Culela UYehova—Iingoma Ezintsha

Nandipha iingoma ezintsha zokudumisa nokunqula uYehova uThixo. Dowunlowuda iingoma uze uziqhelisele ezi ngoma zimnandi.

INGOMA 136

UBukumkani Bumiselwe—Mabuze!

Ingoma yoBukumkani edumisa uYehova uThixo ngenxa yolawulo loBukumkani obuza noKristu uYesu.

INGOMA 137

Sinike Inkalipho

Cula le ngoma ibongoza uYehova uThixo ukuba asiphe isibindi sokushumayela.

INGOMA 138

UYehova Ligama Lakho

Dumisa igama likaYehova elizukileyo uze wazise bonke abantu ukuba ngoYena Uphakamileyo.

INGOMA 139

Zifundise Ukuhlala Ziqinile

Isibongozo sokuba uYehova uThixo asikhusele yaye asincede sinyamezele ngokholo kugqatso lobomi.

INGOMA 140

Ubomi Bukavulindlela

Thanda uYehova ngokunyanisekileyo, uvuyiswe ngumsebenzi owanelisayo nobomi obuthandayo.

INGOMA 141

Sikhangela Abahlobo Boxolo

Ingoma ekhuthazayo nevuyisayo ngenxa yokuba sithanda abantu nangenxa yokuzimisela kwethu ukukhangela izimvu zikaThixo ezixabisekileyo.

INGOMA 142

Sishumayela Kwiintlobo Zonke Zabantu

Cula ngokulunga kukaYehova nenxalenye yethu ekwamkeleni iintlobo zonke zabantu ukuze zibe ngabahlobo bakaThixo.

INGOMA 143

Ukukhanya Kwihlabathi Elisebumnyameni

Siyashumayela, siyalikhanyisela ihlabathi lonke.

INGOMA 144

Kububomi Ebantwini

Simele sishumayele isigidimi sikaThixo ngoxa kusekho ixesha.

INGOMA 145

Ukulungiselela Ukushumayela

Kungalula ukusuka nje sihlale, kodwa sinokufumana amandla esiwadingayo ukuze siphumelele.

INGOMA 146

Nakwenzela Mna

UYesu uyalubona uthando nokuxhaswa ngokunyanisekileyo kwabazalwana bakhe abathanjisiweyo nakuba lwalusenzelwa yena.

INGOMA 147

Ngabakho Yehova

UYehova uyabaxabisa oonyana bakhe abathanjisiweyo, ibe bayakuthanda ukwenza ukuthanda kwakhe.

INGOMA 148

Usinike UNyana Wakho Ekuphela Kwakhe

Bulela uYehova ngesona sipho sixabisekileyo awakha wasipha sona. Sinik’ ithemba kubo bonke abantu.

INGOMA 149

Umbulelo Ngentlawulelo

Intlawulelo, olona thando lubalaseleyo lusenza sibe nesizathu sokuqhubeka simbulela uYehova.

INGOMA 150

Zincame

Bonisa umnqweno wokukhonza uYehova ngendlela yena afuna ukukusebenzisa ngayo.

INGOMA 151

Ukutyhilwa Koonyana BakaThixo

Siyilindele ngolangazelelo imini uYehova aza kubanyusela ngayo ezulwini abazalwana bakaKristu ukuze boyise baze bafumane umvuzo kunye naye.

INGOMA 152

Nguwe Olithemba Namandla Ethu

Xa amaxhala obomi esenza soyike, uThixo unokuba ngamandla nethemba lethu.

INGOMA 153

Uziva Njani Na?

Uziva njani xa usenza konke okusemandleni akho ukuze ukhangele abanomdla?

INGOMA 154

Siza Kuqhubeka Sinyamezela

Ingoma eza kusinceda sinyamezele ubunzima size sikhonze uYehova ngokuthembeka kangangoko sikwazi.