Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Ndandibulwa Ngokwam Ubungendawo Nogonyamelo

Ndandibulwa Ngokwam Ubungendawo Nogonyamelo
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1960

  • ILIZWE: ELEBANON

  • UBOMI BANGAPHAMBILI INCUTSHE YEKUNG FU

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO:

Ndakhulela eRmaysh ekufutshane nenkampu ephakathi kukaSirayeli neLebanon, ngamaxesha eemfazwe. Ndisalukhumbula kakuhle uqhushumbo lomhlaba olwashiya abantu abamsulwa beziingxwelerha yaye bengenawo amalungu omzimba. Ubomi babunzima, yaye ulwaphulo-mthetho nogonyamelo zazikho ndawo yonke.

Intsapho yakuthi yayikwiCawa yalapho eLebanon ekuthiwa yiMaronite, enye yeecawa zamaKatolika aseMpuma. Ekhaya sasiyi-12, ibe utata wayexakeke kukusinyamekela njengentsapho ngoxa yena umama wayeqinisekisa ukuba siyaya ecaweni. Ekuhambeni kwexesha, ndaye ndavakalelwa kukuba icawa, njengabantu basekuhlaleni, iye ayakwazi ukuxhasa abo bangathathi ntweni.

Kwiminyaka yam yokufikisa, ndaba nomnqweno kwikung fu. Ndazinikela ngamandla ekuzilolongeni ndaza ndakwazi ukukhaba nokubetha ngenqindi nokusebenzisa izixhobo zokulwa zekung fu. Ndandizixelela ukuba ‘andinakukwazi ukunqanda imfazwe kodwa ke ndingazama ukubanqanda abantu abanogonyamelo.’ Nanini na ndibona abantu abalwayo, ndandiye ndingenelele. Ndandingumntu onomsindo okhawulezayo. Bonke abantu basemazantsi eLebanon babendoyika, njengoko ndandibulwa ngokwam ubungendawo nogonyamelo.

Ngo-1980 ndazibandakanya neqela eliseBeirut lekung fu. Iziqhushumbisi zazixhaphakile apho, kodwa ndandisaqhubeka nokuzilolonga kwam. Ndandisitya ndilale yaye ndiphila kanye njengoBruce Lee, omnye wabadlali beTV ongumTshayina waseMelika oyintshatsheli yekung fu. Iinwele zam ndazenza zafana nezakhe, indlela ahamba ngayo, nendlela angxola ngayo xa edlala ikung fu. Ndandingancumi tu.

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM:

Iphupha lam yayikukuba ngomnye wabakhokela ikung fu eTshayina. Ngenye ingokuhlwa, njengoko ndandizilolonga ndilungiselela uhambo oluya eTshayina, ndeva unkqo nkqo nkqo emnyango. Yayingumhlobo wam ehamba namaNgqina kaYehova amabini. Ndinxibe iimpahla zokujima ezimnyama, yaye umbilo uzehlela kum, ndawaxelela oku: “Andazi nowathwethwa ngeBhayibhile.” Ndandingaqondanga ukuba ngaloo ngokuhlwa ubomi bam babuza kutshintsha.

Loo maNgqina andibonisa ngokusuka eBhayibhileni isizathu sokuba abantu bengenakuze bakwazi ukuphelisa ubungendawo nogonyamelo. Bacacisa ukuba uSathana uMtyholi ngoyena nobangela wezi ngxaki zikhoyo. (ISityhilelo 12:12) Ndakuthanda ukuba noxolo kwala maNgqina nendlela ayezithembe ngayo. Yaye ndachukumiseka xa andifundisa ukuba uThixo unegama. (INdumiso 83:18) Aye andibonisa neyoku-1 kuTimoti 4:8, ethi: “Ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane; kodwa lona uzinikelo lobuthixo luyingenelo kuzo zonke izinto, njengoko lusinika ithemba kobu bomi nakobo buzayo.” Loo mazwi adlala indima enkulu ebomini bam.

Okubuhlungu kukuba loo maNgqina zange ndiphinde ndiwabone, kuba intsapho yakuthi yathi angaphinde abuye. Nangona kunjalo ndenza isigqibo sokuba ndiyeke ukujimela ikung fu ndize ndiqalise ukufunda iBhayibhile. Oobhuti bam ababini zange bakuthande oko, kodwa ke ndandizimisele ukukhangela amaNgqina kaYehova ndize ndifunde nawo iBhayibhile.

Ndaqhubeka nokukhangela amaNgqina kodwa ndandingade ndiwafumane. Kwathi kusenjalo, ndaphazanyiswa kukufa kukatata ngesiquphe, nazezinye iintlungu ezehlela intsapho yam. Ndandisele ndisebenza kwikontraka yokwakha, yaye ngenye imini omnye endisebenza naye ogama linguAdel wema waza wandibuza ukuba kutheni ndiqumbe kangaka. Waye wandixelela ngethemba leBhayibhile ngovuko. Kwiinyanga ezisithoba ezalandelayo eli Ngqina lithandekayo nelinomonde lafunda kunye nam iBhayibhile.

Njengoko siqhubeka sifunda, ndaye ndabona ukuba kufuneka ndibutshintshe kakhulu ubuntu bam. Kwakungelula. Ndandisoloko ndidikiwe yaye ndikhawuleza ukucaphuka. EBhayibhileni ndafunda ukuzibamba nokuba ndingacatshukiswa yiyo yonke into le. Ngokomzekelo, kuMateyu 5:44 uYesu uthi: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.” Wona ke amaRoma 12:19 athi: “Musani ukuziphindezelela, . . . kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘“Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.’” Ezo zibhalo zandinceda ngokuthe ngcembe ukuba ndibe noxolo.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

Nangona ekuqaleni intsapho yam yayingavumelani nesigqibo sam sokufunda namaNgqina kaYehova, ngoku iyawaxabisa amaNgqina. Okuvuyisayo kukuba omnye woobhuti bam naye sele eqalisile ukukhonza uYehova, yaye nomama ebezithethelela iinkolelo zethu kwabanye de kwasekufeni kwakhe.

Ndisikelelwe ngomfazi omhle nonyanisekileyo uAnita, noliqabane lam kumsebenzi wokushumayela ixesha elizeleyo. Ukususela ngo-2000, mna noAnita besihlala e-Eskilstuna eSweden, apho besinceda abantu abathetha isiArabhu bafunde iBhayibhile.

Intliziyo yam isaba buhlungu ngenxa yabantu abathwaxwa lugonyamelo. Kodwa ukwazi oyena nobangela nokwazi ukuba uThixo useza kuluphelisa, kundenza ndibe novuyo noxolo.—INdumiso 37:29.

Mna nomfazi wam sonwabe kakhulu kukushumayela iindaba ezilungileyo. Siyakuthanda ukufundisa abanye ngoYehova