Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iblue-and-yellow macaw. Ubude: iziisentimitha eziyi-85

Izikhwenene Ekuthiwa Ziimacaw

Izikhwenene Ekuthiwa Ziimacaw

IMIBALA eqaqambileyo ivela phezu kwemithi yehlathi njengoko iqela leentaka liqalisa ukubhabha! Lo mbono mhle watsala abahloli bamazwe baseYurophu abafika kuMbindi noMzantsi Merika ekupheleni kweminyaka yoo-1400. Babebona izikhwenene ekuthiwa ziimacaws ezinezisila ezide ezifumaneka kwimimandla yetropiki yoMntla noMzantsi Merika. Kungekudala, imifanekiso yezi zidalwa zimangalisayo yayikwiimapu zalo mmandla njengophawu lweparadesi eyayisandul’ ukufunyanwa.

Iinkunzi neemazi zezi zikhwenene ziqaqambile ngemibala, nto leyo engaqhelekanga kwiintaka ezinemibalabala. Iimacaws ziintaka ezikrelekrele, ezithanda ukuhlala kunye ezenza ingxolo ehlabayo ezindlebeni. Iqela ngalinye liba neentaka ezimalunga ne-30, kwaye zishiya iindlwana zazo kwakusasa ukuze ziye kutya iinkozo, iziqhamo zeetropiki nezinye izinto ezizityayo. Njengezinye izikhwenene, ezi ntaka zisebenzisa iinzipho zazo ukuze zibambe ukutya, zikufake kuloo milomo yazo mikhulu. Ziyakwazi nokuvula amaqokobhe aqinileyo amandongomane! Emva kokutya, zidla ngokubhabha ziye emaweni okanye phezu kwemilambo zize zitye udongwe, nto leyo esenokuba izinceda zihlise ityhefu ekwizinto ezizityileyo kwaye zifumane nezimbiwa ezizidingayo.

“[UThixo] yonk’ into uyenze yantle ngexesha layo.”—INtshumayeli 3:11.

Iinkunzi neemazi zeemacaw zidla ngokuhlala kunye ubomi bazo bonke, zincedisane ekunyamekeleni amantshontsho azo. Iindidi ezahlukeneyo zakha iindlwana zazo kwimingxuma esemithini, kwimingxuma ekwiindonga zemilambo nakwiziduli, okanye kwiimfanta nakwiintanda zamawa, apho inkunzi nemazi zinokubonwa zisusana iintakumba. Nangona amantshontsho eba sele ekhule ngokupheleleyo kwiinyanga ezintandathu, ahlala nabazali bawo malunga neminyaka emithathu. Iimacaw zasendle ziphila phakathi kweminyaka eyi-30 neyi-40, kodwa ezinye zezo ziselugcinweni ziye zaphila iminyaka engaphezu kweyi-60. Kukho malunga neendidi eziyi-18 zezi ntaka, ibe ezinye zazo ziboniswe apha.

Igreen-winged macaw, ekwabizwa nangokuba yimacaw ebomvu naluhlaza. Ubude: ukuya kutsho kwiisentimitha eziyi-95

Iscarlet macaw. Ubude: iziisentimitha eziyi-85

Ihyacinth macaw. Ubude: ukuya kutsho kwiisentimitha eziyi-100. Sesona sikhwenene sikhulu sinobunzima obungaphezu kwe-1,3 kg