Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYAYAZI INTO ENOKUKUNCEDA XA UNESTRES?

Izinto Onokuzenza Xa Unestres

Izinto Onokuzenza Xa Unestres

Izinto ezinokukunceda xa unestres kukujima, kukutya izinto ezisempilweni, kukujonga indlela obaphatha ngayo abanye, nokucinga ngezona zinto zibalulekileyo ebomini bakho. Kweli nqaku, uza kufunda imigaqo eseBhayibhileni enokukunceda xa unestres.

Ungaxhaleli Ingomso

“Ningaze nixhalele ingomso, kuba ingomso liza kuba namaxhala alo.”​—MATEYU 6:34.

Ithetha Ukuthini Le Nto: Amaxhala yinto yemihla ngemihla. Yiloo nto ufanele ungazixhalabisi ngosuku olulandelayo. Jongana nosuku ngalunye.

  • Soze ungabinastres xa unexhala. Yazi oku: Okokuqala, istres awunakusiphepha ngokupheleleyo. Kodwa ukusoloko ucinga ngezinto ongenakuzitshintsha akuncedi. Okwesibini, izinto ezininzi ezisixhalabisayo zisenokungenzeki.

Yiba Bhetyebhetye

“Kodwa ubulumko obuvela emazulwini . . . bubhetyebhetye.”​—YAKOBI 3:17.

Ithetha Ukuthini Le Nto: Ungalindeli ukuba yonke into iza kwenzeka kakuhle. Kwakhona, ungalindeli ukuba wena okanye abanye baza kukwazi ukwenza izinto ezingaphaya kwamandla abo.

  • Thobeka, yiba bhetyebhetye, uze uziqonde izinto wena okanye abanye abakwaziyo nabangakwaziyo ukuzenza. Ngokwenza ngolu hlobo, uza kuzinciphisa izinto ezibangela istres ibe uza kuphumelela. Zama ukuhlala wonwabile. Ukuhleka yenye yezinto ezinokukunceda uhlale wonwabile naxa kukho ingxaki.

Ziqonde Izinto Ezikwenza Istres

“Umntu oqondayo uhlala ezolile.”​—IMIZEKELISO 17:27.

thetha Ukuthini Le Nto: Istres sinokukwenza ungakwazi ukucinga kakuhle, ngoko zama ukuhlala uzolile.

  • Ziqonde izinto ezikwenza istres, uzazi nezinto odla ngokuzenza xa unaso. Ngokomzekelo, xa unestres ungade ubhale izinto ozicingayo, iimvakalelo zakho nendlela oye wenze ngayo izinto. Xa uziqonda zonke ezi zinto, uza kutsho uyazi indlela yokumelana nestres. Kwakhona, zama ukucinga ngeendlela zokuphelisa izinto ezikwenza ube nestres ebomini bakho. Ukuba awukwazi ukusiphelisa, zama ukwenza izinto ezinokusiphungula.

  • Zama ukuzijonga ngendlela eyahlukileyo izinto. Indlela ozijonga ngayo izinto isenokukwenza ube nestres kunendlela ebenokuvakalelwa ngayo omnye umntu. Nazi izinto onokuzenza:

    1. Ungabacingeli kakubi abantu. Ngokomzekelo, masithi ubufolile kuze kubekho umntu ongenelela phambi kwakho. Ukuba umcingela kakubi, unganomsindo, ucinge ukuba ukudelile. Kodwa ngaba lo mntu ungenelele ngabom? Kusenokwenzeka ukuba uphazamile.

    2. Yenza izinto ezinokukunceda. Ngokomzekelo, masithi udiniwe kukulinda ixesha elide kwagqirha, ukufunda incwadi okanye ukugqibezela umsebenzi, kungakunceda ungabi nestres.

    3. Cinga ngemiphumo. Xa kuvela ingxaki zibuze, ‘Ngaba iza kube isandenza istres nangomso?’ Kwazi ukwahlula phakathi kweengxaki ezincinci nezinkulu.

Yenza Izinto Ngocwangco

“Zonke izinto mazenzeke ngesidima nangocwangco.”​—1 KORINTE 14:40.

Ithetha Ukuthini Le Nto: Zama ukwenza izinto ngocwangco ebomini bakho.

  • Abantu abaninzi bathanda ukwenza izinto ngexesha lazo. Xa izinto singazenzi ngocwangco, sizibekela amangomso, sinokuba nestres nomsebenzi omninzi ongagqitywanga. Nazi izinto onokuzenza:

    1. Zibhale phantsi izinto ozicebayo uze uzenze.

    2. Siqonde isizathu sokuba uzibekele amangomso izinto uze ulungise.

Yonke Into Mayibe Nexesha Layo

“Kubhetele ukuphumla kancinci kunokuziqoba ngomsebenzi onzima nokuleqana nomoya.”​—INTSHUMAYELI 4:6.

Ithetha Ukuthini Le Nto: Abanye abantu basebenza nzima bade bangabi nalo nexesha lokuphumla. Banokude bangakwazi nokonwabela umvuzo wabo.

  • Beka imali nomsebenzi endaweni yazo. Ukuba nemali eninzi akuthethi ukuba uza konwaba okanye ungabinastres. INtshumayeli 5:12 ithi: “Ubutyebi besityebi abusilalisi.” Ngoko, yaneliseka zizinto onazo.

  • Yiba nexesha lokuphumla. Siyaphela istres xa usenza izinto ezikonwabisayo. Kodwa izinto ezifana nokubukela iTV zisenokungakuncedi.

  • Ungachithi ixesha elininzi kwizinto zeteknoloji. Ungasoloko ungena kwi email, imiyalezo neewebhsayithi zokuncokola. Ungazijongi ii email zomsebenzi xa ungaphangelanga, ngaphandle kokuba kunyanzelekile.

Zama Ukuhlala Usempilweni

‘Ukuqeqesha umzimba kuyanceda.’​—1 TIMOTI 4:8.

Ithetha Ukuthini Le Nto: Ukujima kunokukunceda ube sempilweni.

  • Yenza izinto eziza kukunceda uhlale usempilweni. Ukujima kunokukwenza wonwabe uze nomzimba wakho ukwazi ukumelana nestres. Kuphephe ukungatyi, nokutya ukutya okungekho sempilweni. Phumla ngokwaneleyo.

  • Kuphephe ukwenza izinto eziyingozi xa unestres, ezifana nokutshaya, ukusebenzisa iziyobisi kakubi, nokusela utywala kakhulu. Ekuhambeni kwexesha ezi zinto zinokukugulisa, uphelelwe yimali uze ube nestres kakhulu.

  • Xa istres sakho sikwenza ugule, ungabi neentloni zokucela uncedo kugqirha.

Zazi Ezona Zinto Zibalulekileyo

‘Qiniseka ngezona zinto zibalulekileyo.’​—FILIPI 1:10.

Ithetha Ukuthini Le Nto: Zazi ezona zinto ufanele uzenze kuqala.

  • Bhala phantsi izinto ekufuneka uzenze, uqale ngezona zibalulekileyo. Le nto iza kukunceda ubone ofanele uqale ngazo, ubone onokucela abanye bakwenzele zona nezo zingabalulekanga kangako.

  • Bhala phantsi indlela olisebenzisa ngayo ixesha lakho ngeveki, uze ucinge ngezinto onokuzenza ukuze ulisebenzise bhetele. Xa ukwazi ukulisebenzisa, izinto ezininzi uza kuzenza kakuhle.

  • Zibekele ixesha lokuphumla. Nokuphumla nje kancinci kungakunceda xa unestres.

Yiba Nomntu Othetha Naye

“Amaxhala ayayityhafisa intliziyo yomntu, kodwa ilizwi elilungileyo liyayidlamkisa.”​—IMIZEKELISO 12:25.

Ithetha Ukuthini Le Nto: Amazwi akhuthazayo anokukunceda ube bhetele.

  • Thetha nomntu okwaziyo ukumamela kakuhle. Angakunceda uzibone ngenye indlela izinto okanye akunike necebo lokuphuma kuloo ngxaki unayo. Mhlawumbi nje ngokuthetha naye, usenokuziva ubhetele.

  • Cela uncedo. Ungacela nabanye abantu bakuphungulele umsebenzi wakho.

  • Xa umntu osebenza naye ekwenza ube nestres, zama ukulungisa izinto. Ngokomzekelo, ungamxelela ngobubele nangobuchule indlela oziva ngayo. (IMizekeliso 17:27) Ukuba izinto azilungi, unokulinciphisa ixesha olichitha naye.

Yazi Ukuba Uyamdinga UThixo

“Bonwabile abo baqondayo ukuba bayamdinga uThixo.”​—MATEYU 5:3.

Ithetha Ukuthini Le Nto: Abantu abadingi nje kuphela ukutya, impahla nendawo yokuhlala. Bayamdinga noThixo. Ukuze sonwabe, kufuneka siyiqonde loo nto size simfune.

  • Ukuthandaza kungakunceda kakhulu. UThixo uyakumema ukuba ‘uliphose kuye lonke ixhala lakho, kuba ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7) Ukuthandaza nokucinga ngezinto eziluncedo kungakunceda ube noxolo.​—Filipi 4:6, 7.

  • Funda izinto eziza kukwenza usondele kuThixo. Le migaqo ikule magazini ithathwe eBhayibhileni, ibe iza kukunceda umfune uThixo uze umfumane. Le migaqo iphinda isincede sibe ‘nobulumko namandla okucinga.’ (IMizekeliso 3:21) Zimisele ukufunda iBhayibhile. Ungaqala ngencwadi yeMizekeliso.