Yiya kwinkcazelo

Iingxaki Zemali Namatyala—Ngaba IBhayibhile Ingakunceda

Iingxaki Zemali Namatyala—Ngaba IBhayibhile Ingakunceda

Impendulo yeBhayibhile

Ewe. Le migaqo yeBhayibhile mine ingakunceda kwiingxaki zemali onazo namatyala:

  1. Yicebe kakuhle indlela oza kuyisebenzisa ngayo imali.Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo, kodwa wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.” (IMizekeliso 21:5) Sukuyithenga into kuba nje ixabiso layo lithotyiwe. Yiba nebhajethi uze unamathele kuyo.

  2. Waphephe amatyala angeyomfuneko.Obolekayo ngumkhonzi kumntu obolekisayo.” (IMizekeliso 22:7) Ukuba sele unamatyala yaye awukwazi ukuwabhatala, zama ukuthethathethana nabantu onamatyala abouze ucele enye indlela yokuwabhatala. Qhubeka uwabhatala amatyala akho. Sebenzisa icebiso leBhayibhile eliya kumntu owenza ityala engacinganga aze abe noxanduva lokulibhatala: “Zithobe, uze umthukuthezele ummelwane wakho. Musa ukuwaphumlisa okanye uwavale amehlo akho.” (IMizekeliso 6:1-5, iGod’s Word Bible) Enoba asikhanga sivunywe isicelo sakho sokubhatala ngenye indlela, ungatyhafi qhubeka ucela.

  3. Imali yibeke kwindawo efanelekileyo.Musa ukuzifunela kuwe izinto uze ungxamele ukuba sisityebi—uya kuba lihlwempu ngaphezu kokuba ucinga.” (IMizekeliso 28:22, iContemporary English Version) Umona nokubawa akubangeli iingxaki zemali nje kuphela, kodwa kusenokubangela iingxaki nakwizinto zobuthixo.

  4. Yaneliseka.Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.” (1 Timoti 6:8) Imali ayiluzisi ulonwabo okanye ulwaneliseko. Abanye abantu abonwabileyo ehlabathini abanamali ininzi. Eyona nto banayo kukuthanda iintsapho zabo, abahlobo noThixo.—IMizekeliso 15:17; 1 Petros 5:6, 7.