Yiya kwinkcazelo

Umzalwana uBoris Simonenko nomfazi wakhe, uIda

FEBRUWARI 1, 2023
ERASHIYA

“Ayondawo Endikuyo Emele Itshintshe”

“Ayondawo Endikuyo Emele Itshintshe”

Inkundla yeDolophu iKovrovskiy kwingingqi yaseVladimir iza kwazisa isigwebo sayo ngetyala likamzalwana uBoris Simonenko. Umtshutshisi akakatsho ukuba ufuna umzalwana uSimonenko afumane isigwebo esinjani.

Ingxelo

Siqinisekile ukuba uYehova uza kumomeleza uBoris nentsapho yakhe ibe baza kuhlala bevuya njengokuba besondele kuye.—1 Kronike 16:27.

Ixesha

  1. NgoFebruwari 8, 2021

    Ukuze bakwazi ukwenza uphando, abasemagunyeni baye barekhoda iincoko zikaBoris ngokufihlakeleyo kwifowuni yakhe.

  2. NgoFebruwari 17, 2021

    Indlu yakhe yagqogqwa. Wabuzwa imibuzo waza wavalelwa okwexeshana

  3. NgoFebruwari 18, 2021

    Ityala laqaliswa. Watyholwa ngokuqhuba iintlanganiso zamaNgqina KaYehova ngeIntanethi. Waza wavalelwa

  4. NgoJulayi 13, 2021

    Wakhululwa kwindawo awayevalelwe kuyo waza wavalelwa endlini yakhe

  5. NgoFebruwari 17, 2022

    Wayeka ukuvalelwa endlini waza akavunyelwa ukuba aye kwezinye iindawo

  6. NgoSeptemba 15, 2022

    Kuqalisa ityala