Yiya kwinkcazelo

Ngasekhohlo ukuya ngasekunene: UMzalwana uSergey Ashikhmin, uMaksim Derendyaev, noAleksandr Kutin

JULAYI 8, 2022
ERASHIYA

Umthandazo Uye Wasinceda Sanamandla

Umthandazo Uye Wasinceda Sanamandla

INkundla Ephakamileyo yasePervomayskiy eIzhevsk iza kwenza isigqibo ngetyala likaMzalwana uSergey Ashikhmin, uMaksim Derendyaev, noAleksandr Kutin. Umtshutshisi akakachazi ukuba bangafumana esiphi isigwebo abazalwana bethu.

Ixesha

  1. NgoAprili 14, 2021

    Izindlu eziyi-12 zamaNgqina kaYehova ziye zagqogqwa ngamagosa eFSB. USergey wabuzwa imibuzo iiyure eziyi-7. UMaksim noAleksandr babanjwa baza basiwa etrongweni ngaphambi kokuba ligwetywe ityala labo

  2. NgoAprili 15, 2021

    UMaksim noAleksandr basiwa kwindawo yabantu abangekagwetywa

  3. NgoAprili 29, 2021

    UAleksandr wakhutshwa kwindawo yabantu abangekagwetywa

  4. NgoMeyi 14, 2021

    UAleksandr wavalelwa endlini yakhe

  5. NgoJulayi 9, 2021

    UMaxim wakhutshwa kwindawo yabantu abangekagwetywa waza wavalelwa endlini yakhe

  6. NgoMatshi 14, 2022

    Ityala liyaqala

Ingxelo

Abazalwana bethu banyamezela ubunzima bethembe uYehova, kuba usithembisa esithi: “Sukoyika, kuba ndinawe.”—Isaya 43:5.