Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Acinga Ukuba Ngawo Kuphela Aza Kusindiswa?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Acinga Ukuba Ngawo Kuphela Aza Kusindiswa?

Hayi. Izigidi zabantu ezaziphila kudala ezazingengawo amaNgqina kaYehova ziza kusindiswa. IBhayibhile isixelela ukuba kwihlabathi elitsha likaThixo “kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Kwakhona, abantw’ abaninzi abaphilayo ngoku basenalo ithuba lokukhonza uThixo, kwaye nabo baza kusindiswa. Noko ke, asingomsebenzi wethu ukugqiba ukuba ngubani oza kusindiswa, ingubani ongazi kusindiswa. Eso sigqibo siza kwenziwa kuphela nguYesu.—Yohane 5:22, 27.