Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 1

‘Hambani Niyokwenza Abafundi’

‘Hambani Niyokwenza Abafundi’

Amagqabantshintshi ngencwadi yeZenzo Zabapostile nendlela esinceda ngayo namhlanje

1-6. Balisa amava amaNgqina kaYehova eshumayela phantsi kweemeko ezahlukahlukeneyo.

 UREBECCA iNgqina likaYehova eliselula laseGhana, wayejonga isikolo afunda kuso njengendawo anokushumayela kuyo. Wayehlala eneencwadi ezisekelwe eBhayibhileni kwibhegi yakhe yesikolo. Ngexesha lekhefu wayekhangela naliphi na ithuba elivelayo ukuze ashumayele kwabanye abantwana besikolo. Wayeqhuba izifundo zeBhayibhile nabantwana abaliqela beklasi yakhe.

2 Kwisiqithi saseMadagascar nesingekude kuyaphi kunxweme olukwimpuma yeAfrika, isibini esingoovulindlela sasisoloko sihamba umgama weekhilomitha eziyi-25 kwingqatsini yelanga sisiya kwilali esemagqagaleni. Apho kuloo lali sasiqhuba izifundo zeBhayibhile eziliqela nabantu abanomdla.

3 Ukuze akwazi ukufikelela kubantu abahlala kwimimandla ephahle imilambo iParaguay neParaná, amaNgqina aseParaguay kunye namanye amatshantliziyo aphuma kwamanye amazwe ayi-15, akha isikhephe. Kwesi sikhephe sikhulu kunokuhlala abantu abayi-12. Besebenzisa esi sikhephe silikhaya, aba bashumayeli boBukumkani bakhutheleyo basasaza iindaba ezilungileyo kwimimandla ekwakungekho ndlela iyenye yokufikelela kuyo.

4 Phezulu eMntla, amaNgqina aseAlaska afumana ithuba lokushumayela kubakhenkethi ababeze apho ngeeholide zasehlotyeni aza alisebenzisa. Xa imozulu eshushu yabangela ukuba kuze iinqanawa zithwele inkitha yabakhenkethi ababevela kumazwe ngamazwe, amaNgqina aseAlaska amisa iindawo zokubeka iincwadi ezithetha ngeBhayibhile ngeelwimi ezahlukahlukeneyo. AmaNgqina aseAlaska aye ancedwa nayinqwelo-moya ukuze afikelele kwimimandla esemagqagaleni, zatsho iindaba ezilungileyo zasasazwa nakubantu baseAleut, eAthabascan, eTsimshian naseKlinket.

5 ULarry waseTexas eUnited States wayenentsimi eyahlukileyo, indawo awayekhathalelwa kuyo. Nakuba wayehleli kwisitulo esinamavili ngenxa yokwenzakala kwingozi, uLarry wayehlala exakekile. Wayeshumayela kwabanye umyalezo woBukumkani nethemba analo elisekelwe eBhayibhileni lokuba, ngeny’ imini xa kulawula uBukumkani uza kuphinda akwazi ukuhamba.​—Isa. 35:5, 6.

6 Xa lisiya kwindibano, kumantla eMyanmar iqela lamaNgqina lihamba ngephenyane iintsuku ezintathu ukusuka eMandalay. Ekubeni lizimisele ukushumayela iindaba ezilungileyo, liye liphathe iincwadi ezithetha ngeBhayibhile ukuze lizihambise kubantu abakhwele elo phenyane. Lithi eli phenyane lakumisa kwidolophu okanye kwilali ethile, ezi ziquququ zabashumayeli zehle ngokukhawuleza ziye ebantwini zibahambisele iincwadi. Kwangaxeshanye, kuthi kwakukhwela abantu abatsha kweli phenyane, iqale phantsi intsimi yaba bavakalisi boBukumkani.

7. Abanquli bakaYehova basebenzisa eziphi iindlela xa beshumayela ngoBukumkani bukaThixo, ibe yintoni injongo yabo?

7 Njengaba bazalwana noodade abachazwe kule mizekelo imbalwa, ehlabathini lonke abanquli bakaYehova abakhutheleyo ‘bashumayela ngokucokisekileyo ngoBukumkani BukaThixo.’ (IZe. 28:23) Bashumayela kwindlu ngendlu, kubantu abasesitratweni, bababhalele iileta, okanye bathethe nabo ngefowuni. Enoba basebhasini, babethwa ngumoya epakini, okanye lixesha lokuphumla emsebenzini bahlala bekhangela naliphi na ithuba elinokuvela ukuze bashumayele ngoBukumkani bukaThixo. Iindlela zokushumayela zinokwahluka, kodwa injongo inye​—kukushumayela iindaba ezilungileyo naphi na apho abantu bafumaneka khona.​—Mat. 10:11.

8, 9. (a) Kutheni sibamb’ ongezantsi xa sicinga ngomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani? (b) Oku kuphakamisa wuphi umbuzo obangel’ umdla, ibe simele senze ntoni ukuze sifumana impendulo?

8 Ngaba nawe ungomnye wezihlwele zabavakalisi boBukumkani abaxakeke ngawo lo mzuzu, kumazwe angaphezu kwayi-235? Ukuba kunjalo, nawe unenxaxheba kulwando oluchulumancisayo lomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani! Abantu babamb’ ongezantsi xa becinga ngoko kuye kwafezwa ehlabathini lonke. Phezu kwayo nje imiqobo enzima​—ukuvalwa umlomo ngoorhulumente nentshutshiso eqatha—​amaNgqina kaYehova ashumayela ngokucokisekileyo ngoBukumkani bukaThixo kubantu bazo zonke iintlanga.

9 Umbuzo obangel’ umdla ngulo, Kutheni kungekho mqobo, nkqu nenkcaso kaSathana eye yakwazi ukuthintela umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani? Ukuphendula lo mbuzo simele sibuyele emva kwixesha likaYesu nabapostile. Enyanisweni ke, thina maNgqina kaYehova anamhlanje sityhalela phambili nomsebenzi owaqalwa ngelo xesha.

Umsebenzi Obaluleke Kakhulu

10. Yintoni awazinikela kuyo uYesu, futhi yintoni awayeyazi ngalo msebenzi?

10 UMseki webandla lamaKristu, uYesu Kristu wazinikela ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo; ibe loo nto wayenza ubomi bakhe bonke. Wakha wathi: “Ndimele ndishumayele iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, kuba ndithunywe loo nto.” (Luka 4:43) UYesu wayesazi ukuba uqalisa umsebenzi awayengenakuze awugqibe. Ngaphambi nje kokufa kwakhe, waxela kusengaphambili ukuba umyalezo woBukumkani wawuza kushunyayelwa “kuzo zonke iintlanga.” (Marko 13:10) Kodwa wawuza kushunyayelwa njani lo myalezo futhi wawuza kushunyayelwa ngubani?

“Hambani niyokubenza abafundi abantu beentlanga zonke.”​—Mateyu 28:19

11. Ngowuphi umsebenzi obaluleke kakhulu uYesu awawunika abafundi bakhe, ibe babeza kuncedwa yintoni ukuze bawenze?

11 Emva nje kokufa nokuvuka kwakhe, uYesu wabonakala kubafundi bakhe waza wabanika umsebenzi obalulekileyo amabawenze ngokuthi: “Ngoko ke, hambani niyokubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptize egameni likaTata neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundise ukuba benze yonke into endiniyalele yona. Ibe jongani! Ndikunye nani yonke imihla de kube sekuphelisweni kweli hlabathi.” (Mat. 28:19, 20) Amazwi athi “ndikunye nani” abonisa ukuba wayeza kubaxhasa abafundi bakhe kulo msebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi. Loo nkxaso babeza kuyifuna, kuba uYesu wayebachazele ukuba babeza ‘kucatshukelwa zizo zonke iintlanga.’ (Mat. 24:9) Ikho nenye into ababethembele kuyo abafundi. Ngaphambi nje kokuba anyukele ezulwini, uYesu wabaxelela ukuba babeza kufumana amandla omoya oyingcwele ukuze babe ngamangqina akhe “nakwezona ndawo zikude emhlabeni.”​—IZe. 1:8.

12. Yeyiphi imibuzo ebalulekileyo ephakamayo, ibe kutheni kubalulekile nje ukuba sizazi iimpendulo zayo?

12 Konke oku kuphakamisa le mibuzo ibalulekileyo: Ngaba abapostile bakaYesu nabanye abafundi belo xesha benza yonke into eyayisemandleni abo ukuze bathobele umyalelo kaYesu wokuba bashumayele? Ngaba eli qela lincinane lamadoda namabhinqa angamaKristu lakwazi ukushumayela ngokucokisekileyo ngoBukumkani bukaThixo naxa lalitshutshiswa ngokuqatha? Ngaba uYehova walixhasa elinceda ngomoya wakhe oyingcwele kulo msebenzi wokwenza abafundi? Le mibuzo neminye iphendulwa kwincwadi yeBhayibhile yeZenzo. Kubaluleke gqitha ukuba sizazi iimpendulo zayo. Ngoba? UYesu wathembisa ukuba lo msebenzi wawuza kuqhubeka “de kube sekuphelisweni kweli hlabathi.” Ngoko ke, lo myalelo ubhekiswa kuwo onke amaKristu okwenyaniso kuquka nathi siphila kweli xesha lesiphelo. Oku kusenza sibe nomdla gqitha kwimbali ekwincwadi yeZenzo.

Amagqabantshintshi Ngencwadi YeZenzo

13, 14. (a) Yabhalwa ngubani incwadi yeZenzo, futhi umbhali wayo wayifumana phi inkcazelo? (b) Yintoni ekwincwadi yeZenzo?

13 Yabhalwa ngubani incwadi yeZenzo? Le ncwadi ayisichazeli, kodwa amazwi ayo okuqala enza kucace ukuba umbhali wayo ngulowo wabhala incwadi yeVangeli kaLuka. (Luka 1:1-4; IZe. 1:1, 2) Ngoko ke, kwakude kudala, uLuka “ugqirha othandekayo” nombhali wembali ocoselelayo, kwakusaziwa ukuba nguye umbhali wencwadi yeZenzo. (Kol. 4:14) Izinto ekuthethwa ngazo kule ncwadi zenzeka kwisithuba seminyaka emalunga neyi-28, ukususela ekunyukeni kukaYesu esiya ezulwini ngo-33 C.E. kuse ekuvalelweni kompostile uPawulos kwintolongo yaseRoma malunga no-61 C.E. Into yokuba uLuka eyeka ukuthetha ngokungathi uthetha ngabanye abantu kodwa aziquke, ibonisa ukuba wayekho kwiziganeko ezininzi asichazela ngazo. (IZe. 16:8-10; 20:5; 27:1) Ekubeni uLuka wayeziphanda ngocoselelo izinto, akuthandabuzeki ukuba inkcazelo yakhe wayifumana kuPawulos, kuBharnabhas, kuFilipu nakwabanye ekuthethwa ngabo kule ncwadi.

14 Yintoni ekwincwadi yeZenzo? Ekuqaleni, kwincwadi yakhe yeVangeli, uLuka ubhala ngezinto awazithethayo nawazenzayo uYesu. Kodwa kwincwadi yeZenzo usichazela ngezinto ezathethwa ngabalandeli bakaYesu nabazenzayo. Ngoko ke, incwadi yeZenzo ithetha ngabantu abaye bafeza umsebenzi omangalisayo ngoxa abaninzi kubo babethathwa ‘njengabangabantu abangafundanga.’ (IZe. 4:13) Ngamafutshane, le ncwadi awayibhalayo uLuka encedwa ngumoya oyingcwele kaThixo isichazela ngendlela elasekwa nelakhula ngayo ibandla lamaKristu. Incwadi yeZenzo isibonisa indlela awayeshumayela ngayo nendlela awayecinga ngayo amaKristu exesha labapostile. (IZe. 4:31; 5:42) Isichazela ngendima yomoya oyingcwele ekusasazweni kweendaba ezilungileyo. (IZe. 8:29, 39, 40; 13:1-3; 16:6; 18:24, 25) IZenzo ziphakamisa umxholo weBhayibhile omalunga nokungcwaliswa kwegama likaThixo ngoBukumkani obulawulwa nguKristu, ize ibonise nokuphumelela kokusasazwa komyalezo woBukumkani nangona kwakukho intshutshiso eqatha.​—IZe. 8:12; 19:8; 28:30, 31.

15. Kuza kusinceda ngantoni ukuhlolisisa incwadi yeZenzo?

15 Kuyachukumisa futhi komeleza ukholo nyhani ukuhlolisisa incwadi yeBhayibhile yeZenzo! Kuza kusichukumisa gqitha ukucinga ngendlela ababenesibindi nababekhuthele ngayo abalandeli bakaKristu bokuqala. Sizotsho sifune ukubalinganisa. Le nto iza kusinceda sikwazi ukuthobela umyalelo kaYesu ‘wokuhamba siyokwenza abafundi.’ Le ncwadi uyifundayo ngoku yenzelwe ukukunceda uyifunde kakuhle incwadi yeZenzo.

Incwadi Yokusinceda Sifunde IBhayibhile

16. Zeziphi iindlela ezintathu enokuchazwa ngazo injongo yale ncwadi?

16 Yintoni eyona njongo yale ncwadi? Injongo yayo inokuchazwa ngeendlela ezintathu ezizezi (1) ukuze siqiniseke ngakumbi ukuba uYehova usebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuxhasa umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi, (2) ukuze siwukhuthalele umsebenzi wokushumayela ngokuhlolisisa umzekelo wabalandeli bakaKristu bexesha labapostile, nokuze (3) siyihloniphe kakhulu intlangano kaYehova nabo bakhokelayo kumsebenzi wokushumayela nokuvelela amabandla.

17, 18. Yeyiphi indlela elungelelaniswe ngayo le ncwadi, futhi zeziphi izinto ezikuyo eziza kusinceda xa sifunda iBhayibhile?

17 Yeyiphi indlela elungelelaniswe ngayo le ncwadi? Uza kuphawula ukuba yahlulahlulwe yaba ngamacandelo asibhozo, ngalinye lithetha ngezahluko ezithile zencwadi yeZenzo. Izahluko zale ncwadi azithethi ngevesi nevesi yencwadi yeZenzo, kodwa zithetha ngezinto esinokuzifunda kwizinto ezenzekayo ekubaliswa ngazo kule ncwadi yeBhayibhile zize zisincede sibone nendlela esinokuzisebenzisa ngayo izinto esizifundileyo. Ekuqaleni kwesahluko ngasinye kubakho isivakalisi esicacisa eyona nto iphambili kweso sahluko neSibhalo esicatshuliweyo esibonisa iivesi zencwadi yeZenzo ekuza kuthethwa ngazo.

18 Zikho nezinye izinto kule ncwadi eziza kukunceda ufunde iBhayibhile. Imifanekiso yayo emihle ebonisa izinto ezibangel’ umdla ezenzekayo kwincwadi yeZenzo iza kusinceda sibe nomfanekiso-ngqondweni woko kwakusenzeka xa ucinga ngaloo nto ibaliswa yiBhayibhile. Kwizahluko zayo ezininzi kukho iibhokisi ezinenkcazelo eyongezelelekileyo. Kwezinye zezi bhokisi kukho inkcazelo yomntu ekuthethwa ngaye esifanele silinganise ukholo lwakhe. Ezinye zisichazela ngakumbi ngeendawo, iziganeko, izithethe okanye abanye abantu ekuthethwa ngabo kwincwadi yeZenzo.

Shumayela usazi ukuba ungxamisekile lo msebenzi

19. Yintoni ekufuneka simana sizipha ithuba lokuyihlola apha kuthi?

19 Le ncwadi inokukunceda ucingisise ngendlela omsebenzela ngayo uYehova. Enoba unexesha elide kangakanani na ungumvakalisi woBukumkani, ingantle into yokuba ukhe umana uzipha ithuba lokujonga ukuba ziintoni ezona zinto ziphambili ebomini bakho, uhlole nendlela ocinga ngayo ngomsebenzi wamaKristu. (2 Kor. 13:5) Zibuze oku: ‘Ngaba umsebenzi wokushumayela usabaluleke ngendlela owawubaluleke ngayo kum xa ndandibhaptizwa? (1 Kor. 7:29-31) Ngaba ndikukhuthalele ukushumayela iindaba ezilungileyo futhi ndithetha ndiqinisekile xa ndishumayela? (1 Tes. 1:5, 6) Ngaba ndiwenza qho umsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi?’​—Kol. 3:23.

20, 21. Kutheni ungxamiseke kangaka nje umsebenzi wethu, futhi yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

20 Masingaze silibale ukuba siphathiswe umsebenzi obalulekileyo​—ukushumayela nokwenza abafundi. Suku ngalunye olugqithayo uya ungxamiseka lo msebenzi. Isiphelo seli hlabathi sisemnyango. Zange nanini na khe ubomi babantu bube sengozini kangaka. Asazi ukuba bangakanani abantu abazimiseleyo abaseza kuwamkela umyalezo wethu. (IZe. 13:48) Kodwa ngumsebenzi wethu ukubanceda bengekashiywa lixesha.​—1 Tim. 4:16.

21 Ngenxa yale nto ke, kubaluleke kakhulu ukuba silinganise abashumayeli boBukumkani ababekhuthele bexesha labapostile. Akwaba ukufundisisa le ncwadi kungakunceda wongeze ukukhuthala nokuba nesibindi kwakho ekushumayeleni. Kwanga ungazimisela ngakumbi ukuqhubeka ‘ushumayela ngokucokisekileyo ngoBukumkani BukaThixo.’​—IZe. 28:23.