Yiya kwinkcazelo

Udade Lyudmila Salikova

NGOJANUWARI 31, 2022
ERASHIYA

Udade Lyudmila Salikova Uthuthuzelwa Aze Aqiniswe NguYehova

Udade Lyudmila Salikova Uthuthuzelwa Aze Aqiniswe NguYehova

NgoJanuwari 20, 2022, iNkundla yaseChelyabinsk kwidolophu yaseSnezhinsk yagweba uDade Lyudmila Salikova iminyaka eyi-6 kodwa yathi makangasiwa etrongweni.

NgoJanuwari 20, 2022, iNkundla yakwidolophu yaseChelyabinsk yagweba udade Lyudmila yaza yathi uza kuvalelwa iminyaka eyi-6.

Ixesha

  1. NgoNovemba 2020

    Amapolisa aseSnezhinsk agqogqa amakhaya entsapho eziyi-4 zamaNgqina kaYehova kunye nelikaLyudmila. La mapolisa aya nakwindawo asebenza kuyo. Emva koko kwathiwa makayeke emsebenzini

  2. NgoAgasti 26, 2021

    ULyudmila watyholwa ngokusemthethweni kusithiwa ulungiselela intlangano yecawa idibane ukuze ikhonze nokuba baneencwadi ezingavumelekanga

  3. NgoDisemba 8, 2021

    Kwaqaliswa ukuxoxwa ityala lakhe

Igama

Abazalwana noodade wethu baseRashiya bayaqhubeka bethuthuzelwa nguYehova futhi ebanika amandla. UThixo wethu osithandayo uthi uza “kubagwebela ngobulungisa abangenatata nabo batyunyuziweyo, ukuze umntu ofayo wasemhlabeni ayeke ukuboyikisa.”—INdumiso 10:18.