Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Uza kubuyela ntoni uKristu?

Ngaphambi kokuba uYesu Kristu anyukele emazulwini ngonyaka ka-33, wathembisa ukuba uza kuphinda abuye. Wazifanisa nesidwangube esemka ixesha elide, saza sabuya sele sinegunya lokulawula njengokumkani. Injongo yokubuya kukaYesu kukuze azise urhulumente olungileyo ebantwini.—Funda uLuka 19:11, 12.

UYesu uza kuzisa urhulumente olungileyo ebantwini

Ubuya enomzimba onjani uKristu? Wavuswa enomzimba ongabonakaliyo. (1 Petros 3:18) Emva koko wanyukela ezulwini waza wahlala ngasekunene kukaThixo. (INdumiso 110:1) Kamva, uYesu waziswa phambi kukaYehova uThixo, ‘uNyangelemihla,’ owanika uYesu igunya lokulawula lonke uluntu. Ngoko uYesu akazukubuya enomzimba womntu, kunoko uza kubuya enguKumkani ongabonakaliyo.—Funda uDaniyeli 7:13, 14.

Uza kwenza ntoni uYesu xa efika?

Xa uYesu efika ehamba neengelosi, uza kugweba uluntu. Abenzi bobubi uza kubatshabalalisa, aze anike ubomi obungunaphakade abo bamamkelayo ukuba unguKumkani.—Funda uMateyu 25:31-33, 46.

Xa uYesu elawula njengoKumkani uya kwenza umhlaba ube yiparadesi. Uya kuvusa nabo bafileyo ukuze baphile eParadesi.—Funda uLuka 23:42, 43.