Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Into Esinokuyifunda Kwizinto Ezidaliweyo

Into Esinokuyifunda Kwizinto Ezidaliweyo

Abantu abafunde ngeenkwenkwezi bamangaliswa qho zizinto ezidaliweyo. Basoloko besenza oomatshini ababhetele bokufunda ngazo. Baye babona ntoni?

Izinto ezidaliweyo zinocwangco. Inqaku elikwimagazini ethi Astronomy lithi: “Iigalaksi azithanga saa kodwa zihleli ngocwangco.” Yenzeka njani le nto? Oososayensi bakholelwa ukuba le nto yenzeka ngenxa yento engabonakaliyo ekuthiwa yidark matter. Kuthiwa le dark matter “yinto engabonakaliyo enceda iigalaksi ukuba zihlale zizinzile kwiindawo ezikuzo.”

Ezi zinto zidaliweyo ziye zanocwangco njani? Ngaba yonke le nto yazenzekela? Khawuve into eyathethwa nguAllan Sandage owaswelekayo nowayekholelwa kuThixo. Kule minyaka iyi-100 idlulileyo kuthiwa “ungomnye wabona bantu banconywayo ngokwazi kakhulu iinkwenkwezi.”

Wathi: “Ndiyibona iyinto engenakwenzeka into yokuba izinto ezinocwangco ngoluhlobo kuthiwe zazenzekela. Kumele ukuba ikhona into ezenze zanocwangco.”

Izinto ezidaliweyo zenziwe kakuhle ukuze zixhase ubomi. Khawukhe ucinge ngendlela ilanga elitshisa kakuhle ngayo. Ukuba into elenza liqhubeke lishushu ibingenamandla, ilanga belingazokubakhona. Kanti ukuba ibinamandla kakhulu, ilanga ngelatsha laphela.

Izinto ezidaliweyo zenziwe ngendlela ebekumele zibe yiyo ukuze ubomi bubekhona. UAnil Ananthaswamy obhala ngezinto zesayensi uthi, noba ibinye into ebinomahluko kwizinto ezidaliweyo, “iinkwenkwezi, iiplanethi, neegalaksi ngezingekho. Akukho nto ibinokwazi ukuphila.”

Kwizinto ezidaliweyo kukho nekhaya elenzelwe abantu. Umhlaba unomoya owujikeleze ngendlela efanelekileyo, amanzi aneleyo, nenyanga enceda umhlaba ube kwindawo yawo. INational Geographic ithi: “Indalo nezinto eziphilayo zenza umhlaba ube yeyona planethi oososayensi abayibone inokunceda abantu baphile.” *

Omnye umbhali wathi ilanga nezinto ezilijikelezileyo “likude kwezinye iinkwenkwezi” ezikwigalaksi yethu. Ukuba kude kwazo kunceda ukuba izinto zikwazi ukuphila emhlabeni. Ukuba besihlala kufuphi kwezinye iinkwenkwezi—mhlawumbi esiphakathini segalaksi yethu okanye ekupheleni kwayo—ubushushu belanga bebuza kusigqatsa kakhulu. Kunoko, umhlaba ukweyona ndawo ifanelekileyo kwigalaksi ukuze izinto zikwazi ukuqhubeka ziphila.

Usosayensi onguPaul Davies wathi emva kokufunda kakhulu ngezinto ezidaliweyo: “Andikwazi tu ukuyikholelwa into yokuba zabakho ngempazamo okanye zasuka zazivelela izinto. . . Ubomi bunenjongo nyhani.” UDavies akafundisi ukuba uThixo wadala izinto eziphilayo nabantu, kodwa wena ucinga ntoni? Zonke izinto ezidaliweyo ezulwini nasemhlabeni zenziwe ngendlela yokuba izinto zikwazi ukuphila. Ngaba le ndlela zenziwe ngayo ayibonisi ukuba ukhona umntu ozidalileyo?

^ isiqe. 8 Eli nqaku le National Geographic lalingathi nguThixo odale umhlaba nabantu. Kodwa lalisithi umhlaba unezinto ezinceda abantu bakwazi ukuphila kuwo.