Yiya kwinkcazelo

Umzalwana uAndrey Zhukov

JUNI 7, 2022
ERASHIYA

Siqinisekile Ukuba UYehova Uyasithanda Ibe Uyasixhasa

Siqinisekile Ukuba UYehova Uyasithanda Ibe Uyasixhasa

Inkundla yengingqi iYugorskiy eseKhanty-Mansi Autonomous Area—Yugra iza kuchaza isigqibo sayo kwityala likaMzalwana uAndrey. Umtshutshisi akakatsho ukuba sithini isigwebo anokusifumana umzalwana wethu.

Ixesha

  1. Agasti 17, 2020

    Abasemagunyeni baye bamangalela uAndrey ngokwaphula umthetho, bemtyhola ngokuqhuba iintlanganiso ezifihlakeleyo zentlangano “eneembono ezibaxiweyo”

  2. Agasti 19, 2020

    Amakhaya ayi-9 amaNgqina kaYehova aye agqogqwa, nelikaAndrey. Uye wavalelwa okwexeshana

  3. Agasti 20, 2020

    Uye wakhululwa waza waba kwisivumelwano ekuvunyelenwe ngaso

  4. Januwari 14, 2021

    Ngaphezu kokuba etyholwe ngokuba neembono ezibaxiweyo, khange avunyelwe ukuba asebenzise imali yakhe esebhankini

  5. Agasti 4, 2021

    Abasemagunyeni baphinde bongeza kwiityala lakhe ngenxa yokwenza ezinye izinto, eziquka “ukuthandaza kuYehova uThixo, ukuba neentlanganiso zokukhonza, nokufunda iincwadi zeBhayibhile.” Emva koko uye wabuzwa imibuzo

  6. Oktobha 15, 2021

    Izicelo zokuphelisa ityala lolwaphula mthetho khange zivunywe

  7. Disemba 29, 2021

    Ityala liye laqalisa enkundleni

Ingxelo

Indlela uYehova amxhase ngayo uAndrey nabo bonke abazalwana noodade abanyamezele intshutshiso ‘ibubungqina bokulunga kwakhe’ ibe loo nto ibonisa ukuba “ungumncedi nomthuthuzeli.”—INdumiso 86:17.