Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA ISIPHELO SIKUFUPHI?

“Isiphelo”—Siza Kuba Njani?

“Isiphelo”—Siza Kuba Njani?

Xa usiva amazwi athi, “Isiphelo sikufuphi!” yintoni ethi qatha engqondweni yakho? Ngaba kuthi qatha umfundisi oshumayela ngehlombe, ebhenguza, ethe qhiwu iBhayibhile? Okanye kuthi qatha ixhego elineentshebe limi ekoneni yesitrato, linxibe umwunduzo omde obhinqwe ngentambo, liphethe umbhalo othetha ngesiphelo? Lo mbono usenokubaxhalabisa abanye abantu, uze abanye ubenze basithandabuze isiphelo okanye basuke bahleke nje.

IBhayibhile ithi: “Kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Ikwasichaza isiphelo ngokuthi ‘yimini enkulu kaThixo’ nangokuthi ‘yiArmagedon.’ (ISityhilelo 16:14, 16) Liyinyaniso elokuba, kukho iimfundiso ezininzi ezididayo ngesiphelo, nezenza abantu baphelelwe lithemba. Kodwa iBhayibhile ichaza ngokucacileyo oko sikuko isiphelo noko singekuko. Ikwasenza sibone ngokucacileyo enoba isiphelo sikufuphi nyhani na. Okubaluleke nangakumbi kukuba, isifundisa indlela esinokusinda ngayo! Noko ke, masiqale ngokucacisa iingcamango eziphosakeleyo abanye abanazo ngesiphelo, size sichaze oko sikuko. Siyintoni kanye kanye “isiphelo” ngokutsho kweBhayibhile?

OKO SINGEKUKO ISIPHELO

  1. ISIPHELO ASIKOKUTSHATYALALISWA KOMHLABA NGOMLILO.

    IBhayibhile ithi: “[UThixo] useke umhlaba phezu kweendawo omiswe kuzo; awuyi kushukunyiswa ukusa kwixesha elingenammiselo, okanye nangonaphakade.” (INdumiso 104:5) Esi sibhalo kunye nezinye zisiqinisekisa ukuba uThixo akayi kuwutshabalalisa umhlaba okanye awuvumele ukuba utshatyalaliswe—unotshe!—INtshumayeli 1:4; Isaya 45:18.

  2. ISIPHELO ASIYI KUTHI GQI NJE ESITHUBENI.

    IBhayibhile ithi isiphelo sinexesha elibekiweyo. Ithi: “Akukho bani uwaziyo loo mhla okanye elo lixa, azazi neengelosi ezisezulwini engazi noNyana, ngaphandle koBawo. Hlalani nikhangele, hlalani niphaphile, kuba anazi ukuba ixesha elimisiweyo linini na.” (Marko 13:32, 33) Kucacile ukuba, uThixo (‘uBawo’) ‘unexesha elimisiweyo’ aza kuzisa ngalo isiphelo.

  3. ISIPHELO ASIYI KUZISWA NGABANTU OKANYE ZIZINTO EZIWA EMAJUKUJUKWINI.

    Siza kufika njani isiphelo? ISityhilelo 19:11 sithi: “Ndabona izulu livulekile, yaye khangela! nalo ihashe elimhlophe. Lowo wayehleli kulo ubizwa ngokuba nguThembekile, nguNyaniso.” Ivesi 19 yona ithi: “Yaye ndabona irhamncwa nookumkani bomhlaba nemikhosi yabo behlanganisene ndawonye ukuba benze imfazwe nalowo uhleli ehasheni kunye nomkhosi wakhe.” (ISityhilelo 19:11-21) Nangona apha kuthethwa ngemifuziselo, icacile yona into yokuba: UThixo uza kuthumela umkhosi weengelosi ukuba utshabalalise iintshaba zakhe.

Isiphelo ekuthethwa ngaso eBhayibhileni siziindaba ezimnandi, kungekhona ezimbi

OKO SIKUKO ISIPHELO

  1. ISIPHELO SOORHULUMENTE BABANTU.

    IBhayibhile ithi: “UThixo wezulu uya kumisa ubukumkani [urhulumente] obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Daniyeli 2:44) Njengoko kuchaziwe ngaphambilana kwingongoma yesi-3, baza kutshatyalaliswa “ookumkani bomhlaba nemikhosi yabo,” abaza kube “behlanganisene ndawonye ukuba benze imfazwe nalowo uhleli ehasheni kunye nomkhosi wakhe.”—ISityhilelo 19:19.

  2. ISIPHELO SEMFAZWE, UGONYAMELO NOKUNGABIKHO KOBULUNGISA.

    “[UThixo] uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.” (INdumiso 46:9) “Abathe tye bona baya kuhlala emhlabeni, nabangenakusoleka baya kusala kuwo. Bona ke abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni; ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.” (IMizekeliso 2:21, 22) “Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.”—ISityhilelo 21:4, 5.

  3. ISIPHELO SEECAWA EZIMPHOXILEYO UTHIXO NABANTU.

    “Abaprofeti okunene baprofeta ubuxoki; ke bona ababingeleli, bahamba besoyisa ngokwamandla abo. . . . Niya kwenza ntoni na ekupheleni kwako oku?” (Yeremiya 5:31) “Abaninzi baya kuthi kum ngaloo mini, ‘Nkosi, Nkosi, asizange na siprofete egameni lakho, sakhupha iidemon egameni lakho, senza imisebenzi emininzi yamandla egameni lakho?’ Ukanti ndiya kwandula ndivume kubo ndithi: Andizange ndinazi! Mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.”—Mateyu 7:21-23.

  4. ISIPHELO SABANTU ABAKHUTHAZA NABAXHASA IMICIMBI YEHLABATHI.

    UYesu Kristu wathi: “Ke kaloku nasi isizinzi somgwebo, okokuba ukukhanya kufikile ehlabathini kodwa abantu bathande ubumnyama kunokukhanya, kuba imisebenzi yabo ibingendawo.” (Yohane 3:19) IBhayibhile ithetha ngokutshatyalaliswa kwehlabathi ngexesha lokuphila kwendoda ethembekileyo enguNowa. Ithi: “Ihlabathi langoko latshatyalaliswa xa lakhukuliswa ngamanzi kanogumbe. Kodwa kwangelo lizwi linye amazulu nomhlaba wangoku, zombini ziqwetyelwe umlilo yaye zibekelwe imini yomgwebo neyentshabalalo yabantu abangenabuthixo.”—2 Petros 3:5-7.

Phawula ukuba “imini yomgwebo neyentshabalalo” ezayo ifaniswa nokutshatyalaliswa ‘kwehlabathi’ lexesha likaNowa. Leliphi elo hlabathi latshatyalaliswayo? Umhlaba wasinda; ‘kwatshatyalaliswa abantu abangenabuthixo’—iintshaba zikaThixo. Ngoko naxa kufika “imini yomgwebo” kaThixo, abo bakhetha ukuba ziintshaba zikaThixo baza kutshatyalaliswa. Kodwa abahlobo bakaThixo baza kusinda, njengokuba uNowa nentsapho yakhe basindayo.—Mateyu 24:37-42.

Khawucinge nje indlela oya kuba mhle ngayo lo mhlaba xa uThixo ebususile bonke ubungendawo! Kucacile ke ngoko ukuba, isiphelo ekuthethwa ngaso eBhayibhileni siziindaba ezimnandi, kungekhona ezimbi. Kodwa usenokuba uyazibuza ukuba: ‘Ngaba iBhayibhile iyasichazela ukuba siza kufika nini isiphelo? Ngaba sikufuphi? Ndinokusinda njani?’