Yiya kwinkcazelo

Yintoni “Izitshixo ZoBukumkani”?

Yintoni “Izitshixo ZoBukumkani”?

Impendulo esuka eBhayibhileni

“Izitshixo zoBukumkani” zimela igunya lokuvulela abantu ithuba ‘lokungena eBukumkanini bukaThixo.’ (Mateyu 16:19; IZenzo 14:22) a UYesu wanika uPetros “izitshixo zoBukumkani bamazulu.” Oku kuthetha ukuba uPetros wafumana igunya lokuchazela abantu abathembekileyo ukuba xa befumana umoya oyingcwele kaThixo, banokungena eBukumkanini bamazulu.

Kwavulelwa oobani ngezi zitshixo?

UPetros wasebenzisa igunya awayelinikwe nguThixo ukuze avulele amaqela amathathu indlela yokungena eBukumkanini:

  1. AmaYuda nabantu ababeguqukele ebuYudeni. Emva kokufa kukaYesu, uPetros wakhuthaza isihlwele samaYuda angamakholwa ukuba amkele uYesu njengokhethwe nguThixo ukuba alawule eBukumkanini. UPetros wababonisa into abamele bayenze ukuze basindiswe. Wabavulela indlela yokungena eBukumkanini ibe abantu abaninzi ‘balamkela ilizwi.’​—IZenzo 2:​38-​41.

  2. AmaSamariya. Kamva uPetros wathunyelwa kumaSamariya. b Waphinda wasebenzisa isitshixo soBukumkani, ekunye nompostile uYohane xa ‘bawathandazelayo ukuba afumane umoya oyingcwele.’ (IZenzo 8:​14-​17) Oku kwavulela amaSamariya ithuba lokuba angene eBukumkanini.

  3. Iintlanga. Emva kweminyaka emithathu enesiqingatha uYesu efile, uThixo watyhilela uPetros ukuba iintlanga (abantu abangengawo amaYuda) zaziza kufumana ithuba lokungena eBukumkanini. Emva koko uPetros wasebenzisa esinye sezitshixo ngokushumayela kwiintlanga, ezivulela ithuba lokufumana umoya oyingcwele, lokuba ngamaKristu nelokuba nethemba lokulawula eBukumkanini.​—IZenzo 10:30-​35, 44, 45.

Kuthetha ukuthini “ukungena eBukumkanini”?

Abo ‘bangena eBukumkanini’ balawula noYesu ezulwini. IBhayibhile yachaza ukuba babeza ‘kuhlala ezitroneni’ baze ‘balawule njengookumkani phezu komhlaba.’​—Luka 22:29, 30; ISityhilelo 5:​9, 10.

Ubuxoki obuthethwayo ngezitshixo zoBukumkani

Ubuxoki: NguPetros ogqibayo ukuba ngubani onokungena ezulwini.

Inyaniso: IBhayibhile ithi nguKristu uYesu, kungekhona uPetros, ‘ogweba abaphilayo nabafileyo.’ (2 Timoti 4:​1, 8; Yohane 5:​22) UPetros watsho ngokwakhe ukuba nguYesu ‘omiswe nguThixo ukuba abe ngumgwebi wabaphilayo nabafileyo.’​—IZenzo 10:34, 42.

Ubuxoki: Amazulu ayesiva ngoPetros ukuba ufuna ukuzisebenzisa nini izitshixo zoBukumkani.

Inyaniso: Xa uYesu wayethetha ngezitshixo zoBukumkani, wathi kuPetros: “Nakuphi na okubopha emhlabeni kubotshwe nasemazulwini, kuthi nakuphi na okukhululayo emhlabeni kukhululwe nasemazulwini.” (Mateyu 16:19) Nangona abanye abantu becinga ukuba la mazwi athetha ukuba amazulu ayesiva ngoPetros, isenzi sesiGrike samandulo sibonisa ukuba izigqibo zikaPetros zaziza kulandela izigqibo esele zenziwe ezulwini.

Ezinye iivesi zeBhayibhile zithi uPetros wayeyalelwa ezulwini ukuba azisebenzise nini izitshixo zoBukumkani. Ngokomzekelo, nguThixo owathi makasebenzise isitshixo sesithathu.​—IZenzo 10:19, 20.

a Ngamanye amaxesha, iBhayibhile isebenzisa igama elithi “isitshixo” ukuze ibhekisele kwigunya nomsebenzi womntu othile.​—Isaya 22:20-​22; ISityhilelo 3:​7, 8.

b Unqulo lwamaSamariya lwalahlukile kwelamaYuda kodwa ezinye iimfundiso zawo nezinye izinto ayezenza ayezithatha kuMthetho kaMoses.