Yiya kwinkcazelo

Ngaba IBhayibhile Iyathetha Ngokutshata Kwabantu Besini Esifanayo?

Ngaba IBhayibhile Iyathetha Ngokutshata Kwabantu Besini Esifanayo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UMdali wethu waseka imithetho elawula umtshato kwangaphambi kokuba oorhulumente baqalise ukuba neyabo. Incwadi yokuqala yeBhayibhile isixelela oku: “Indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.” (Genesis 2:24) Ngokutsho kweVine’s Expository Dictionary of Biblical Words, igama lesiHebhere elithi ‘umfazi,’ “lithetha umntu obhinqileyo.” UYesu wavuma ukuba abantu abamanywe ngumtshato bamele babe “yindoda nebhinqa.”—Mateyu 19:4.

Ngoko, uThixo wayefuna umtshato ungapheli, ube bubuhlobo obusondeleyo phakathi kwendoda nebhinqa. Amadoda namabhinqa badalwa ukuba baphelelisane ukuze bakwazi ukwanelisana baze babe nabantwana.