Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKWENZEKA EHLABATHINI

Makhe Sithethe Ngendalo

Makhe Sithethe Ngendalo

Nangona umhlaba uvelisa umoya ococekileyo, ukutya okunesondlo namanzi acocekileyo, abantu bayaqhubeka bemosha indalo ebangela kubekho ezi zinto. Oososayensi babila besoma bekhangela indlela yokulungisa lo monakalo.

EOstreliya

Kuqikelelwa ukuba kukho amanzi amaninzi angenatyuwa ingako ngaphantsi komgangatho weelwandle ehlabathini lonke. UVincent Post weYunivesithi iFlinders eAdelaide uthi: “Amanzi olwandle ayekade engekho maninzi njengokuba enjalo namhlanje,” ngoko ke unxweme lwaluthe qelele. Ngelo xesha, amanzi emvula “ayezalisa iindawo namhlanje eziphantsi kolwandle.” Oososayensi banethemba lokuba ngenye imini, la manzi aphantsi kolwandle aza kunceda abantu abangaphezu kwezigidi eziyi-700 abangenawo amanzi acocekileyo.

INtlango YeSahara

Isiqingatha sezilwanyana ezikhulu ezihlala kwiSahara siye sanyamalala okanye ngoku sihlala kwindawo nje encinci kakhulu kunaleyo sasikade sifumaneka kuyo. Kuthiwa ezinye zeengxaki zizidubedube ezenzeka kuloo ngingqi nokuzingela ngokugqithiseleyo. Nangona izilwanyana nezityalo ezifumaneka kwiintlango zizininzi njengezo zifumaneka emahlathini, abaphandi bathi “into yokungakhathalelwa kwezinto eziphila kwiintlango icaca ekungaxhasweni kwazo ngokwezimali.” Ngenxa yoko, kunzima ngoososayensi ukuzibek’ esweni izityalo nezilwanyana zasentlango ezisengozini.

Ehlabathini

Kuqikelelwa ukuba ngo-2012 umntu omnye kwabasibhozo oye wafa ubulewe kukungcola komoya. UMbutho Wezempilo weZizwe Ezimanyeneyo (World Health Organization) uthi, “Ngoku ukungcola komoya yeyona ngozi yezempilo egqugqisayo emhlabeni.”