Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Wonke Umntu​—Uyalifuna Ikamva Eliqinisekileyo

Wonke Umntu​—Uyalifuna Ikamva Eliqinisekileyo

Ufuna ukuba nekamva elinjani? Ngokuqinisekileyo, njengabanye abantu ufuna wena nentsapho yakho nibe nekamva eliqinisekileyo, nonwabe, nibe sempilweni, nibe seluxolweni nize niphumelele.

Kodwa abantu abaninzi abaqinisekanga ukuba banganalo eli kamva balifunayo. Kaloku izinto ezinjengeKhorona ababengazilindelanga ziye zabenza baphila kabuhlungu, abanye baye basweleka kanti abanye bayasokola. Ngenxa yaloo nto baye abaqiniseka ngekamva labo.

Ngenxa yokungaqiniseki, abantu bayifuna nyhani into eza kubanceda bafumane ikamva elibhetele. Abanye abantu bacinga ukuba ubomi babo bulawulwa ngamandla angabonakaliyo njengelakhi. Abantu abaninzi bafuna imfundo nobutyebi, kuba becinga ukuba ezi zinto ziza kubanika yonke into abayifunayo. Abanye bathi ukuze wonwabe ebomini kufuneka ube ngumntu olungileyo.

Ngaba ezi zinto ziza kukunika ikamva olifunayo? Ukuze uphenduleke cinga ngale mibuzo ilandelayo:

  • Ikamva lakho lixhomekeke entwenini?

  • Ngaba imfundo nemali zingakunika ubomi obubhetele?

  • Ngaba ukuba ngumntu olungileyo kungakwenza uqiniseke ngekamva lakho?

  • Ungayifumana phi into eza kukunceda ube nekamva eliqinisekileyo?

Le Mboniselo ingakunceda uzifumane iimpendulo.