FEBRUWARI 1, 2023
ERASHIYA
“Ayondawo Endikuyo Emele Itshintshe”
Inkundla yeDolophu iKovrovskiy kwingingqi yaseVladimir iza kwazisa isigwebo sayo ngetyala likamzalwana uBoris Simonenko. Umtshutshisi akakatsho ukuba ufuna umzalwana uSimonenko afumane isigwebo esinjani.
Ingxelo
Siqinisekile ukuba uYehova uza kumomeleza uBoris nentsapho yakhe ibe baza kuhlala bevuya njengokuba besondele kuye.—1 Kronike 16:27.
Ixesha
NgoFebruwari 8, 2021
Ukuze bakwazi ukwenza uphando, abasemagunyeni baye barekhoda iincoko zikaBoris ngokufihlakeleyo kwifowuni yakhe.
NgoFebruwari 17, 2021
Indlu yakhe yagqogqwa. Wabuzwa imibuzo waza wavalelwa okwexeshana
NgoFebruwari 18, 2021
Ityala laqaliswa. Watyholwa ngokuqhuba iintlanganiso zamaNgqina KaYehova ngeIntanethi. Waza wavalelwa
NgoJulayi 13, 2021
Wakhululwa kwindawo awayevalelwe kuyo waza wavalelwa endlini yakhe
NgoFebruwari 17, 2022
Wayeka ukuvalelwa endlini waza akavunyelwa ukuba aye kwezinye iindawo
NgoSeptemba 15, 2022
Kuqalisa ityala