Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 22

UBukumkani Bumiselwe​​—⁠Mabuze!

UBukumkani Bumiselwe​​—⁠Mabuze!

(ISityhilelo 11:15; 12:10)

  1. 1. Yehova uhlala ukho,

    De kube phakade.

    Unik’ uNyana itrone,

    Yena uyalaw’la.

    UBukumkani buzelwe,

    Buza kulaw’la umhlaba.

    (CHORUS)

    Ngoku bufikile

    UBukumkani namandla.

    Buye bamiselwa.

    Sithi: “Mabuze, Mabuze!”

  2. 2. Ixesha likaSathana,

    Seliza kuphela.

    Nangona kunzima ngoku,

    Sekuza kulunga.

    UBukumkani buzelwe,

    Buza kulaw’la umhlaba.

    (CHORUS)

    Ngoku bufikile

    UBukumkani namandla.

    Buye bamiselwa.

    Sithi: “Mabuze, Mabuze!”

  3. 3. Iingelosi ziyavuya

    Zicula ngovuyo.

    USathana ugxothiwe,

    Kuwo amazulu.

    UBukumkani buzelwe,

    Buza kulaw’la umhlaba.

    (CHORUS)

    Ngoku bufikile

    UBukumkani namandla.

    Buye bamiselwa.

    Sithi: “Mabuze, Mabuze!”