bazigxeke, becinga ukuba ngabo abayibangeleyo okanye bebenokuyinqada.

 Xa sebekhulile banokuba neengxaki, bazive bengabalulekanga baze bangathembi mntu. Naxa beneengxaki emtshatweni basenokucinga ngokudivosa.

 Inyaniso yile: Nangona abanye abantu bezixelela ukuba ukudivosa kuza kubanceda abantwana, uphando alubonisi njalo. Ingcali ngezabantwana uPenelope Leach uthi: “Ukudivosa kwenza abantwana bangonwabi.” a

 Umgaqo weBhayibhile: “Ningacingeli kuphela iziqu zenu kodwa nibacingele nabanye.”—Filipi 2:4.

 Ngaba uza konwaba umntwana wam xa ndidivosile?

 Abanye abantu basenokuthi ewe. Khumbula ukuba, indlela avakalelwa ngayo umzali ayisoze ifane neyomntwana. Umzali ocinga ngedivosi sube efuna ubomi obutsha, kodwa abe umntwana yena efuna ukuhlala nabazali bakhe bobabini.

 Emva kokwenza uphando kubantwana abanabazali abadivosileyo ababhali bencwadi ethi: The Unexpected Legacy of Divorce bathi: “Inyaniso yile, Abantwana bathi bayeka ukonwaba ngemini abazali babo abadivosa ngayo. Le ncwadi iqhubeka ngokuthi, ngoku kuyingozi ukuba bathembe abantu emhlabeni ngenxa yokuba bephoxwe ngabantu ebebesondele kubo nababathandayo.”

 Inyaniso yile: Abantwana abonwabi xa abazali bedivosile.

 Umgaqo weBhayibhile: “Umoya ophantsi utheza amandla.”—IMizekeliso 17:22.

 Yintoni endifanele ndiyazi ngokuncedisana ekukhuliseni umntwana nomntu ebenditshate naye?

 Abazali abadivosileyo baye bazame ukwabelana ngemisebenzi yokukhulisa abantwana ngokungathi basatshatile. Kodwa ke, ukukhulisa umntwana nomntu obutshate naye kunzima. Uphando lubonisa ukuba abantu abadivosileyo badla:

  •   ngokungahlali ixesha elininzi nabantwana babo

  •   omnye umzali uye amfundise le omnye amfundise leya

  •   ngokubatefisa abantwana kuba beziva benetyala okanye bediniwe

 Umntwana onabazali abadivosileyo uye angabamameli abazali kuba kaloku abakhange bakwazi ukusigcina isithembiso ababesenzile sokuba baza kuhlala kunye, umntwana usenokuzibuza kutheni ndimele ndibamamele?

 Inyaniso yile: Ukuncedisana ekukhuliseni abantwana kunzima kubantu abadivosileyo. Kodwa ke, kunzima kakhulu ebantwaneni.

 Umgaqo weBhayibhile: “Sanukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangatyhafi.”Kolose 3:21

 Ngaba ikhona enye indlela ebhetele yokulungisa iingxaki zomtshato?

 Kunzima ukuqhubeka nobomi emva kokuba umntu edivosile. Ngekubhetele ukuba elo xesha ebelichithe elungisa umtshato wakhe. Incwadi ethi: The Case for Marriage Ithi: “Nokuba kungakho iingxaki ezininzi emtshatweni, loo nto ayithethi ukuba azinakulungiseka.” Abantu abatshatileyo abaye bahlala kunye nangona bengonwabanga emtshatweni wabo, baye bonwabe ekuhambeni kwexesha. Ngokuqhelekileyo abantwana bayonwaba xa abazali behlala kunye.

 Le nto ayithethi ukuba idivosi ayikhe yenzeke. Enyanisweni iBhayibhile iyakuvumela ukudivosa xa omnye eye waziphatha kakubi ngesondo. (Mateyu 19:9) Kwakhona iBhayibhile ithi, “olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.” (IMizekeliso 14:15) Abazali abanomtshato oneengxaki abacinga ngokudivosa bafanele bacinge ngemiphumo idivosi enokuba nayo ebantwaneni babo.

 Kakade ke, ininzi into ekufuneka uyenzile kunokuhlala nje kwimeko enjalo. IBhayibhile inikela icebiso kubantu abatshatileyo elinokubanceda babe neempawu eziza kubenza bakwazi ukunyamezela baze bonwabe emtshatweni wabo. Ayimangalisi loo nto ekubeni uMbhali weBhayibhile, onguYehova engumseki womtshato.—Mateyu 19:4-6.

 Umgaqo weBhayibhile: “Mna Yehova ndinguThixo wakho, lowo ukufundisa izinto ezikuncedayo.”—Isaya 48:17.

a Ithathwe kwincwadi ethi: Your Growing Child—From Babyhood Through Adolescence.