Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Ukuncokola Nommelwane

Ngaba UThixo Wohlwaya Abantu Esihogweni?

Ngaba UThixo Wohlwaya Abantu Esihogweni?

AMANGQINA KAYEHOVA ayakuthanda ukuncokola nabamelwane bawo ngeBhayibhile. Ngaba ukho umbandela weBhayibhile owakhe wanombuzo ngawo? Ungathanda ukwazi iinkolelo zamaNgqina kaYehova? Ukuba kunjalo, ungabi mathidala ukuwabuza xa uphinda udibana nawo. Aya kuyiphendula imibuzo yakho.

AmaNgqina kaYehova adla ngokuncokola kanje nabantu. Makhe sithi iNgqina ekuthiwa nguMauricio lincokola nomninimzi ekuthiwa nguAlejandro.

Ngaba UThixo Uza Kubohlwaya Abantu Abangendawo?

Mauricio: Ndiyakuvuyela ukukubona kwakhona, Alejandro.

Alejandro: Kunjalo nakum.

Mauricio: Yazi bendikhe ndacinga ngento esakhe sancokola ngayo ukugqibelana kwethu.

Alejandro: Yintoni kanene leyo?

Mauricio: Kaloku uye wamangaliswa yinto yokuba amaNgqina kaYehova engakholelwa kwisihogo somlilo.

Alejandro: Ewe, nyhani ndothuka. Kwaye xa nditheth’ inyani, kunzima ngam ukuyamkela imbono yenu.

Mauricio: Ndiyabulela ngokundixelela loo nto. Ndisoloko ndinomdla wokuva izimvo zabanye abantu. Ekubeni abantu abaninzi beneembono ezahlukahlukeneyo ngesihogo, ndicela undicacisele ngale yakho?

Alejandro: Kaloku mna ndikholelwa ukuba abantu abenza izinto ezimbi xa besifa baya esihogweni baze bathuthunjiswe ngonaphakade.

Mauricio: Ixhaphakile loo mbono. Makhe ndikubuze, Alejandro, wakha wehlelwa zizinto ezimbi?

Alejandro: Ewe, udade wethu omkhulu wagwintwa kwisithuba seminyaka emihlanu eyadlulayo.

Mauricio: Zabuhlungu ezo ndaba, umele ukuba uyamkhumbula.

Alejandro: Utsh’ ubungevanga. Ndicinga ngaye yonke imihla.

Mauricio: Ndiye ndafumanisa ukuba abantu abaninzi bayakholelwa kwisihogo ngenxa yezinto ezibuhlungu abazenziwa ngabantu abangendawo. Ngoko amaxhoba amsulwa akufuna ngamandla ukubona abo bantu bangendawo besohlwaywa.

Alejandro: Nqo! Ndifuna umntu owagwinta udade wethu ohlwaywe ngenxa yentlungu awayibangela intsapho yakowethu.

Mauricio: Umele kukuvakalelwa ngaloo ndlela. IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo uba buhlungu xa abantu abamsulwa bexhatshazwa—kwaye uthembisa ukuba uza kubohlwaya abangendawo. Qaphela oko kuchazwe kuIsaya 3:11: “Yeha ke kulowo ungendawo!—Uyakufikelwa yintlekele;  kuba indlela aphethe ngayo uyakuphathwa kwangayo!” Ngoko sinokuqiniseka ukuba uThixo uza kubohlwaya abantu abangendawo.

Alejandro: Kodwa oko kunokwenzeka njani xa isihogo singekho ngokutsho kwakho?

Mauricio: Ngumbuzo omhle kakhulu lowo. Impendulo engqalileyo yeyokuba uThixo uza kubohlwaya abangendawo kwintshabalalo kanaphakade. Khawuve oko iBhayibhile ikutshoyo apha kweye-2 kwabaseTesalonika 1:9. Ungasifundela le vesi?

Alejandro: Akukho ngxaki. Ithi ke: “Bona aba baya kuva isohlwayo sesigwebo sentshabalalo engunaphakade bemke phambi kweNkosi nakuzuko lwamandla ayo.”

Mauricio: Ngoko uyabona, Alejandro, ukuba akukho themba ngabantu abangendawo, kuba uThixo ubagwebele ukufa ngonaphakade. Abanathemba labomi kwixesha elizayo.

Alejandro: Ndiyakubona oko ikutshoyo le vesi, kodwa abangendawo abanakufa njengaye nabani na kuba wonke umntu, uyafa. Abafanelwe sisohlwayo esiqatha kunesi abangendawo?

Kubandakanya Ntoni Okusesikweni?

Mauricio: Ndiyabona ukuba ungumntu okuthandayo okusesikweni.

Alejandro: Ndikuthanda, gqitha.

Mauricio: Kuyancomeka oko. Inyaniso yeyokuba, uThixo wabadala abantu bakwazi ukuyibona into eyamkelekileyo nengamkelekanga. Naye uyakuthanda okusesikweni. Kodwa xa iinkokheli zonqulo zifundisa ukuba uThixo uthuthumbisa abantu esihogweni, zimenza abonakale engenako okusesikweni kwaphela.

Alejandro: Uthetha ukuthini?

Mauricio: Makhe ndikubonise umzekelo. Andithi uqhelene nengxelo yeBhayibhile ka-Adam no Eva?

Alejandro: Ewe, uThixo wabaxelela ukuba bangatyi kwiziqhamo zomthi othile kodwa abazange bathobele.

Mauricio: Uchan’ ucwethe. Makhe siyijonge sobabini le ngxelo yeBhayibhile. Ifumaneka kwiGenesis 2:16, 17. Ezi vesi zithi: “Kwaye uYehova uThixo wamwisela lo myalelo umntu: ‘Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo. ‘” Wathi uThixo kwakuya kwenzeka ntoni ukuba uAdam wayenokutya isiqhamo esalelweyo?

Alejandro: Wathi uAdam wayeza kufa.

Mauricio: Kunjalo kanye, khawufan’ ucinge nje: Ngokona kwakhe uAdam wabangela ukuba lonke uluntu luzalwe lunesono. * Ngaba kule vesi, uThixo uyathetha ngokubohlwaya esihogweni?

Alejandro: Hayi akathethi ngako.

Mauricio: Kodwa ukuba uAdam noEva babeza kuthuthunjiswa ngonaphakade, kwakungafanelanga ukuba uThixo ubaxelele? Ebengenakwenza njalo na umntu onothando?

Alejandro: Ebeya kwenjenjalo.

Mauricio: Khawuve, ukuba wathini, uThixo kuAdam noEva emva kokuba bonile. Awunakusifundela iGenesis 3:19?

Alejandro: Kulungile ke, ithi: “Uya kudla isonka sokubila kobuso bakho ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo. Ngokuba uluthuli uya kubuyela kwaseluthulini.”

Mauricio: Enkosi, ngokwala mazwi kaThixo, uAdam wayeza kuya phi xa esifa?

Alejandro: Wathi uAdam wayeya kubuyela eluthulini.

Mauricio: Kunjalo kanye. Ngoko, akuvumi ukuba ukuze umntu abuyele endaweni kumele ukuba wayekuyo ngaphambili?

Alejandro: Kunjalo kaloku.

Mauricio: Kaloku wayephi uAdam ngaphambi kokuba uThixo amdale?

Alejandro: Wayengekho.

Mauricio: Uchanile, yaye uyaqaphela ukuba akuthethwa ngesihogo somlilo kwesi sigwebo sikaThixo. Ngaba kwakuza kufaneleka ngoThixo ukuthi kuAdam wayeza kubuyela eluthulini enziwe ngalo kanti uza kuya esihogweni somlilo?

Alejandro: Hayi, kwakungayi kuba kulungile.

 Ngaba uSathana wenza ukuthanda kukaThixo?

Mauricio: Kukho nenye into ekunokuba kuhle ukuba siyiqwalasele ngemfundiso yesihogo somlilo.

Alejandro: Yintoni leyo?

Mauricio: Kanene, abantu badla ngokuthi ngubani “otshisa” abantu esihogweni somlilo?

Alejandro: NguSathana.

Mauricio: USathana lutshaba olukhulu lukaThixo. Ngoko ukuba ebethumela abantu esihogweni ukuba bathuthunjiswe nguSathana ngaba loo nto ibingayi kuthetha ukuba bayasebenzisana?

Alejandro: Kwekhu! Nantsika andizange ndicinge ngolo hlobo.

Mauricio: Masikuzekelise oku—unguTata, akunjalo?

Alejandro: Ewe, ndinonyana. Usandula ukugqiba iminyaka eli-15 ubudala.

Mauricio: Khawucinge nje ukuba unyana wakho ebenokuba nemvukelo. Enze zonke izinto ezimbi ezikuhluphayo. Ubuza kwenza ntoni?

Alejandro: Bendinokuzama ukumbuyisela ezingqondweni.

Mauricio: Ndiqinisekile, ubuza kumnceda ngokuqhubekayo.

Alejandro: Kunjalo kanye.

Mauricio: Masithi ke kuyo yonke loo migudu uyenzayo, akakunanzi kunoko uya ethath’ unyawo. Ekugqibeleni, uza kunyanzeleka ukuba umohlwaye andithi?

Alejandro: Ewe kunjalo.

Mauricio: Kodwa kuthekani ukuba ufumanisa ukuba kukho ndoda ithile ephembelela unyana wakho ukuba enze ezi zinto zimbi?

Alejandro: Ndinganengqumbo ngakuloo ndoda.

Mauricio: Uyathetha ke ngoku. Ekubeni usazi ukuba le ndoda ingendawo yiyo ebiphembelela unyana wakho ukuba enze izinto ezimbi, ngaba ubunokuphinda ucele kwayona ukuba imohlwaye?

Alejandro: Njani kaloku? Ibingena kuba nangqiqo loo nto.

Mauricio: Uchan’ucwethe, ngoko, ngaba kusengqiqweni ngoThixo ukuba angacela uSathana uMtyholi ukuba ohlwaye abantu—ekubeni ikwanguye ongunobangela wokuba benze okungendawo?

Alejandro: Akunakuba njalo.

Mauricio: Khona, ukuba uThixo ebefuna ukohlwaya abantu abangendawo, yintoni ebinokumenza asebenzise uMtyholi—utshaba lwakhe lokuqala nolokugqibela?

Alejandro: Andizange ndalucinga oluhlobo uze ngalo.

UYehova Uza Kuphelisa Bonke Ubungendawo

Mauricio: Ngoko qiniseka, ukuba uThixo uza kuthabatha amanyathelo nxamnye nabangendawo. Ndivumele ukuba ndifunde umbhalo wokugqibela oyibethelelayo le ngongoma. Ungasifundela INdumiso 37:9?

Alejandro: Kulungile ke, ithi: “Kuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa, kodwa abathembela kuYehova baya kuwudla ilifa umhlaba.”

Mauricio: Enkosi. Ngaba ukuqaphele oko uYehova uThixo aza kukwenza kwabangendawo?

Alejandro: Le vesi ithi uThixo uza kubanqumla.

Mauricio: Kunjalo kanye. Ngamany’amazwi, uza kubatshabalalisa ngonaphakade. Kodwa abantu abalungileyo—“abo bathembela kuYehova”—baza kunandipha ubomi ngonaphakade apha emhlabeni. Ndiqinisekile, ukuba unayo neminye imibuzo. Ngokomzekelo, kutheni uThixo engabathinteli kwasekuqaleni abantu ekwenzeni izinto ezimbi? Yaye ukuba ebezimisele ukubohlwaya kutheni engekabohlwayi?

Alejandro: Ibangel’ umdla le mibuzo.

Mauricio: Mhlawumbi xa siphinda sincokola ngenye imini ndiza kukubonisa iimpendulo zayo apha eBhayibhileni. *

Alejandro: Ndingakuvuyela oko.

^ isiqe. 79 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 11 sencwadi ethi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.